Izifundo ZeBhayibhile Ezivelisa Abafundi
1 “Yintoni na endinqandayo ukuba ndibhaptizwe?” labuza ithenwa elingumTiyopiya emva kokuba uFilipu ‘evakalise iindaba ezilungileyo ezingoYesu kulo.’ (IZe. 8:27-39) Eli thenwa lalisele lizithanda izibhalo eziphefumlelwe nguThixo, yaye emva kokuba uFilipu elincedile ngokomoya, lalikulungele ukuba ngumfundi. Kodwa asingabo bonk’ abantu abeyisekileyo lelokuba kufuneka bazihlolisise iZibhalo ngokwabo.
2 Sinombulelo kuba intlangano kaYehova iye yasilungiselela incwadi ethi Ulwazi ukuze sikhuthaze abantu bahlolisise isigidimi seBhayibhle kulo mhla wethu. Inkcazelo ekule ncwadi ifanele ifikelele kubantu abanyanisekileyo abasenokuba zizifundiswa kodwa abangenalwazi lungako ngeBhayibhile. Esi sixhobo sihle senzelwe ukukhuthaza abantu bafunde iBhayibhile.
3 Xa uqalisa isifundo seBhayibhile, iya kukunceda into yokuba uhlolisise amacebiso asemagqabini apapashwe kwisihlomelo soBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaJuni 1996 ngendlela esinokuqhutywa ngayo isifundo esinemveliso kwincwadi ethi Ulwazi. Ebudeni besifundo, qwalasela inkqubela eyenziwa ngumfundi ukuze ubone iinkalo ezifuna ingqalelo engakumbi. Khuthaza umfundi alungiselele izifundo zakhe kwangaphambili, ajonge nezibhalo ezilapho. Ukugqabaza ngamazwi akhe kusenokubonisa uxabiso olusuk’ entliziyweni yakhe ngenyaniso. Abo bazifundela iimpapasho zoMbutho ngexesha labo baze babekho rhoqo kwiintlanganiso zebandla badla ngokwenza inkqubela ngokukhawuleza. Mkhuthaze athethe ngokungacwangciswanga nabanye ngoko akufundayo. Ngobubele mbonise oko kufuneka ekwenzile ukuze ahambele phambili ngokomoya. Asifanele siqhube izifundo ezingayi ndawo nabantu abangazimiselanga kwenza sigqibo. Abafundi bafanele bazidube ngokufunda, bayimele ngokuqinileyo inyaniso, baze basebenzele ukuzahlulela nokubhaptizwa.
4 Kwamanye amakhaya, kuqhutywa izifundo ezingakumbi, ngokwamalungu awahlukeneyo entsapho. Noko ke, kwiimeko ezininzi ukuyidibanisa intsapho kwisifundo esinye kusenokuba kuhle, ekubeni kuya kufak’ isandla ekumanyaniseni intsapho ngokomoya.
5 Umyalelo kaYesu uthi masiye kwenza abafundi. (Mat. 28:19) Ukuze senjenjalo, simele siqhube izifundo zeBhayibhile ezinceda abafundi benze inkqubela de babe nokubuza bathi, “Yintoni na endinqandayo ukuba ndibhaptizwe?”