Bonakalisa Inkxalabo Yokwenene Kubo Bonke Abanomdla Obafumanayo
1 Ukuvakaliswa koBukumkani ehlabathini lonke akusekudala ukuba kuyekwe, emva koko bonke abo “bangamaziyo uThixo” baya kutshatyalaliswa. (2 Tes. 1:7-9) Ngaloo ndlela, ukuba nenkxalabo yokwenene ngobomi babanye kushukumisela abantu bakaYehova ekubeni bafikelele abaninzi kangangoko kunokwenzeka ngesigidimi soBukumkani.—Zef. 2:3.
2 Nyanga zonke, kuchithwa izigidi ngezigidi zeeyure ekufuneni abo bafuna ukuva “iindaba ezilungileyo.” (Isa. 52:7) Ngenxa yomnikelo woncwadi wangoku, abaninzi baye bamkela imirhumo yeMboniselo noVukani!, imibhalo yamaphephancwadi, okanye incwadana enemifanekiso ethi Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi? Inkxalabo yokwenene ngaba bantu ifanele isishukumisele ekubuyeleni kubo bonke abanomdla esibafumanayo.—IMize. 3:27.
3 Gcina Iingxelo Ezichanileyo: Uya kufeza okungakumbi ukuba ugcina iingxelo ezipheleleyo nezichanileyo zabanomdla noncwadi oluhambisileyo. Inkcazelo enjengegama nekhelingi yomninimzi, usuku nexesha obufike ngalo, uncwadi oluhambisileyo, nombandela eniwuxubushileyo iya kukunceda ube nempumelelo ngakumbi xa ubuyela. Kwakhona, ukuba uwabhala phantsi amagqabaza omninimzi kwincoko yenu yokuqala, usenokukwazi ukucaphula kuwo ngempumelelo ekuqaliseni ingxubusho xa uphinda ubuya.
4 Buyela Ngokukhawuleza: Bangaphi abantu obahambisele uncwadi kwinyanga ephelileyo okhe wazama ukubuyela kubo? Ngaba kuye kwadlula iiveki ungekadibani nabo? Inkxalabo yokwenene ngempilo-ntle yabo kanaphakade ifanele ikushukumisele ekubeni ubuyele ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka, kucetyiswa ukuba ibe ziintsuku nje ezimbalwa, ngoxa incoko yenu ingekaphumi ezingqondweni zabo. Ngokubuyela ngokukhawuleza ukuze wandise umdla wabo, usenokukwazi ukuyigalel’ amanzi imigudu kaSathana ngaphambi kokuba ‘afike aze athabathe ilizwi elihlwayelwe kubo.’—Marko 4:15.
5 Ukulungiselela Kubalulekile: Impumelelo yakho ekubuyeleni inxulumene ngokuthe ngqo nendlela olungiselela ngayo kakuhle. Cinga ngentshayelelo yakho ngaphambi kokuba uhambe. Ngasemva kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani buka-Aprili 1997 kunikelwe iintshumayelo eziliqela ezisenokusetyenziswa ngempumelelo xa uhambisa imirhumo, amaphephancwadi, okanye incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo. Into elandelayo kukucinga ngeengongoma oza kumchazela ngazo xa ubuyela. Yintoni onokuyithetha xa ubuyela kwabanomdla? Unokusiqalisa njani isifundo seBhayibhile?
6 Xa uhlabela mgama nengxubusho ngoko kuya kufuneka kwenziwe ukucoca umhlaba ukuze ube yindawo entle yokuphila, usenokuthi: ◼ “Xa bendilapha kwixa elidluleyo, siye savumelana kwelokuba kuya kufuneka kuthatyathwe amanyathelo aqatha ngaphambi kokuba umhlaba ube nokwenziwa iparadesi yoxolo. Ucinga ukuba abantu bangakwazi ukwenza loo msebenzi? [Vumela impendulo.] Phawula isizathu sokuba kuya kufuneka uThixo angenelele ngokwakhe kwimicimbi yabantu.” Funda INdumiso 37:38. Yandula ke utyhile kwisifundo 5 kwincwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo, uze usebenzise iinxalenye ozikhethileyo kwisiqendu 4-5 ukumbonisa indlela uThixo aya kusizalisekisa ngayo esi siprofeto. Qhubeka ngokumchazela ngesifundo seBhayibhile usebenzisa le ncwadana inemifanekiso.
7 Ukuba ubuxubushe ngoBukumkani bukaThixo waza wahambisa incwadana enemifanekiso ethi “Okufunwa NguThixo” kutyelelo lokuqala, xa ubuyela usenokuthetha okufana noku:
◼ “Ukugqibela kwethu ukuncokola, siye sabuchaza uBukumkani bukaThixo njengorhulumente wokwenene oya kulawula umhlaba uphela. IBhayibhile ibonisa ukuba uKristu Yesu uya kuba ngumlawuli wabo. Ngaba zikho naziphi na iingenelo ngokuba norhulumente nomlawuli onje?” Vumela impendulo. Tyhila incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo kwisifundo 6. Ngoxa usebenzisa iingongoma ozikhethileyo kwisiqendu 6-7 nomfanekiso okwiphepha 13, mbonise oko kuya kwenzelwa uluntu buBukumkani bukaThixo kwixesha elizayo. Funda uDaniyeli 2:44, yaye ukuba kufanelekile, mbonise incwadi ethi Ulwazi uze umchazele ngesifundo seBhayibhile.
8 Ukuba ufumana umntu ovumayo ukuba iinkonzo zehlabathi ziye zangunobangela weengxaki zoluntu, usenokubuza oku xa ubuyela:
◼ “Ngaba wakha wazibuza indlela esinokulwazi ngayo unqulo akholiswayo lulo uThixo? [Vumela impendulo.] Le ncwadana inemifanekiso ethi Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi? isinika iimpawu ezahlula unqulo lokwenyaniso.” Tyhila kwisifundo 13, uze ubalaselise iingongoma ezintlanu ezibhalwe bukekela kwisiqendu 3-7. Usenokuhlabela mgama uthi: “Ukongezelela ekufumaneni unqulo oluyinyaniso, simele sifumanise oko kufunwa nguThixo kuye ngamnye wethu.” Funda uYohane 4:23, 24. Cela ukuxubusha oku ngokubhekele phaya. Tyhila kwisifundo 1 kule ncwadana inemifanekiso, uze umbonise indlela esifundisisa ngayo.
9 Xa ubuyela ukuze uhlabele mgama nengxubusho ebingolonwabo lwentsapho, usenokuthetha okufana noku kulandelayo:
◼ “Ukuqala kwethu ukubonana, ndakuchazela ngemfihlelo yolonwabo lwentsapho, ekukusebenzisa isiluleko seLizwi likaThixo, iBhayibhile. Xa sithetha ngokucombulula iingxaki zentsapho yanamhlanje, ngaba ucinga ukuba iBhayibhile iphelelwe lixesha okanye isesexesheni?” Vumela impendulo. Hambisa incwadi ethi Ulwazi. Tyhila kwisahluko 2, uze ufunde isiqendu 13. Ngoxa usebenzisa iingongoma ezikwisiqendu 3, mchazele ngesifundo seBhayibhile sentsapho.
10 Ngokugcina iingxelo ezichanileyo, ngokulungiselela kakuhle, nangokubuyela ngokukhawuleza ukuze sikhulise umdla wabo, sinokubonisa uhlobo oluthile lokuthanda ummelwane okuya kubatsalela kwindlela yosindiso.—Mat. 22:39; Gal. 6:10.