Nceda Abanye Bafumane Intuthuzelo
1 Uninzi lwabantu lukruqukile kukuva ngeentlekele, iimfazwe, ulwaphulo-mthetho nokubandezeleka. Intuthuzelo, nangona inqabe gqitha ezindabeni namhlanje, iyinto efunwa gqitha luluntu. Ukuthuthuzela kuthetha “ukunika amandla nethemba” ‘nokudambisa intlungu okanye inkathazo’ yomnye. NjengamaNgqina kaYehova, siye saxhotyiselwa ukunceda abantu ngolu hlobo. (2 Kor. 1:3, 4) Iincwadana zethu ezinemifanekiso ezisekelwe eBhayibhileni eziza kuhanjiswa apha kuJulayi nangoAgasti zinesigidimi senyaniso esiyintuthuzelo. (Roma 15:4) Nanga amanye amacebiso okuzihambisa kwiimeko ezahlukeneyo:
2 Iindaba ezibuhlungu zinokukuvulela ithuba lokunikela ubungqina nokuthuthuzela abanye, mhlawumbi ngokuthetha okufana noku:
◼ “Xa kusehla izinto ezinje, bambi bayazibuza enoba uThixo ukho ngokwenene kusini na, yaye ukuba ukho, bayazibuza enoba usikhathalele na. Ucinga ntoni wena? [Vumela impendulo.] Enye indlela yokubona enoba ukho kusini na uThixo kukusebenzisa umgaqo othile ongenakuphikiswa.” Funda amaHebhere 3:4. Chaza ezinye zezinto ezisingqongileyo ebezifuna umenzi ukuze zibekho. Yandula ke uqhubeke uthi: “Ndinencwadana enemifanekiso endiyaziyo ukuba uya kuyifumanisa ithuthuzela. Umxholo wayo uthi Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathelele? [Funda imibuzo engaphandle.] Inobungqina obeyisayo kungekuphela nje ngobukho bukaThixo kodwa nobokuba kungekudala uya kuzitshayela zonke iimeko ezingekho sikweni esijamelene nazo namhlanje. Ngaba ubungethandi ukuyifunda?” Lungiselela ukubuyela.
3 Kwibuyelo, usenokuthi:
◼ “Ukukushiyela kwam incwadana enemifanekiso ethi Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathelele? sincokole ngobungqina bobukho bukaThixo. Mhlawumbi uyiphawule le ngongoma ikwiphepha 7. [Mbonise umfanekiso uze ushwankathele isiqendu 15.] Lo ngumzekelo nje omnye obonisa ukuba uThixo umele ukuba ukho ngokwenene. [Funda isiqendu 27 kwiphepha 9.] Isifundo sobuqu seBhayibhile siye sasinceda sahlangabezana neengxaki zobomi bemihla ngemihla kuba isinika imbono kaThixo ngemibandela.” Cela ukumbonisa indlela esiqhutywa ngayo isifundo.
4 Unokunikela ubungqina ngomnxeba usebenzisa incwadana enemifanekiso ethi “Iyintoni Injongo Yobomi—Unokuyifumana Njani?” Unokuzazisa uze uthi:
◼ “Ndithi mandikutsalel’ umnxeba ngesigidimi esibalulekileyo kuba andikwazi kudibana nawe ngokobuqu.” Funda isiqendu sokuqala kwiphepha 4 lale ncwadana, usifunde ngendlela othetha ngayo, ngokungathi uyancokola naloo mntu. Mbuze oko akucingayo, uze uvumele impendulo. “Apha ndityhile eBhayibhileni kuIsaya 45:18. Le ndinyana ibonisa ukuba umhlaba wadalwa kucingwa ngathi. Ndingakufundela yona?” Emva koko, cacisa injongo yale ncwadana, uze umbuze indlela onokumphathela ngayo.
5 Xa uphinda utsal’ umnxeba, usenokuzama le ntshayelelo ukuqalisa isifundo:
◼ “Bendingathanda ukuqhubeka nencoko yethu yexa elidluleyo ngokukubonisa lowo unokusixelela injongo yobomi. [Shwankathela isiqendu 1 nesesi-2 kwiphepha 6 kwincwadana enemifanekiso ethi Injongo Yobomi.] ISityhilelo 4:11 sithi uYehova uThixo nguMdali wethu. [Sifunde.] Umele ukuba unaso ke isizathu sokusidala. Abantu abaye bafuna ukusiqonda baye bafundisisa iLizwi likaThixo elibhaliweyo, iBhayibhile. Nam bendingathanda ukuba wenjenjalo.” Mcacisele indlela esisiqhuba ngayo isifundo seBhayibhile sekhaya sesisa uze wenze amalungiselelo okuqalisa isifundo.
6 Le ntshayelelo ikhuthazayo isenokubathuthuzela abo bakhe bafelwa ngumntu abamthandayo:
◼ “Ndenza inkonzo kawonke wonke ngenxa yabo bonke abaye bafelwa ngumntu abamthandayo. Ekubeni le isenokuba yenye yezinto ezibuhlungu nawuphi na kuthi oya kuze ajamelane nayo, kuye kwalungiselelwa le ncwadana inemifanekiso ethi Xa Umntu Omthandayo Esifa. Incede izigidi zabantu. Ndingathanda ukukubonisa ekuthethayo ngedinga elivuyisayo elenziwa nguYesu Kristu. [Funda isiqendu sesihlanu kwiphepha 26, kuquka uYohane 5:21, 28, 29.] Phawula lo mfanekiso ukwiphepha 29 wengxelo yencwadi yeVangeli kaYesu evusa uLazaro ekufeni. Ukuba ungathanda ukufunda le ncwadana ithuthuzelayo, ndingakuvuyela ukukushiyela yona ngomnikelo we-R1,20.”
7 Xa ubuya, unokuphinda umbonise umfanekiso okwiphepha 29 lencwadana enemifanekiso ethi “Xa Umntu Omthandayo Esifa” uze uthi:
◼ “Ndiba usayikhumbula ingxubusho engokuvusa kukaKristu uLazaro. [Funda amazwi asezantsi kwalo mfanekiso kwiphepha 28, uze uhlolisise umbandela ophantsi komxholwana othi “Ngaba Oku Kwenzeka Ngokwenene?”] Ukuba ufuna ukuyikholelwa into yokuba unokuphinda umbone ofileyo omthandayo, ndivumele ndikuncede ukuze nawe ube nethemba lovuko.” Cela ukumqhubela isifundo seBhayibhile sekhaya.
8 Kwanga singenza konke okusemandleni ethu kwezi nyanga siya kuzo ekuxeliseni uYesu ‘ngokuthuthuzela bonke abanesijwili.’—Isa. 61:2.