Iindaba Ezingokobuthixo
EMzantsi Afrika: NgoMeyi kwanikezelwa iiholo ezintlanu ezizezi, iTableview (eKapa), iMakwane, iMakong, iTseseng neTseki (eQwa-Qwa). Iiholo ezintlanu zaseQwa-Qwa zanikezelwa ngemini enye, abezayo bedibene babengama-616.
IKomiti Yokwakha Yenqila (RBC) yaseWitwatersrand yathumela umatshini wokwenza izitena eQwa-Qwa yaye abazalwana basekuhlaleni benza izitena ezingama-20 000 ngeeveki ezimbini kuphela. NgoAprili iWitwatersrand RBC nabasebenzi bokuzithandela abangaphezu kwama-200 benjenjeya ukuya kwakha iiholo eQwa-Qwa uhambo olungaphezu kwama-700 eekhilomitha ukuya nokubuya. Besebenzisa indlela entsha yokwakha yokudityaniswa kwezitena zomhlaba, ngenkxaso esemagqabini yabazalwana basekuhlaleni iiholo ezine zagqitywa ngeentsuku ezintandathu. Iindonga zeholo yokugqibela zakhiwa zaya kuma eluphahleni ngeeyure nje ezine!
NgoMgqibelo, Meyi 30, 1998, abameli baseBheteli namalungu eeKomiti Zenqila Zokwakha zaseAngola, eMalawi, eMozambique, eMzantsi Afrika, eZambia naseZimbabwe baba nengqungquthela ephathelele iiHolo zoBukumkani ezibiza kancinane. Babelana ngeqela leengcamango ezisebenzisekayo ngenjongo yokukhawulezisa umsebenzi wokwakha ukuze kwakhelwe amabandla angakumbi iiHolo zoBukumkani ezifikelelekayo.
Kwanikezelwa ezinye iiholo ezintathu ngoJuni, eyaseGanyesa (eMntla Ntshona), eValschfontein (eMpumalanga), naseKomani. Oku kwenza inani leeHolo zoBukumkani ezinikezelweyo kulo nyaka zibe ngama-27.