IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 3/98 iphe. 7
  • Okumele Kukhunjulwe Ngesikhumbuzo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Okumele Kukhunjulwe Ngesikhumbuzo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1998
  • Amanqaku Afanayo
  • Okumele Kukhunjulwe NgeSikhumbuzo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2001
  • Okumele Kukhunjulwe NgeSikhumbuzo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1999
  • Okumele Kukhunjulwe NgeSikhumbuzo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1997
  • Okumele Kukhunjulwe NgeSikhumbuzo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2002
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1998
km 3/98 iphe. 7

Okumele Kukhunjulwe Ngesikhumbuzo

ISikhumbuzo singoMgqibelo, Aprili 11. Abadala bafanele banikele ingqalelo kule mibandela ilandelayo:

◼ Xa nibeka ixesha lale ntlanganiso, qinisekani ukuba imifuziselo ayiyi kuhanjiswa de kube semva kokutshona kwelanga.

◼ Wonk’ ubani, kuquka isithethi, ufanele aziswe ngexesha nendawo echanileyo esiza kuba kuyo isikhumbuzo.

◼ Kufanele kufunwe isonka newayini efanelekileyo zize zilungiswe.—Bona IMboniselo kaFebruwari 15, 1985, iphepha 17.

◼ Kufanele kuziwe eholweni neepleyiti, iigilasi netafile efanelekileyo nelaphu layo kwangethuba zize zibekwe ngeendawo zazo.

◼ IHolo yoBukumkani okanye enye indawo yentlanganiso ifanele icocwe kakuhle kwangexesha.

◼ Kufanele kukhethwe abalindi nabo baza kuhambisa isonka newayini kwangethuba baze bayalelwe ngenkqubo efanelekileyo nangemisebenzi yabo.

◼ Kufanele kwenziwe amalungiselelo okusa isonka newayini kuye nabani na ongumthanjiswa ogulayo nongenakukwazi ukubakho.

◼ Xa amabandla aliqela eza kusebenzisa iHolo yoBukumkani enye, afanele alungelelaniswe kakuhle ukuze kuphetshwe ukuxinana okungeyomfuneko phambi kweholo, emnyango, kwiindledlana zikawonke wonke nakwiindawo zokupaka iinqwelo-mafutha.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share