Khuthaza Izifundo ZeBhayibhile Zenze Inkqubela
1 Ngokuyintloko ihlabathi licinga ngokwenza inkqubela kwezobugcisa okanye kwizinto eziphathekayo. Kodwa akunjalo ngabantu bakaYehova. Kunoko, siyazibhokoxa ukuze senze inkqubela ngokomoya. Siyavuya kuba siye safumana ukhuthazo oluye lwasiqhubela ekubeni ngabafundi bakaKristu abakhutheleyo nabaneziqhamo.—Yoh. 15:8; 2 Pet. 1:5-8.
2 Kwiincwadi zeVangeli igama elithi ‘umfundi’ lisetyenziswa ngokuyintloko kwabo bangapheleli nje ekukholelweni kwiimfundiso zikaKristu kodwa abenza ngokuvisisana nazo. (Mat. 28:19, 20) Ngaba izifundo zeBhayibhile ziyasiqonda eso sibakala? Singazikhuthaza njani ukuba zenze inkqubela ngokuthi zibe ngabafundi?
YALATHISELA ABO BANOMDLA ENTLANGANWENI
3 Ukwenza inkqubela kwesifundo kuhlobene ngokungqalileyo nokuxabisa kwaso intlangano kaYehova. Ngoko ke, inxalenye yembopheleleko yethu njengabafundisi kukwalathisela umdla wezifundo zethu kwintlangano kaThixo. Kangangeminyaka besikhuthazwa ukuba sichithe imizuzu emihlanu ukuya kwelishumi sihlandlo ngasinye siqhuba isifundo seBhayibhile ukuze sicacise okuthile ngentlangano. Incwadana enemifanekiso ethi AmaNgqina KaYehova—Enza Ukuthanda KukaThixo Ngokumanyeneyo Zwenibanzi isisixhobo esibalaseleyo sokwenza oku. Ngaba isifundo sakho seBhayibhile sinawo umbhalo wayo? Ukuba asinawo, qinisekisa ukuba siwufumana ngokukhawuleza. Sikhuthaze ukuba siwufunde, uze usicacisele ukuba niza kuqwalasela inxalenye nje encinane yawo kwisifundo ngasinye.
4 Inkcazelo ekwiphepha 14 nele-15 kwincwadana enemifanekiso ethi Enza Ukuthanda KukaThixo icetyelwe ukwakha uxabiso ngentlanganiso nganye yebandla. Kutheni ungagubungeli isiqendu nje esinye okanye ezibini veki nganye? Bonisa indlela intlanganiso nganye elunikela ngayo uqeqesho nemiyalelo yokuzalisa intswelo ethile. Sincede isifundo eso sibone ukuba ukukhula ngokomoya kungumphumo ‘wokuhlanganisana kwethu.’ (Heb. 10:24, 25) Sikhuthaze ngokufudumeleyo ukuba sisithelele kwiHolo yoBukumkani. Apho siya kuzibonela ngokwaso umanyano nothando esilunandiphayo njengabantu bakaYehova abahlanganisene ndawonye.—INdu. 133:1; Yoh. 13:35.
ZISHUKUMISELE UKUKHULA NGOKOMOYA
5 Abasebatsha kufuneka babe ngabafundi bokwenyaniso beLizwi likaThixo, beqhubela phambili elwazini, ekuqondeni nasekuphileni ngokuvisisana nemigaqo yalo. Ngenxa yesi sizathu siya kuqhubeka sifundisisa incwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade nethi Ukumanyana Ekunquleni okanye Uxolo Lokwenyaniso kwanokuba lowo simqhubela isifundo ubhaptizwa ngaphambi kokuba azigqibe ezi mpapasho. Lowo umqhubela isifundo unokuzifumanela imibhalo yezi ncwadi kwanokuba kusasele iinyanga eziliqela ngaphambi kokuba niqalise ukufunda incwadi yesibini. Oku kusenokuwukhulisa umdla wakhe wezinto zokomoya, kumshukumisela ekubeni enze ufundisiso olungakumbi oluya kuyikhawulezisa inkqubela yakhe. Kwakhona, sifanele sibalaselise ukubaluleka kokuba nomrhumo weMboniselo noVukani! nokuba nezinye iimpapasho zoMbutho ukuze ahlale ekufumana ‘ukudla ngexesha elifanelekileyo.’ (Luka 12:42) Abo bakwenzayo oko baya kuqina, bakheke, baze bangaxengaxengi elukholweni.—Kol. 2:7.
6 Njengabantu abaza kuba ngamaNgqina kaYehova angoowethu, izifundo zeBhayibhile zifuna uncedo lwethu ukuze zibe zezikhulileyo ngolwazi. (Heb. 5:14) Sifanele sizincome ngokufanelekileyo ngenjongo yokuzikhuthazela ekwenzeni inkqubela. (Fil. 3:16) Ngaba sabelana nentsapho kunye namaqabane aso ngezinto esizifundayo? Ukuba siyafaneleka, ngaba sibhalisile kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo? Ngaba sinqwenela ukuba ngumvakalisi weendaba ezilungileyo?
7 Ukuba thina njengabafundisi siyayiphumeza indima yethu, sinokukhangela phambili kwintsikelelo etyebileyo kaYehova. (2 Kor. 9:6) Masingaze siwalibale amandla omthandazo owenzelwa izifundo zeBhayibhile. Mcele uYehova ukuba azalathisele ekwenzeni oko zikufundayo. (1 Kor. 3:6, 7) Kwanga zingathabatha inyathelo elingqalileyo lokunxulumana ngokukhutheleyo nebandla zize ngaloo ndlela zongezelele uzuko nendumiso engakumbi kwigama likaYehova.