Abakhulileyo Bashumayela Ngaphandle Kokuyekelela
1 Njengoko abantu besaluphala, abaninzi kubo bajonge ukufumana umhlala-phantsi baze bazonwabele kwiminyaka yabo esaseleyo. Basenokuvakalelwa kukuba babulaleke gqitha ibe ngoku bafanele baphumle. Okanye basenokufuna nje ukuhlala bathi zava kwixesha labo elisaseleyo.—Luka 12:19.
2 Njengabakhonzi bakaYehova abazahluleleyo, sinembono eyahlukileyo ngobomi. Siyazi ukuba akukho mhlala-phantsi enkonzweni kaThixo. Sinethemba kuba ‘sikhangele kubomi obungunaphakade.’ (Yude 21) Iminyaka emininzi yokubuthela kuvimba ulwazi namava isenokukwenza ube nokuqonda nengqiqo engakumbi. Loo nto inokukwenza ube sisilumko yaye ulungelelane ngakumbi uze ube noxabiso olunzulu ngobomi. Zonke ezi zinto ziluncedo kakhulu kumlungiseleli weendaba ezilungileyo.
3 Ukukhula asingombandela nje wokwaluphala emzimbeni; kubandakanya nesimo sengqondo sikabani. Ukuba ulindele ukuphila ixesha elide yaye ufuna ukuhlala ukhangeleka umtsha, usenokukwazi ngakumbi ukwenjenjalo. Abantu abakhulileyo banokubuphucula ubomi babo ngokwandisa ulwazi lwabo lokomoya nokwabelana nabanye ngalo.—1 Kor. 9:23.
4 Imizekelo Ephilayo: Omnye udade oneminyaka engama-86 ubudala wathi: “Ndithi ndakucinga ngeminyaka engama-60 edluleyo ukususela ekubeni ndafunda inyaniso, isuke iphuphume intliziyo yam ngesiqinisekiso esingamadinga kaThixo. Ewe, uYehova owenza ngokunyaniseka kwabanyanisekileyo usenza sizuze uvuyo olungathethekiyo.” (INdu. 18:25) Omnye umzalwana osele ekhulile ukhumbula indlela awothuswa ngayo kukufa komkakhe, nto leyo eyambangela wanempilo enkenenkene. Uthi: “Kodwa, ngenxa yobubele bukaYehova obungasifanelanga, ndachacha kakuhle de ndakwazi nokungenela inkonzo yobuvulindlela kwiminyaka emibini kamva. Hayi indlela endimbulela ngayo uYehova ngenxa yokuba impilo yam iye yantle ngokwenza okuthe chatha kumsebenzi wokushumayela!”
5 Hayi indlela esibancoma ngayo abakhulileyo abazimisele ukuqhubeka beshumayela kangangoko impilo namandla abo evuma—ngaphandle kokuyekelela! Banesizathu esihle sokudanduluka bathi: “Thixo, undifundisile kwasebuncinaneni bam; unangoku ndiyayixela imisebenzi yakho ebalulekileyo.”—INdu. 71:17.