Ucwangciso Olutsha Lwendibano Ekhethekileyo Yosuku Olunye
“Yenzani Zonke Izinto Ngenxa Yeendaba Ezilungileyo,” lo ngumxholo wocwangciso olutsha lwendibano ekhethekileyo yosuku olunye oluqalisa ngoSeptemba. (1 Kor. 9:23) Iindaba ezilungileyo zoBukumkani zezona ndaba zibalulekileyo ziviwa ngabantu namhlanje. Olu cwangciso luya kusinceda silixabise ilungelo elikhethekileyo esinalo njengabathwali bezi ndaba zimnandi. Kwakhona luya kusenza sibe nenkalipho yokuqhubeka sivakalisa iindaba ezilungileyo ngaphandle kokuyekelela.—IZe. 5:42.
Olu cwangciso luya kusibonisa nendlela esinokulusebenzisa ngayo uqeqesho lwethu lobuthixo ngokuzeleyo ukuze siphumeze okuninzi kubulungiseleli. Siya kuphulaphula nabanye abaye benza uhlengahlengiso ukuze bandise inkonzo yabo, kuquka abantu abaselula abanikela ngako konke abanako ukuze bahambisele phambili ezi ndaba zilungileyo.—Thelekisa eyabaseFilipi 2:22.
Intetho ephambili, eza kunikelwa sisithethi esityeleleyo, iya kugxininisa imfuneko yokuba sihlale ‘sikufanelekele ukuphathiswa iindaba ezilungileyo.’ (1 Tes. 2:4) Siya kuncedwa sibone ukuba ukuze silondoloze ilungelo lokwabelana nabanye ngeendaba ezilungileyo, simele siqhubeke sihlangabezana nezinto ezifunwa nguThixo nemilinganiselo yakhe kwindlela esicinga ngayo nakwihambo yethu. Kuya kuthi ke kubalaseliswe neentsikelelo esizifumana ngokwenjenjalo.
Ungaphoswa lolu cwangciso lubalulekileyo. Abantu abasandul’ ukuzahlulela abanqwenela ukubhaptizwa kule ndibano ikhethekileyo yosuku olunye bafanele bazise umveleli owongamelayo ngokukhawuleza. Mema bonke abo ubafundisayo babekho. Masimvumele ke uYehova asomelezele ukwenza zonke izinto ngenxa yeendaba ezilungileyo size ngaloo ndlela siwugqibe lo msebenzi mkhulu ingekafiki iArmagedon.