Bancede Beve “Kwakhona”
1 “Sisafuna ukuyiva kwakhona le ntetho yakho.” (IZe. 17:32, TE) Leyo yayiyintsabelo yabanye kwintetho edumileyo kaPawulos kwiNduli kaMars. Ngokufanayo namhlanje, abanye bakulungele ukuphulaphula okungakumbi ngesigidimi soBukumkani esabelana nabo ngaso kutyelelo lwethu lokuqala.
2 Sifundisa ngakumbi xa sibuyela ukuze sihlakulele umdla. Ukulungiselela kakuhle kuya kusinceda sifumane iziphumo ezihle. Iphepha 51 leNcwadi Yesikhokelo Yesikolo lincomela oku: “Kuqala cacelwa engqondweni ziingxoxo ezixhasa umbandela. Zama ukumisela isizathu sokuba njalo kwento. Bona ukuba unako na ukubeka iingcamango ngawakho amazwi. Buqonde kakuhle ubungqina obungokweziBhalo. Kulungele ukubhekisela izibhalo ngempumelelo.”
3 Ukuba ubuhambise incwadi ethi “IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu?,” usenokuthetha okufana noku:
◼ “Xa besincokola kwixa elidluleyo, sixubushe ngezizathu zokuba sinokuyithemba iBhayibhile. Incwadi endikushiyele yona inalo mbuzo, ‘Kutheni Simele Sifunde IBhayibhile?’ [Funda intshayelelo kwiphepha 5, uze umvumele agqabaze kumbuzo osekugqibeleni.] IBhayibhile isixelela ukuba kungekudala uThixo uya kuzicombulula zonke iingxaki ezidida uluntu, yaye isikhokelela kwindlela esimele sihambe ngayo ukuze sinandiphe iintsikelelo zelo xesha livuyisayo. [Funda INdumiso 119:105.] Le ncwadi yenzelwe ukuba luncedo kufundisiso lweBhayibhile lobuqu nolwentsapho. Ndingakuvuyela ukukubonisa indlela yokuyisebenzisa.”
4 Kwabo ububashiyele iphecana elithi “Isizathu Sokuba Unokukholosa NgeBhayibhile,” unokuthetha oku:
◼ “Sonke sinomdla koko sikufunjathelwe likamva. Xa ujonga iimeko ezikhoyo ehlabathini, ucinga ukuba kuza kwenzeka ntoni? [Vumela impendulo.] Ngoxa abantu benokukuqikelela nje kuphela oko kuza kwenzeka, uThixo ukwazi kakuhle okuza kwenzeka. [Funda uIsaya 46:10.] Kusenokukumangalisa ukuphawula ukuba iBhayibhile ixela kwangaphambili ukuba kungekudala siya kunandipha iintsikelelo zeparadisi yomhlaba omtsha. [Funda isiqendu sesithathu kwiphepha 4.] Mandikuchazele ngokubhekele phaya ngeli dinga limangalisayo.”
5 Ukuba uyabuyela apho ubuqalise khona isifundo seBhayibhile, mhlawumbi unokuzama le ntshayelelo:
◼ “Kwiintsuku ezimbalwa ezidluleyo ndikubonise indlela esiyifunda ngayo iBhayibhile sisebenzisa incwadi ethi IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu? Sixubushe iziqendu ezimbalwa kwisahluko 13, ezibonisa indlela iBhayibhile enokubuguqula ngayo ubomi bomntu. Njengokuba bendithembisile, masiqhubeke nengxubusho yethu. Ungathanda ukuza nencwadi yakho neBhayibhile yakho?” Qalisa ingxubusho yakho apho ubuyiyeke khona, uxubusha isiqendu 4-6 sesahluko 13. Lungiselela ukubuyela ukuze uqhubeke nengxubusho.
6 Abukho obunye ubutyebi esinokubunika abanye ngaphezu kolwazi oluchanileyo lweLizwi likaThixo. Ulwazi olunjalo lunokufundisa ukoyika uYehova luze lukhuthaze abantu bahambe endleleni yakhe, ezisa iintsikelelo ezingunaphakade.—IMize. 2:20, 21.