Isingxobo Semibuzo
◼ Ngaba kufanelekile ukunikela xa abanye besibonelela ngezithuthi?
Singabanye sineemeko ezenza sixhomekeke kuncedo lwabanye rhoqo xa sisiya kwiintlanganiso nakwinkonzo yasentsimini. Abazalwana noodade abaninzi ngobubele bayazixhamla baze ngothando basebenzise ixesha labo, iinqwelo-mafutha nobunye ubuncwane babo besibonelela ngezithuthi. Nangona kusenokufuneka bahambe kuselithuba kunesiqhelo yaye besenokubambezeleka xa bebuyela emakhaya, basibonelela ngezithuthi ngomoya ovumayo.
Njengakuyo yonke inkalo yobulungiseleli bethu bobuKristu, umgaqo ofumaneka kumaGalati 6:5 uyasebenza: “Ngamnye uya kuthwala umthwalo wakhe.” Ngoko ke, xa kukho umntu osoloko esibonelela ngesithuthi, sifanele sibe noxabiso kungekhona nje ngomlomo kuphela, kodwa nangomnikelo ofanelekileyo wokunceda ekuhlawuleni iindleko ezibandakanyekileyo, ukuba sinako.—Mat. 7:12; 1 Kor. 10:24.
Kwanokuba lo mntu usebenzisa inqwelo-mafutha yakhe akafuni ncedo lwamali ibe akabonakali ngathi uluswele, ukunikela ngokunyanisekileyo kusoloko kuxatyiswa. Umqhubi usenokulandula yonke into; kakade ke, ifanele ibe nguye ogqiba ngolo hlobo. Kodwa kufanelekile ukuba wena unikele. Ukuba okwelo xesha akunawo nawuphi na umnikelo, usenokuhlala uwukhumbula; usenokunikela okuthile okuthe chatha kwixa elizayo ukhwela kwinqwelo-mafutha.—Luka 6:38.
Luthando oluqhuba abo baneenqwelo-mafutha babonelele ngezithuthi abanye abebesenokungakwazi ukuza kwiintlanganiso okanye kubulungiseleli basentsimini. (IMize. 3:27) Kwangaxeshanye, ikwakukubonakalisa uthando ukuba abo bancedwayo bathi babonakalise imibulelo yabo ngokunikela ngokuvisisana neemeko zabo.—Kol. 3:15.