Iintlanganiso Zenkonzo NgoSeptemba
Iveki Eqala NgoSeptemba 7
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. IZaziso ezikhethiweyo kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani.
15 imiz: “Sinako Ukwenza Imisebenzi Emikhulu Ngakumbi.” Imibuzo neempendulo. Bakhuthaze bonke bazibekele usukelo olusengqiqweni kulo nyaka mtsha wenkonzo baze bazibhokoxe ukuze baluphumeze.—Bona UBulungiseleli Bethu, iphepha 116-18.
20 imiz: “Oovulindlela Banceda Abanye.” Umdala uchaza ukuba ukongezelela kuqeqesho olunikelwa kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo, kuye kwenziwa amanye amalungiselelo okuba oovulindlela bancede abanye ngokobuqu kubulungiseleli. Uphakamisa imibuzo esekelwe kwinqaku aze acele amagqabaza kubaphulaphuli, ngokukodwa koovulindlela nabavakalisi ababandakanyekileyo kweli lungiselelo. Cinga ngendlela onokungenelwa ngakumbi ngayo kulo. Oovulindlela banokubalisa indlela abakunandiphe nabangenelwe ngayo ngokuba nesabelo ekuncedeni abanye. Abavakalisi abaye bancedwa banokubalisa indlela abalixabisa ngayo eli lungiselelo baze bakhankanye iingongoma eziye zabanceda baba novuyo yaye baphumelela kubulungiseleli.
Ingoma 172 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoSeptemba 14
10 imiz: Izaziso zasakuhlaleni. Ingxelo yemali.
15 imiz: Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi? Intetho. Siza kuqalisa ukufunda le ncwadana enemifanekiso kwiveki ezayo kwisifundo sencwadi. Bakhuthaze bonke balungiselele kwangaphambili baze babekho ngazo zonke izihlandlo ukuze baqhelane nale ncwadana enemifanekiso nokuze bafunde indlela yokuyifundisisa nabanye. Funda isiqendu esiphantsi komxholo othi “Indlela Yokusebenzisa Le Ncwadana.” Sebenzisa umbandela okwiMboniselo kaJanuwari 15, 1997, iphepha 16-17, ukuze ubethelele imbaluleka yokufundisa ngemibuzo, izibhalo, nangemizekeliso ekule ncwadana. Abaqhubi bezifundo zencwadi bafanele bamisele umzekelo omhle kwabo baqhuba izifundo zeBhayibhile zekhaya, ngokungathethi kakhulu baze bangafaki iinkcukacha ezingakumbi.—Bona UBulungiseleli Bethu BoBukumkani, bukaJuni 1996, iphepha 3, isiqendu 5.
20 imiz: Siqhube Njani Kunyaka Ophelileyo? Unobhala nomveleli wenkonzo bahlolisisa ingxelo yenkonzo yebandla namanani oziwo lweentlanganiso zonyaka ophelileyo. Babalaselisa iinkalo ezintle zengxelo baze banikele ingqalelo kwiinkalo ekufuneka kuphuculwe kuzo. Ngaba baye bafikelela kumyinge we-100 ekhulwini abazibhokoxe enkonzweni ngoAgasti? Yandlala usukelo abaza kugxininisa kulo abadala kwezi nyanga zizayo, kuquka ukuncedwa kwabo bonke babe ngabavakalisi abangaxhiphulisiyo. Quka iingongoma ezifanelekileyo zengxelo yokugqibela yomveleli wesiphaluka.
Ingoma144 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoSeptemba 21
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Iindaba Ezingokobuthixo.
15 imiz: Iimfuno zasekuhlaleni.
20 imiz: “Bazi Abazalwana Bakho.” Imibuzo neempendulo. Quka amagqabaza eMboniselo, kaOktobha 1, 1988, iphepha 10-11. Bakhuthaze bonke ukuba bathabathe inyathelo kuqala ukuze baqhelane.
Ingoma 34 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoSeptemba 28
12 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Bakhumbuze bonke ukuba bafake ingxelo yabo yenkonzo yasentsimini kaSeptemba. Nikela ingxelo ngenkqubela eyenziwa kwintsimi engabelwanga bani. Yazisa ibandla ngamalungiselelo kaOktobha. Bakhuthaze bonke ukuba bacebe ukwenza okungakumbi kumsebenzi wendlu ngendlu ngo-Oktobha ukuze basasaze amaphephancwadi angakumbi.
20 imiz: “Abaveleli Abakhokelayo—Umveleli Wenkonzo.” Intetho ngumveleli wenkonzo. Ngemva kokuxubusha ngeembopheleleko zakhe, uchaza iindlela ezingqalileyo ibandla elinokusebenzisana ngazo ukuze landise ixesha nobuchule kubulungiseleli basekuhlaleni.
13 imiz: Yintoni Eyenza Umvakalisi Aqhube Kakuhle Ebandleni? Intetho ababa nenxaxheba kuyo nabaphulaphuli. Akuyomfuneko ukuba ude ube yingcali okanye ube neziphiwo ezingaqhelekanga; kunoko, okona kufunwayo kuthi kukuba sonke sibe nesimo sengqondo sokulungela ukubonisa uthando, ukuthobeka, inzondelelo noxabiso. Cela abaphulaphuli bachaze izizathu zokuba oku kulandelayo kufuneke: (1) umoya wokuchwayita, (2) ukubakho rhoqo nokuba nenxaxheba kwiintlanganiso, (3) ukulungela ukwamkela nokuphumeza isabelo, (4) ukusebenzisana nabadala namalungiselelo ebandla, (5) umdla wokwenene wokunceda abanye, kunye (6) nokubakho rhoqo kwinkonzo yasentsimini nokufaka ingxelo ngokukhawuleza nyanga nganye.
Ingoma 25 nomthandazo wokuqukumbela.