IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 3/95 iphe. 1
  • Sinikwe Okukhulu​—⁠Kufunwa Okukhulu

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Sinikwe Okukhulu​—⁠Kufunwa Okukhulu
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1995
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuzinikela Ngokuzithandela Kuwo Wonke Umsebenzi Olungileyo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1995
  • Isigidimi Esimele Sisivakalise
    Zuza Kwimfundo Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1995
km 3/95 iphe. 1

Sinikwe Okukhulu​—⁠Kufunwa Okukhulu

1 Hayi indlela esibabalwe ngayo ngokufumana inyaniso! Ngenxa yokuzahlulela kwethu kuYehova, “siphathiswe iindaba ezilungileyo.” (1 Tes. 2:⁠4) Oku kusinika imbopheleleko enkulu. UYesu wathi: “Kubo bonke abanikwe okukhulu, kuya kufunwa okukhulu kubo.”​—⁠Luka 12:48b.

2 Hayi indlela ayinyaniso ngayo loo mazwi! Ekubeni sonke siye sasikelelwa ngolwazi lweLizwi likaThixo, ngobuzalwana obumangalisayo nangethemba elingummangaliso, ngokwenene kunokuthiwa sinikwe okukhulu. Ngokusengqiqweni, kulindelwe ukuba sibuyisele okukhulu.

3 Hlala Unembono Elungeleleneyo Ngezinto Ezifunekayo: Bambi bagqibe kwelokuba okufunwayo kuthi kugqith’ emgceni. NjengeNtloko yebandla lamaKristu, uYesu Kristu nguye ogqiba ‘ngoko kufunekayo’ ukuze lisebenze ngokufanelekileyo. (Efe. 4:​15, 16) Usiqinisekisa ukuba ‘idyokhwe yakhe imnandi, nomthwalo wakhe ulula.’ (Mat. 11:​28-30) Ngothando uyababonelela abo basikelwe umda. (Luka 21:​1-4) Ukuba sinikela okusemandleni ethu, kungakhathaliseki ukuba kungakanani na, siya kusikelelwa.​—⁠Kol. 3:​23, 24.

4 Khawuzibuze oku, ‘Ngaba izilangazelelo zoBukumkani ziza kuqala ebomini bam? Ngaba ixesha lam nezinto zam ndizisebenzisa ngendlela eya kwenza igama likaThixo lidunyiswe kuze kungenelwe nabanye? Ngaba eyona nto indivuyisayo kukukhonza uYehova kunokuthi ngokuzingca ndivuyiswe kukuba nezinto eziphathekayo?’ Iimpendulo zethu ezinyanisekileyo kule mibuzo zibonisa iintshukumisa ezisezintliziyweni zethu.​—⁠Luka 6:⁠45.

5 Kuphephe Ukulingelwa Ukwenza Okubi: Akuzange ngaphambili kubekho izilingo neengcinezelo ezingaka zokusukela izinto zobuqu, ukubawa nokuthanda iziyolo. Yonk’ imihla sijamelana nocelomngeni lokuziphatha, sicinezelelwa ukuba silalanise. Ukuze sihlangabezane nolu celomngeni ngempumelelo, simele sicele uYehova asincede. (Mat. 26:41) Ngomoya wakhe, unokusomeleza. (Isa. 40:29) Ukufunda iLizwi likaThixo imihla ngemihla kuluncedo gqitha. (INdu. 1:​2, 3) Ukuziqeqesha nokuzeyisa nako kunendima ebalulekileyo.​—⁠1 Kor. 9:⁠27.

6 Ukuthanda okulungileyo akwanele​—⁠sikwamele sikuthiye okubi. (INdu. 97:10) Oku kuthetha ukungahlakuleli umnqweno wezinto ezimbi. IMizekeliso 6:​16-19 idwelisa izinto ezisixhenxe uYehova azithiyileyo. Licacile elokuba umntu ofuna ukukholisa uYehova umele azithiye ezo zinto. Ekubeni sisikelelwe ngolu lwazi lwenyaniso, sifanele sifune ukwenza ngokuvisisana nolo lwazi, sigcine iingqondo zethu zicinga ngezinto ezilungileyo.

7 Kufanelekile ukuba sithandazele iimeko ezisenza sibe ‘nokuninzi esimele sikwenze kumsebenzi weNkosi.’ (1 Kor. 15:58) Abaninzi bafumanise ukuba ukuxakeka enkonzweni kaYehova kuyakhusela kuba akukuniki xesha lininzi lokusukela izinto ezingaxabisekanga.

8 Xa siqwalasela zonke ezi zinto, oko kufunwa nguYehova kuthi kusengqiqweni kakhulu. (Mika 6:⁠8) Sinezizathu ezininzi zokuba nombulelo ngelungelo ngalinye lenkonzo. (Efe. 5:20) Ngoko ke, siqhubeka ‘sibulaleka,’ sinethemba lokuba umvuzo wethu uya kuba mkhulu kunayo nayiphi na into ekufunwa siyenze.​—⁠1 Tim. 4:⁠10.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share