Iintlanganiso Zenkonzo KaMatshi
Iveki Eqala NgoMatshi 6
13 imiz: Izaziso zasekuhlaleni neZaziso ezikhethiweyo kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani. Xubusha iSingxobo Semibuzo.
15 imiz: “Sinikwe Okukhulu—Kufunwa Okukhulu.” Imibuzo neempendulo. Khuthaza bonke abafanelekayo bacinge ngokubhalisa njengoovulindlela abangabancedani ebudeni buka-Aprili.
17 imiz: “Ukuvakalisa ‘Amazwi Esiprofeto.’” Hlolisisa iimbalasane. Cela abaphulaphuli babalise amava abawafumene xa bebesebenzisa okanye behambisa incwadi ethi Incopho YeSityhilelo. Khuthaza bonke babe nesimo sengqondo esikhuthazayo ekunikeleni le ncwadi, ekubeni ixubusha ngeziganeko ezenzekayo ezixhalabise wonk’ ubani. Yiba nomboniso omnye okanye emibini yeendlela zokuyihambisa.
Ingoma 31 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoMatshi 13
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Yenza amagqabaza amafutshane utsalela ingqalelo kwibhokisi ethi “Okumele Kukhunjulwe Ngunobhala Nomveleli Wenkonzo.” Ingxelo yemali.
15 imiz: “Iphecana IKingdom News Elisexesheni Elimele Lisasazwe Ehlabathini Lonke.” Intetho ngumdala. Gxininisa ukubaluleka kweli phulo likhethekileyo lisondelayo ebudeni buka-Aprili noMeyi. Khuthaza bonke, kuquka nabasebatsha, bacebe ukuba nesabelo ngokupheleleyo.
20 imiz: “Kufuneka Abasebenzi Bokuzithandela Abangakumbi Kwinkonzo YaseBheteli.” Ukugutyungelwa kwesiqendu 1-13 ngemibuzo neempendulo.
Ingoma 36 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoMatshi 20
15 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Yenza umboniso wentsapho isebenzisa i-1995 Yearbook. Eli qela lentsapho livakalisa uxabiso ngale ncwadi; ubawo ngokufutshane uhlolisisa iimbalasane zombandela okwintshayelelo kwiphepha 3-11. Baxubusha indlela abaya kuzama ngayo ukufunda amaphepha ambalwa e-Yearbook kunye veki nganye baze baqinisekise ukuba suku ngalunye bahlola indinyana yeBhayibhile ekhethiweyo kwincwadana ethi Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla.
15 imiz: Iimfuno zasekuhlaleni. Okanye intetho kwinqaku elithi “Mnikeni Irhafu Ofanelwe Yirhafu,” kwiMboniselo kaNovemba 15, 1994, iphepha 26-8.
15 imiz: “Nceda Abanye ‘Bazigcine Izinto Ezibhaliweyo.’” Hlolisisa iingongoma eziziintloko, uze ube nomboniso omnye okanye emibini yokwenza amabuyelo.
Ingoma 52 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoMatshi 27
5 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Khumbuza abavakalisi bafake ingxelo yabo yenkonzo yasentsimini kaMatshi ngokukhawuleza. Abaqhubi bezifundo zencwadi bafanele badibane nabo bonke abavakalisi abakuludwe abalufumene kunobhala, bebakhuthaza ukuba bafake naziphi na iingxelo ezifike emva kwexesha.
12 imiz: “Esona Siganeko Sibalulekileyo Kwimbali Yoluntu.” Yixubushe nabaphulaphuli. Hlolisisa amalungiselelo eSikhumbuzo asekuhlaleni. Cacisa isizathu sokuba kufuneka simeme abantu abanomdla size sibancede bakwazi ukubakho.
18 imiz: “Kufuneka Abasebenzi Bokuzithandela Abangakumbi Kwinkonzo YaseBheteli.” Xa ugubungela isiqendu 14-18, lungiselela umboniso kabawo ethetha nonyana wakhe okwishumi elivisayo ngosukelo lwenkonzo yaseBheteli noko lo nyana anokukwenza ukuyilungiselela ngokuvisisana namacebiso anikelweyo. Ukuba ebandleni kukho ababekhe bangamalungu entsapho yaseBheteli okanye bakho abangawo ngoku, lo bawo usenokuquka abe mnye okanye babe babini kwaba bazalwana kwingxubusho yakhe nonyana wakhe. Emva kwalo mboniso isiqendu 19-23 zifanele zixutyushwe ngemibuzo neempendulo.
10 imiz: Ukunikela umrhumo weMboniselo ngoAprili. Hlolisisa la macebiso alandelayo okuhambisa imirhumo kwindlu ngendlu: Yiba noncumo lobuhlobo. Yiba nehlombe. Musa ukukhawulezisa xa uthetha. Xubusha inqaku libe linye kwiphephancwadi elinye. Nika umninimzi iphephancwadi. Ukuba umnikelo womrhumo awamkelwa, nikela amaphephancwadi amabini. Mazise ukuba uza kubuya neenkupho ezilandelayo. Qukumbela ngamazwi akhayo ukuba amaphephancwadi akamkelwa. Gcina ingxelo yabo bonke abanomdla nabathabathe uncwadi. Xa uqukumbela, yenza umboniso omnye okanye emibini wokunikela iinkupho ezisexesheni zamaphephancwadi.
Ingoma 176 nomthandazo wokuqukumbela.