Iintlanganiso Zisilolela Imisebenzi Emihle
1 Iinkalo ezimbini ezibalulekileyo zonqulo lwethu kukuya kwiintlanganiso zebandla nakwinkonzo yasentsimini. Zombini zihamba kunye. Enye iphembelela enye. Iintlanganiso zamaKristu zisilolela imisebenzi emihle, yaye owona mhle kuyo ngumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani nokwenza abafundi. (Heb. 10:24) Ukuba besinokuyeka ukuya kwiintlanganiso, kungekudala besinokuyeka ukushumayela kuba kaloku besingayi kulolelwa ukwenjenjalo.
2 Kwiintlanganiso zeeveki ngeeveki, sifumana imfundiso yokomoya ecetyelwe ukusikhuthaza sishumayele. Sisoloko sikhunjuzwa ngokungxamiseka kwala maxesha, nto leyo esishukumisela ekubeni sidlulisele kwabanye isigidimi seBhayibhile esinik’ ubomi. Siyakhuthazwa size somelezwe ukuze sinyamezele kumsebenzi wokushumayela. (Mat. 24:13, 14) Ngokugqabaza kwiintlanganiso, siqhelana ngakumbi nokuvakalisa ukholo lwethu kwabanye. (Heb. 10:23) Ngokubhalisa kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo, siqeqeshelwa ukuba ngabalungiseleli abanempumelelo ngakumbi size siphucule ubuchule bethu bokufundisa.—2 Tim. 4:2.
3 Indlela Iintlanganiso Zenkonzo Ezisilolela Ngayo Ukushumayela: Sonke sikhuthazwa ukuba siwujonge kusengaphambili umbandela okuBulungiseleli Bethu BoBukumkani. Ithi ke le nkcazelo ibetheleleke ezingqondweni zethu xa sikwiNtlanganiso Yenkonzo naxa sibona imiboniso yeentshumayelo eqongeni. Xa sikwinkonzo yasentsimini, sinokucinga ngoBulungiseleli Bethu BoBukumkani, sikhumbule imiboniso yeentshumayelo, size sinikele ubungqina ngempumelelo. Oku kuye kwenzeka kubavakalisi abaninzi.
4 Emva kweNtlanganiso Yenkonzo, bambi benza izicwangciso nabanye zokuya kunye kubulungiseleli. Ngoxa iingongoma zentsimi zisaqaqambile ezingqondweni zabavakalisi bakhuthazelwa ukuzilinga ekubeni ezi ntlanganiso ziye zabakhuthazela ukuba nesabelo kumsebenzi wokushumayela veki nganye.
5 Ayikho into enokuthabathel’ indawo iintlanganiso zethu zamaKristu, apho sihlanganisana nabanye abanquli size silolelwe imisebenzi emihle. Ukuze sibe nempumelelo kubulungiseleli bethu, simele sibekho rhoqo kwiintlanganiso zebandla. Kwanga singabonisa uxabiso ngeli lungiselelo lihle livela kuYehova ngokuthi “singakutyesheli ukuhlanganisana kwethu ndawonye.”—Heb. 10:25.