Shumayela UBukumkani
1 KumaHebhere 10:23, sibongozwa ukuba ‘silubambe nkqi uvakaliso lwasesidlangalaleni lwethemba lethu.’ Yaye ithemba lethu lingoBukumkani bukaThixo. UYesu wayalela ukuba kushunyayelwe iindaba ezilungileyo zoBukumkani ngokukhethekileyo kuzo zonke iintlanga. (Marko 13:10) Kufuneka sikukhumbule oku ngoxa sikubulungiseleli bethu.
2 Xa sidibana nabantu, sizama ukuqalisa incoko ngento abanomdla kuyo okanye ebaxhalabisayo. Sidla ngokukhankanya izinto abazaziyo, ezinjengolwaphulo-mthetho lwasekuhlaleni, iingxaki zabantu abaselula, amaxhala angokuziphilisa, okanye iingxaki zehlabathi. Ekubeni iingqondo zabantu zicinga ngala ‘maxhala obomi,’ xa sibonisa ukuba sixhalabile yaye siyaqonda, ngokufuthi abantu baya kusichazela oko bakucingayo. (Luka 21:34) Oku kusenokusivulela indlela yokwabelana nabo ngethemba lethu.
3 Phofu ke, ukuba asilumkanga, incoko isenokuba ngezinto ezingakhiyo ukusa kwinqanaba lokuba singabi sakwazi ukuyifeza injongo yotyelelo lwethu—ekukushumayela isigidimi soBukumkani. Ngoxa sitsalel’ ingqalelo kwiimeko ezimaxongo ezibangela ukubandezeleka okungathethekiyo, usukelo lwethu kukutsalela ingqalelo kuBukumkani, obuya kuthi ekugqibeleni bucombulule zonke iingxaki zoluntu. Sinethemba elingummangaliso abantu abalifuna ngamandla ukuliva. Ngoko ngoxa sisenokuthi ekuqaleni sixubushe nje ngezinye zeenkalo ‘zamaxesha amanqam ekunzima ukuqhubana nawo,’ sifanele sikhawuleze sitsalele ingqalelo kwisigidimi sethu esiphambili, ‘iindaba ezilungileyo ezingunaphakade.’ Ngale ndlela siya kubufeza ngokupheleleyo ubulungiseleli bethu.—2 Tim. 3:1; 4:5; ISityhi. 14:6.