Hlolisisa ILizwi LikaYehova Yonke Imihla!
1 Usuku ngalunye luzisa ucelomngeni olutsha kukholo lwakho. Mhlawumbi umntu wehlabathi omqhelileyo ukucengela ukuba nibe nedinga. Umfundisi-ntsapho wakho ufuna usukele izinto eziphathekayo, kungenjalo umqeshi wakho ufuna usebenze iiyure ezingakumbi. Mhlawumbi impilo yakho iya isiba nkenenkene. Nangona izilingo ezilolo hlobo zinokukufikela nanini na, akuwedwa. UYehova ukulungele ukukunika ubulumko obufunekayo ukuze uhlangabezane nazo. Ukuxubusha indinyana yeBhayibhile namagqabaza kwethi Ukuhlolisisa IZibhalo yenye yeendlela ongangenisa ngazo iLizwi likaYehova rhoqo. Ngaba uyalixhakamfula eli lungiselelo lingummangaliso?
2 Uncedo Luyafumaneka: UIsaya 30:20, NW uchaza uYehova ‘njengoMyaleli Ozukileyo’ abanokukhangela kuye abantu bakaThixo ukuze bafumane uncedo. Ukunika oko ukufunayo ukuze ujamelane nocelomngeni kukholo lwakho. Njani? Indinyana elandelayo ichaza yenjenje: “Iindlebe zakho zive ilizwi ngasemva kwakho, lisithi: ‘Nantsi indlela. Hambani ngayo.’” Namhlanje, uYehova udlulisela “ilizwi” lakhe ngeZibhalo nangeempapasho ‘zekhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’ (Mat. 24:45) Kukho indyebo yobulumko ekumanqaku eMboniselo adluleyo kuphela, ephantse ithethe ngazo zonke inkalo zobomi bobuKristu. Xa uhlolisisa lawo acatshulwe kwethi Ukuhlolisisa IZibhalo aya kukunceda wakhe uvimba wolwazi oxabisekileyo ekuhlangabezaneni nazo zonke iimvavanyo.—Isa. 48:17.
3 Kuvulele Ithuba: Nangona iintsasa zazingamaxesha axakekileyo, omnye umama waqinisekisa ukuba ufunda aze axubushe itekisi namagqabaza nonyana wakhe ngoxa esitya isidlo sakusasa. Loo mazwi kunye nomthandazo yayingamazwi okugqibela awayeweva ntsasa nganye ngaphambi kokuba aye esikolweni. Amomelezela ukuba axhathise ukuziphatha okubi ngokwesini, angalalanisi kwimibandela enokuthanani nobuzwe kwaye anikele ubungqina ngenkalipho kubafundi nakubafundisi-ntsapho ngokufanayo. Nangona kangangexesha elithile wayekuphela kweNgqina kweso sikolo, akazange azive eyedwa.
4 Khangela kuYehova naseLizwini lakhe ukuze ufumane ulwalathiso nokhokelo. Ukuba wenjenjalo, uya kuba ngumntu wokwenene kuwe, njengomhlobo othembekileyo. Zityande kuye yonke imihla! Kwakunye nezigidi zabanye ehlabathi lonke abalihlola yonke imihla iLizwi likaThixo, ngamana amehlo akho ‘angambona uMyaleli wakho Ozukileyo.’