IiNdaba Ezingokobuthixo
EAlbania: NgoJulayi kufikelelwe incopho entsha yabavakalisi abangama-353, kunye nencopho entsha yamaphephancwadi ahanjisiweyo. Abavakalisi bebandla babe nomlinganiselo weeyure ongama-22,4 kubulungiseleli baza baqhuba izifundo zeBhayibhile zamakhaya ezili-1 073.
ECameroon: NgoJulayi kusekwe iofisi yesebe entsha, kwaza kwabakho nencopho entsha yabavakalisi abangama-21 323.
EGreenland: NgoJulayi abavakalisi abafake ingxelo bebeli-134. Le ibiyincopho entsha.
EMzantsi Afrika: Ukongezelela kulawo asele azisiwe, iBandla laseSea Park nelaseMfazazane (omabini akwiNatal South Coast) nawo anandiphe ukunikezelwa kweeHolo zawo zoBukumkani ezintsha ebudeni bukaOktobha. Oku kwenza isimbuku seeHolo zoBukumkani ezintlanu ezinikezelweyo kwimpela-veki kaOktobha 1 no-2, 1994. Simele sibambe ngazibini kubo bonke abancedise kwezi zakhiwo.
EZaire: Nangona bejamelene neemeko ezingaginyisi mathe zamakhulu amawaka eembacu ezingena eZaire, ngoJulayi kufikelelwe incopho entsha yabavakalisi abangama-83 442. Abazalwana benze umgudu obalaseleyo wokuncedana, yaye bathi bazixabisa kakhulu iinkqubo zokunikela uncedo ezivela kwezinye iindawo.