IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 5/97 iphe. 3
  • Intlanganiso Nabaveleli Besithili

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Intlanganiso Nabaveleli Besithili
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1997
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1997
km 5/97 iphe. 3

Intlanganiso Nabaveleli Besithili

NgoFebruwari 11, 1997, abaveleli besithili abathandathu abakhonza phantsi kweli sebe loMzantsi Afrika bebenentlanganiso yabo yaminyaka le eBheteli kuxutyushwa ngeentswelo zentsimi yethu, nangengxelo engenkqubela eyenziwe nyakenye. Ngenxa yale ngxubusho, sithanda ukubalaselisa iinkalo ezintathu zentsimi yethu ezifuna ingqalelo.

1)Yakha ubumoya bomvakalisi ngamnye. Kufuneka abantu ngabanye, iintsapho nabo bakhokelayo bazibhokoxe ngamandla kufundisiso lobuqu nolwentsapho, nakufundo lweLizwi likaThixo, iBhayibhile imihla ngemihla.

2)Yibakho rhoqo kuzo zontlanu iintlanganiso zebandla. Le yingxaki enkulu kwintsimi yabantetho isisiNgesi nesiBhulu.

3)Zabalazela ukuba nesabelo esikhudlwana kubulungiseleli, uze ufake ingxelo ngokukhawuleza ekupheleni kwenyanga nganye. Kumabandla aliqela umsebenzi wenkonzo yasentsimini awusaxhaswa kakhulu. Bonke abaveleli besithili bavakalelwa kukuba ukutshintshwa kweentlanganiso zangeCawa zibe kusasa kuye kwanomphumo ongemhle kwinkonzo yasentsimini ngeCawa.

Uza kusabela njani kwezi ntswelo? Ngaba unokuyihlolisisa imeko yakho uze ubone iindawo onokuphucula kuzo wena, okanye intsapho yakho? USathana uzama ngamandla ukwenza abazalwana bethu buthathaka aze asenze siyekelele kubulungiseleli. Nabazalwana baye bazixakekisa ngehlabathi. Ngoko kufuneka ngokungxamisekileyo ukuba sonke sihlale somelele ngokomoya, size sizingise kumendo osa kubomi obungunaphakade.—Heb. 10:35-39.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share