IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 9/97 iphe. 2
  • Iintlanganiso Zenkonzo NgoSeptemba

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iintlanganiso Zenkonzo NgoSeptemba
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1997
  • Imixholwana
  • Iveki Eqala NgoSeptemba 1
  • Iveki Eqala NgoSeptemba 8
  • Iveki Eqala NgoSeptemba 15
  • Iveki Eqala NgoSeptemba 22
  • Iveki Eqala NgoSeptemba 29
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1997
km 9/97 iphe. 2

Iintlanganiso Zenkonzo NgoSeptemba

Iveki Eqala NgoSeptemba 1

Ingoma 26

10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. IZaziso ezikhethiweyo kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani. Khumbuza abavakalisi banikele ingxelo yabo yenkonzo yasentsimini ka-Agasti ngokukhawuleza. Ekubeni uAgasti ebeyinyanga yokugqibela kunyaka wenkonzo, unobhala nabaqhubi besifundo sencwadi bafanele baqinisekise ukuba zonke iingxelo zenkonzo yasentsimini ezingekafakwa zeenyanga ezidluleyo ziyangeniswa. Sinenjongo yokufikelela incopho entsha yabavakalisi ngoAgasti.

15 imiz: “Beka Izinto Ezibaluleke Ngakumbi Kuqala.” Imibuzo neempendulo. Ukuba ixesha liyavuma, yithi gqabagqaba ngombandela othi “Ukubeka Izinto Ezifanelekileyo Eziza Kuqala” kuVukani! (wesiNgesi) kaFebruwari 22, 1987, iphepha 8-9.

20 imiz: “Ukwabelana Nabanye NgeMfihlelo Yolonwabo Lwentsapho.” Intetho egubungela isiqendu 1 nesesi-6-8. Yiba nomboniso wesiqendu 2-5. Gxininisa kwelokuba simele sicinge ngokwenza abafundi nokufikelela usukelo lokuqalisa izifundo.

Ingoma 107 nomthandazo wokuqukumbela.

Iveki Eqala NgoSeptemba 8

Ingoma 27

10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Ingxelo yemali.

10 imiz: Iimfuno zasekuhlaleni.

10 imiz: “Izifundo ZeBhayibhile Ezivelisa Abafundi.” Intetho.

15 imiz: Umdala uxubusha umbandela othi “Khuthaza Abafundi Bazahlulele Baze Babhaptizwe” (kwisihlomelo se-km-XO 6/96, isiqe. 20-2) kunye nomvakalisi onamava oqhuba izifundo.

Ingoma 109 nomthandazo wokuqukumbela.

Iveki Eqala NgoSeptemba 15

Ingoma 30

10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Hlolisisa Isingxobo Semibuzo.

15 imiz: Zisebenzise Kakuhle Iividiyo. Hlolisisa amacebiso ngendlela yokusebenzisa iividiyo zoMbutho uze ubalise amava asekuhlaleni abonisa indlela yokuzisebenzisa kakuhle iividiyo, kwiintsapho zethu nakubulungiseleli bethu.

20 imiz: Ngaba Uyayisebenzisa Incwadana Enemifanekiso Ethi Isikolo NamaNgqina KaYehova? Umdala uxubusha IMboniselo kaOktobha 1, 1985, iphepha 30-1, nabazali nabantwana abathile. Babalisa amava abo okusebenzisa incwadana enemifanekiso ethi Isikolo.

Ingoma 112 nomthandazo wokuqukumbela.

Iveki Eqala NgoSeptemba 22

Ingoma 32

8 imiz: Izaziso zasekuhlaleni.

17 imiz: Indlela Yokuqalisa Incoko. Ukufumana kwethu impumelelo engakumbi kubulungiseleli kuxhomekeke ekuncokoleni ngokunenjongo. Xa sithetha okuthile okwenza abanye baphulaphule, soyisa omnye wemiqobo emikhulu esijamelana nawo ekunikeleni ubungqina. Xubusha nabaphulaphuli ngeengongoma eziphambili kwiNcwadi Yesikhokelo Yesikolo, isifundo 16, isiqendu 11-14. Yiba nabavakalisi abanobuchule nabanempumelelo ekuqaliseni incoko babalise intshayelelo abayisebenzisayo ekuthetheni nabantu (1) abangabahambi ngeenyawo esitratweni, (2) umntu okhwele uduladula, (3) unobhalana osekhawuntarini, (4) umthengi okwindawo emisa iinqwelo-mafutha, (5) umntu ohleli kwisitulo esisepakini, (6) nomntu ekunikelw’ ubungqina kuye ngomnxeba.

20 imiz: Hlolisisa Ingxelo Yebandla Yenkonzo Yasentsimini Yowe-1997. Umveleli wenkonzo uncoma ibandla ngomgudu omhle eliwenzileyo, ingakumbi ngoMatshi, ngoAprili nangoMeyi. Unikela amacebiso asuka kwiqumrhu labadala nakwingxelo yotyelelo lomveleli wesiphaluka oludluleyo ukuze lithi chatha kwinkonzo yasentsimini nasekuqhubeni izifundo zeBhayibhile. Uchaza usukelo olufikelelekayo kulo nyaka wenkonzo mtsha, kuquka ukuqalisa nokuqhuba izifundo zeBhayibhile nobuvulindlela bobuncedani ebudeni beenyanga ezineempela-veki ezintlanu—uNovemba, uMeyi noAgasti.

Ingoma 113 nomthandazo wokuqukumbela.

Iveki Eqala NgoSeptemba 29

Ingoma 37

15 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Bakhumbuze bonke bangenise iingxelo zenkonzo yasentsimini. Chaza ukuba siza kuqalisa ukufunda incwadi ethi Ulonwabo Lwentsapho kwiveki ezayo kwisifundo sencwadi. Xa silungiselela umsebenzi wamaphephancwadi ngo-Oktobha, xubusha ngemfuneko ‘Yokuhlolisisa Intsimi Yakho,’ ‘Yokuwazi Kakuhle Amaphephancwadi,’ ‘Yokulungiselela Intshayelelo Yakho,’ ‘Yokuhlengahlengisela Umninimzi,’ ‘Neyokuncedana,’ ngokuphuma kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaOktobha 1996, iphepha 12.

15 imiz: Intetho ekhuthazayo esekelwe kwiMboniselo ka-Aprili 1, 1996 iphepha 27-9 kwinqaku elithi “Soloko Uwulahlela KuYehova Umthwalo Wakho.”

15 imiz: Buzukise Ubulungiseleli Bakho. Ingxubusho nabaphulaphuli yencwadi ethi UBulungiseleli Bethu, iphepha 81-3. Buza le mibuzo ukubalaselisa iingongoma eziphambili: (1) Singenelwa njani ngokulandela umzekelo kaYesu? (2) Ibaluleke kangakanani imbopheleleko yethu yokushumayela? (3) Yintoni eyasishukumisela ekubeni sahlulele ubomi bethu kuYehova? (4) Hlobo luni lwehambo efunekayo ukuze umntu akhonze uThixo? (5) Yintoni esinokuyifunda kwindlela uYesu awashumayela ngayo?

Ingoma 121 nomthandazo wokuqukumbela.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share