Iintlanganiso Zenkonzo KaMatshi
Iveki Eqala NgoMatshi 3
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. IZaziso ezikhethiweyo kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani. Bakhuthaze bonke baqalise ukumema abantu abanomdla beze kwiSikhumbuzo ngoMatshi 23. Babonise isimemo seSikhumbuzo, uze ubabongoze bonke ukuba bazifumanele isixa sazo baze baqalise ukuzisasaza kule veki.
15 imiz: “Yakha Intsapho Yakho.” Imibuzo neempendulo. Quka namava akwi-1995 Yearbook, iphepha 228.
20 imiz: “Ukunceda Iintsapho Zifumane Ikamva Elihlala Lihleli.” (Isiqendu 1-5) Yithi gqabagqaba ngesiqendu 1, wandule ke uxubushe ngendlela onokuhlakulelwa ngayo umdla kwincwadi ethi Ulonwabo Lwentsapho ngokusebenzisa imixholo yezahluko, imifanekiso yayo emibalabala, neebhokisi zempinda. Yiba nabavakalisi abanobuchule besenza umboniso ngeentshumayelo ezikwisiqendu 2-5. Bakhuthaze bonke benze umgudu okhethekileyo wokuhambisa le ncwadi kwiintsapho ezibonise umdla kwixa elidluleyo.
Ingoma 71 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoMatshi 10
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Ingxelo yemali. Bakhumbuze xa bebonke baqiniseke ukuba bahambisana nofundo lweBhayibhile lweSikhumbuzo olungoMatshi 18-23, njengoko luboniswe kwincwadana ethi Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla.
20 imiz: “Zibonakaliseni Ninombulelo.” Imibuzo neempendulo. Sifanele senze umgudu onyanisekileyo sonke ukuze simeme izifundo zeBhayibhile, abantu abanomdla, amalungu entsapho anomdla nabo nabaphi na abazalwana noodade abangasanxulumani ngokukhutheleyo nebandla ukuba beze kwiSikhumbuzo. Yiba nomboniso omfutshane womvakalisi emema umntu onomdla ukuba eze kwiSikhumbuzo, esebenzisa isimemo seSikhumbuzo. Gqabaza ngokubhekele phaya ngeMboniselo kaJulayi 1, 1988, iphepha 11, isiqendu 16-17. Khuthaza bonke abanako ukuba babe ngoovulindlela abangabancedani ngoAprili nangoMeyi.
15 imiz: “Ukunceda Iintsapho Zifumane Ikamva Elihlala Lihleli.” (Isiqendu 6-8) Nikela amacebiso abonisa indlela yokuhambisa incwadi ethi Ulonwabo Lwentsapho xa unikel’ ubungqina obungacwangciswanga emsebenzini, esikolweni, epakini, okanye kwisithuthi sikawonke wonke, naxa utyelele izalamane. Yiba nomvakalisi onobuchule esenza umboniso ngeentshumayelo ezikwisiqendu 6 nesesi-7. Ingxubusho yebuyelo ifanele incede loo mntu aqonde indlela ukufundisisa iBhayibhile okunokuwomeleza ngayo amaqhina entsapho. Sifanele siqhube izifundo kwincwadana enemifanekiso ethi Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi?, sinosukelo lokuzidlulisela kwincwadi ethi Ulwazi, okanye isifundo sisenokuqaliswa kwincwadi ethi Ulwazi ngokwayo.
Ingoma 72 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoMatshi 17
15 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Hlolisisa “Okumele Kukhunjulwe NgeSikhumbuzo,” uze uchaze namalungiselelo asekuhlaleni eSikhumbuzo. Sonke sifanele senze izicwangciso zokugqibela zokunceda izifundo zeBhayibhile nabantu abanomdla ukuba babekho. Yazisa ibandla ngamalungiselelo enkonzo yasentsimini ngoMatshi 21 oyiholide kawonke wonke.
15 imiz: Intetho enikelwa ngumdala esekelwe kwinqaku leMboniselo kaSeptemba 15, 1996, iphepha 22-4 elithi “Ngaba Ngokwenene Kuyafuneka Ucele Uxolo?”
