Iphecana IKingdom News Elisexesheni Elimele Lisasazwe Ehlabathini Lonke
1 NgeCawa, ngoAprili 23, kuza kunikelwa intetho ekhethekileyo yesidlangalala enomxholo obangel’ umdla othi “Isiphelo Sonqulo Lobuxoki Sisondele.” Xa kuqukunjelwa loo ntlanganiso ngaloo mini, kuza kukhululwa iphecana iKingdom News elihlokoz’ ingcinga elinamaphepha amane. Isigidimi esisexesheni elisiquletheyo siya kusasazwa ehlabathini lonke ebudeni bethuba elingangeeveki ezintathu ukususela ngoAprili 24 kuse kuMeyi 14.
2 Kuzo zonke iindawo zehlabathi, abantu badidekile. Ingakhathaliseki indawo abahlala kuyo, bathwaxwa ziingxaki. Eli phecana lithi Kingdom News liya kubangel’ umdla ngokwenene kwabo baxhalatyiswe ngokunyanisekileyo koko kwenzekayo, ekubeni liya kubalathisela eLizwini likaThixo njengokhokelo lwabantu olungazange lwasilela. (INdu. 119:105) Sonke sikhangele phambili ekufumaneni umbhalo wephecana iKingdom News xa likhululwa ngoAprili 23. Okwangoku, kuninzi esimele sikwenze ukulungiselela eli phulo likhethekileyo leeveki ezintathu.
3 Khuthaza Bonke Babe Nesabelo Ngenzondelelo: Ngoobani abanokuba nesabelo kulo msebenzi? Ngokuqinisekileyo wonk’ ubani osele engumvakalisi uya kukulangazelela ukuba nesabelo kuwo! Kuthekani ngabaqhutyelwa izifundo zeBhayibhile abeza rhoqo kwiintlanganiso? Bambi bebenxulumana nathi kangangethuba elide yaye ngokuthe ngcembe benza inkqubela. Ukuba sebebuvisisanise nemigaqo yeZibhalo ubomi babo, ngaba bakufanelekele ukubalwa njengabavakalisi boBukumkani? Umvakalisi oqhuba isifundo seBhayibhile usenokuwuxubusha lo mbandela nalowo amfundelayo, yaye ukuba lowo ufundelwayo uyakunqwenela ukuba nesabelo kwinkonzo yasentsimini, abadala ababini baya kuhlolisisa naye umbandela okwiphepha 98 nelama-99 lencwadi ethi Ukulungelelaniselwa Ukufeza Ubulungiseleli Bethu. Oku kufanele kwenziwe ngokukhawuleza ukuze abo bafanelekayo njengabavakalisi abangabhaptizwanga babe nesabelo ngokuzeleyo kweli phulo. Abaqhutyelwa izifundo zeBhayibhile abangekakufanelekeli ukubalwa njengabavakalisi abangabhaptizwanga nabo basenokukhuthazwa babe nesabelo ekwabelaneni nabahlobo okanye amalungu eentsapho zabo ngeli phecana lisexesheni lithi Kingdom News.—Bona IMboniselo, kaNovemba 15, 1988, iphepha 17, isiqendu 8.
4 Lo msebenzi awunzimanga; wonk’ ubani unokuba nesabelo kuwo. Abazali xa beqhuba isifundo sentsapho seBhayibhile seeveki ngeeveki baquke nexesha lokuqhelisela ukuhambisa iphecana iKingdom News ukuze onke amalungu entsapho akulungele ukulihambisa kwindlu ngendlu. Ngokuqhelekileyo intshumayelo elula yeyona ilungileyo. Emva kwentshayelelo emfutshane, nika umninimzi iphecana elithi Kingdom News uze umkhuthaze ukuba alifunde. Xa umninimzi ebonisa umdla, kubhale oko ukuze ubuyele uze uhlakulele umdla. (1 Kor. 3:6, 7) Eyona ndlela yokuphumelela kukuba nentshumayelo emfutshane nelungiselelwe kakuhle.
5 Ebudeni buka-Aprili noMeyi siya kuba ‘nokuninzi esimele sikwenze.’ Kwinkupho yoBulungiseleli Bethu BoBukumkani yenyanga ezayo, kuza kunikelwa inkcazelo engakumbi kwisihlomelo esinomxholo othi ‘Okuninzi Esimele Sikwenze Emsebenzini WeNkosi.’—1 Kor. 15:58, NW.