Thetha Ngenkalipho
1 Kwiminyaka yakutshanje abavakalisi bezinye iindawo bafumanisa ukuba kuya kusiba nzima ukuthetha nabantu emakhayeni abo. Abaninzi bathi kwintsimi yabo bangaphezu kwama-50 ekhulwini abantu abangafumanekiyo emakhaya xa kusiyiwa kwindlu ngendlu. Ngenxa yoko, ixesha elininzi limka nje namanzi.
2 Kwiminyaka emininzi ngaphambili abantu babefumaneka emakhaya ngeCawa, usuku olwalujongwa ngokubanzi njengolokuphumla. Amasiko aguqukile. Namhlanje iqhelekile into yokuba abantu baphangele, banyamekele iintswelo zeentsapho zabo njengokuya ezivenkileni, okanye ukuzonwabisa, nto leyo ebenza bangahlali emakhaya. Ngoko ke kwanangeeCawa, ukudibana nabantu kwindlu ngendlu kuye kwayingxaki.
3 Xa abantu bengekho emakhaya, kucacile ukuba ikho indawo abaye kuyo. Ekubeni usukelo lwethu ikukuthetha nabantu, simele sithethe nabo sidibana nabo—esitratweni, kwindawo yentengiso, okanye emsebenzini. Kwakulisiko likaPawulos ukuthetha “nabasukuba bekhona,” ukuze anikele ubungqina kubo. (IZe. 17:17) Oku kwangqineka kuyindlela ephumelelayo yokunikela ubungqina ngelo xesha, ibe iseyindlela ephumelelayo yokunikela ubungqina nakulo mhla wethu.
4 Xa sisiya kwindlu ngendlu, sidla ngokubona abantu bezithele chu okanye belindele omnye umntu. Ngemini ezolileyo, kusenokubakho abahleli kwisitulo esisepakini okanye abalungisa okanye abahlamba iinqwelo-mafutha zabo. Uncumo okanye umbuliso wobuhlobo usenokwanela ekuqaliseni incoko. Ukuba bahlala kufuphi, sisenokude sikhankanye nokuba asibafumani emakhayeni abo yaye ngoku sivuyiswa kukufumana ithuba lokuthetha nabo. Ngokuthabatha inyathelo lokuqala bebonisa inkalipho engakumbi, abaninzi baye bafumana amava anomvuzo.
5 Inkalipho Iba Nemiphumo: Omnye umzalwana wabalisa ukuba yena uya kubantu abamileyo, belindele uduladula, ababethwa ngumoya, okanye abahleli kwinqwelo-mafutha. Ngoncumo lobuhlobo nelizwi elidlamkileyo, uzenza ummelwane onobuhlobo ofuna nje ukutyelela. Ngale ndlela akahambisi uncwadi oluninzi nje kuphela kodwa uye waqalisa izifundo zeBhayibhile eziliqela.
6 Omnye umzalwana nomkakhe babesiya kwindlu ngendlu xa badibana nebhinqa lizihambela lithwele ibhegi enkulu yezinto elalizithengile. Baqalisa incoko, belincoma ngenkuthalo ekunyamekeleni iintswelo zentsapho yalo. Balibuza oku: “Kodwa ke, ngubani onokunyamekela iintswelo zoluntu?” Oku kwavusa umdla weli bhinqa. Incoko emfutshane yakhokelela ekubeni libamemele kwikhaya lalo, apho kwathi kwaqaliswa isifundo seBhayibhile.
7 Ngoko kwixa elizayo xa unikela ubungqina kwindlu ngendlu, nokuba kungeCawa okanye lolunye usuku lweveki, yaye ufumanisa ukuba abantu abekho emakhaya, kutheni ungabi nenkalipho uze uthethe nabantu odibana nabo—esitratweni okanye kwenye indawo? (1 Tes. 2:2) Usenokuba nobulungiseleli obunemveliso, ibe uya kuba novuyo olukhulu kwinkonzo yakho.