15 imiz: Yisebenzise Kakuhle Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Yowe-1997. Ubawo uhlolisisa iimbalasane ezikwiphepha 3-9 kunye nentsapho yakhe. Ubonisa isizathu sokuba sivuye xa sibona inkqubela yobuthixo kulo lonke ihlabathi. Ubawo ucacisa indlela abaza kuthi ngayo kulo nyaka, baziphe imizuzu nje embalwa ngosuku ngexesha lokudla ukuze baqhubeke befunda Incwadi Yonyaka ndawonye nokuhlolisisa itekisi yosuku. Ukuba ayikafumaneki iNcwadi Yonyaka Yowe-1997, xubusha iimfuno zasekuhlaleni.
Ingoma 75 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoMatshi 24
9 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Cacisa ukuba alikapheli ixesha lokufaka isicelo sobuvulindlela bobuncedani ngoAprili. Chaza amalungiselelo angakumbi enziwayo ekuhlaleni eentlanganiso zenkonzo kuloo nyanga.
24 imiz: “Qweba Inkalipho Ukuze Ubuyele.” (Isiqendu 1-20) Imibuzo neempendulo. Yiba nomboniso omfutshane ngesiqendu 16.
12 imiz: Ukunceda Umvakalisi Osemtsha Aqalise. Hlolisisa isiqendu 19 kwisihlomelo soBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaJuni 1996. Yiba nomboniso wendlela umvakalisi onobuchule asixhobisa ngayo isifundo seBhayibhile esisandul’ ukunconyelwa ngabadala njengomvakalisi ongabhaptizwanga. Bahlolisisa kunye incwadi ethi Ubulungiseleli Bethu, iphepha 111, isiqendu 2. Lo mvakalisi uligqala uchaza oko asenokujamelana nako xa enikela ubungqina kwindlu ngendlu nokuba akukho mfuneko yakudimazeka ukuba inkoliso ayisabeli. Lo mvakalisi ubalisa amava akhuthazayo abonisa uvuyo esiba nalo xa sifumana umntu onyanisekileyo ophulaphulayo. Balungiselela kunye intshumayelo emfutshane, nelula esekelwe kwiphephancwadi baze bayiqhelisele. Uyamncoma aze enze amalungiselelo aqinisekileyo okuba nesabelo kunye naye kwinkonzo yasentsimini kule veki.
Ingoma 89 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoMatshi 31
15 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Mema bonke abanomdla beze kwintetho ekhethekileyo yesidlangalala ngoAprili 6. Bakhumbuze bonke bangenise iingxelo zabo zenkonzo yasentsimini kaMatshi. Yazisa amagama abo bonke abangoovulindlela abangabancedani ngoAprili. Hlolisisa Isingxobo Semibuzo.
20 imiz: “Qweba Inkalipho Ukuze Ubuyele.” (Isiqendu 21-35) Imibuzo neempendulo. Hlolisisa ibhokisi ekwiphepha 3. Bakhuthaze bonke babale onke amabuyelo abaye kuwo kule nyanga xa befaka ingxelo yabo yenkonzo yasentsimini.
10 imiz: Hlolisisa Umnikelo Woncwadi NgoAprili. Hambisa umrhumo weMboniselo okanye incwadana enemifanekiso ethi Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi? Yithi gqabagqaba ngamacebiso akwisiqendu 3, 4, nesesi-8 kwiphepha 12 kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaOktobha 1996 ngendlela yokulungiselela iintshumayelo. Yiba nabavakalisi ababini besenza umboniso ngentshumayelo enye okanye ezimbini ezimfutshane uze ube nomnye umboniso apho kuhanjiswa amaphephancwadi xa umrhumo ungamkelwa. Abavakalisi bafanele bazigcine iingxelo zabo bathabathe amaphephancwadi baze babafake kumzila wabo wamaphephancwadi.
Ingoma 92 nomthandazo wokuqukumbela.