Iintlanganiso Zenkonzo NgoFebruwari
Iveki Eqala NgoFebruwari 2
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. IZaziso ezikhethiweyo kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani. IiNdaba Ezingokobuthixo. Khumbuza abavakalisi bafake ingxelo yabo yenkonzo yasentsimini kaJanuwari ngokukhawuleza. Unobhala nabaqhubi bezifundo zencwadi bafanele baqiniseke ukuba zonke iingxelo ezingafakwanga zeenyanga ezidlulileyo nazo ziyangeniswa. Ezo ngxelo zifike emva kwexesha zifanele ziqukwe kwingxelo yebandla kaJanuwari.
15 imiz: “AmaNgqina KaYehova—Abahambisi Bevangeli Bokwenene.” Imibuzo neempendulo. Xubusha ngebhokisi ekwiphepha 19 leMboniselo kaSeptemba 1, 1992.
20 imiz: “Mema Wonke Umntu Onxaniweyo.” Xubusha inqaku, ubonisa indlela iintshumayelo ezicetyisiweyo ezilungiselelwe ukuvuselela umdla ngayo zize zishukumise abaphulaphuli. Yiba nomntu omdala owenza umboniso kwisiqendu 2-3 okanye 4-5 aze oselula enze umboniso kwisiqendu 6.
Ingoma 208 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoFebruwari 9
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Ingxelo yemali.
15 imiz: Iimfuno zasekuhlaleni.
20 imiz: “Ukunikela Ubungqina Kubantu Bazo Zonke Iilwimi Neenkonzo.” (Isiqendu 1-10) Imibuzo neempendulo. Chaza iilwimi ezithethwa entsimini yenu, uze ubonise uncwadi olukhoyo kwisitokhwe sebandla ngezo lwimi. Njengoko kuboniswe kwisiqendu 10, yiba nomboniso wendlela yokusebenzisa incwadana ethi Good News for All Nations.
Ingoma 220 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoFebruwari 16
5 imiz: Izaziso zasekuhlaleni.
12 imiz: Isizathu Sokuba Kufuneka Uye Ezintlanganisweni Zebandla. Umdala uxubusha iingongoma eziyintloko zeMboniselo ka-Agasti 15, 1993, iphepha 8-11, yaye ubethelela ukubaluleka kokuya rhoqo kuzo zonke iintlanganiso.
18 imiz: “Ukunikela Ubungqina Kubantu Bazo Zonke Iilwimi Neenkonzo.” (Isiqendu 11-28) Imibuzo neempendulo. Chaza ukuba ziziphi iinkonzo ezingezozabuKristu ezikhoyo kwintsimi yenu. Yiba nomvakalisi onamava obonisa indlela yokunikela ubungqina okokuqala kumntu ongumBhuda, umHindu, umSilamsi okanye umYuda—eyona ixhaphakileyo ekuhlaleni.
10 imiz: “UYehova Ungumncedi Wam.” Intetho efudumeleyo, nekhuthazayo enikelwa ngumdala.
Ingoma 15 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoFebruwari 23
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Xubusha ngomnikelo woncwadi kaMatshi. Khankanya icebiso libe linye okanye amabini ngendlela yokuhambisa incwadi ethi Ulwazi, usebenzisa iingongoma ezikuBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaJuni 1996, iphepha 8. Gxininisa kusukelo lokuqalisa izifundo zeBhayibhile zekhaya.
15 imiz: “Ukuba Iyaphumelela, Yisebenzise!” Imibuzo neempendulo. Yiba nomvakalisi omnye okanye ababini kubaphulaphuli abaza kugqabaza ngokufutshane ngeentshumayelo abaye baqhubeka bezisebenzisa ngenxa yokuba lula kwazo nangenxa yemiphumo ezithe zanayo. Yandula ke uvumele abanye bagqabaze ngeendlela zakutshanje zokuqalisa incoko ezicetyiswe kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani neziye zangqineka zisebenziseka.
20 imiz: Qhelisela Intshumayelo Yakho. Intetho emfutshane esekelwe kwiNcwadi Yesikhokelo Yesikolo, iphepha 98-9, isiqendu 8-9. Balaselisa imfuneko yokuzihlolisisa iintshumayelo zethu size sifune iindlela zokuzenza zibe nempumelelo ngakumbi. Yiba noodade ababini ababonisa indlela abakuhlolisisa ngayo oko bakuthethe kwindlu ethile, bexubusha ngendlela abanokuphucula ngayo. Kwakhona baba nexesha elifutshane lokuqhelisela bezama intshumayelo abaceba ukuyisebenzisa kwixesha elizayo, benikana amacebiso aluncedo. Usihlalo uqukumbela ngokubakhuthaza bonke ukuba bazihlolisise yaye baziqhelisele iintshumayelo zabo.
Ingoma 103 nomthandazo wokuqukumbela.