Iindaba Ezingokobuthixo
Mzantsi Afrika: Sivuyiswa kukunazisa ukuba kuye kwanikezelwa ezinye iiHolo zoBukumkani ezisibhozo ebudeni benyanga kaNovemba: eJericho (eBrits), eLower Xongora (eMtata), eMantšebo, eMasoeling, eMohale’s Hoek (eLesotho), eNewlands (eThekwini), eRusthof (eStrand) naseQutubeni. IHolo yoBukumkani yaseRusthof yeyokuqala kummandla waseKapa eyakhiwe ngenkqubo yokwakha ngokukhawuleza, ngoko ebemalunga ne-100 amatsha-ntliziyo avela kwiKomiti Yokwakha Yenqila YaseWitwatersrand aye ahamba ngeendleko zawo eye kuncedisa abazalwana. Ngokwenene umoya wawo wokuzinikela uyancomeka yaye uxatyiswa gqitha.
NCEDANI NIPHAWULE: Kukho imfuneko enkulu yeeHolo zoBukumkani ezingakumbi kumaphandle akweloMzantsi Afrika, ukanti kunjalo naseBotswana, eLesotho, eSwazini nakwilizwe ebelisakuba yiTranskei. Ngoko ke, sibhenela kubo bonke abanobugcisa bokwakha nabakulungeleyo ukunceda banxibelelane noMbutho ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka. Isizathu soku kukuba uMbutho uceba ukuqhuba intlanganiso kunye nazo zonke iiKomiti Zokwakha Zenqila ngoMeyi we-1998 ukuze uzichazele ngendlela entsha yokwakha enexabiso eliphantsi. Ukuba ukulungele ukwakha naphi na apho kukho imfuneko khona, nawe uza kumenyelwa kule ntlanganiso. Usukelo loMbutho kukunceda abazalwana bahlangabezane nocelomngeni lokwakha iiHolo zoBukumkani, ekubeni iQumrhu Elilawulayo lifuna ukuqiniseka ukuba ibandla ngalinye liba neHolo yalo yoBukumkani kungekudala. Ngoko ke, nceda usiqwalasele ngomthandazo esi sicelo singasentla.