Sebenzisa Amaphecana Ukuze Uqalise Incoko
1 Ngaba akuvumi ukuba ukunikela ubungqina obunempumelelo ubukhulu becala buxhomekeke ekuqaliseni incoko? Eyona nto inzima kukuthetha into ethimba ingqalelo yaloo mntu ukuze umbandakanye. Kodwa kunokwenziwa njani oku ngokunempumelelo?
2 Uninzi lwabavakalisi luye lwafumanisa ukuba amazwi ambalwa akhethwe kakuhle, xa uhambisa elinye lamaphecana ethu asekelwe eBhayibhileni anokuqalisa incoko. Imixholo inomtsalane, yaye imifanekiso iqaqambile kwaye inomtsalane. Iphecana alimkruquli umntu, limenze acinge ukuba unento eninzi ekufuneka ayifunde. Sekunjalo, izigidimi ezingqalileyo ezikumaphecana zithimb’ ingqalelo yaye zinokusetyenziselwa ukukhokelela kwisifundo seBhayibhile.
3 Le yindlela elalivakalelwa ngayo elinye iNgqina: “Kweli hlabathi likangxashingxashi, abantu abakuthandi ukufunda, kodwa amaphecana made ngokwaneleyo ukudlulisela isigidimi esibalulekileyo kodwa akamade kangangokuba abantu bangalithi tyaa phaya ngaphambi kokuba balifunde. Ndafunda amaphecana amaninzi, kwaye ekugqibeleni ndafunda inyaniso.” Ungaze uweye amandla eLizwi likaThixo njengokuba echazwe kule mihlathana ishicilelweyo.—Heb. 4:12.
4 Amanyathelo Amane Alula: Abaninzi baye banempumelelo ngokusebenzisa intshayelelo elula. (1) Bonisa lo mntu amaphecana ambalwa uze umbuze ukuba liliphi anomdla kulo. (2) Emva kokuba loo mntu ekhethe lalinye, buza umbuzo olungiselelwe kakuhle obalaselisa eyona ngongoma ingundoqo kwelo phecana. (3) Ukuphendula loo mbuzo, funda isiqendu esifanelekileyo okanye isibhalo kwiphecana. (4) Ukuba usabela kakuhle, qhubeka uxubusha umongo wephecana okanye ubhekisele kwisifundo esikwincwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo okanye kwisahluko esikwincwadi ethi Ulwazi enikela amagqabaza angakumbi. Ngale ndlela unokukwazi ukuqalisa isifundo seBhayibhile. La macebiso alandelayo aza kukunceda ulungiselele into onokuyithetha usebenzisa la maphecana mane.
5 Umxholo wephecana elithi “Ngubani Ngokwenene Olawula Ihlabathi?” unokubuzwa njengombuzo.
◼ Ukuba umntu othetha naye uwuphendula ngokuthi “nguThixo”okanye athi “akazi,” funda izivakalisi zokuqala ezibini kwiphepha 2 nesiqendu sokuqala kwiphepha 3. Balaselisa eyoku-1 kaYohane 5:19 neSityhilelo 12:9. Enoba loo mntu uyabuthandabuza ubukho bukaSathana uMtyholi okanye akunjalo okanye uyavuma ukuba uyaliphembelela ihlabathi, unokuqhubeka uqiqa naye ngomxholo ofumaneka ngaphantsi komxholwana othi “Ukufumana Impendulo Ngokuqwalasela Iimeko Zehlabathi” ukuze uqhube incoko. Ukuba kuboniswa umdla, cela ukumchazela imvelaphi kaMtyholi, usebenzise iingongoma ezikwiphepha 3 nelesi-4 leli phecana.
6 Iphecana elithi “Liyintoni Ithemba Ngabafileyo Obathandayo?” linokuvusa umdla ngoko nangoko. Unokuqalisa incoko ngokubuza oku:
◼ “Ngaba ucinga ukuba siya kuze siphinde sibabone abathandekayo bethu abafileyo?” Emva kwentsabelo yaloo mntu, yiya kwisiqendu sesibini kwiphepha 4 leli phecana uze ufunde uYohane 5:28, 29. Yandula ke umchazele ukuba esi sibhalo sisinceda siqonde inkcazelo engaphantsi komxholwana wokuqala weli phecana. Cela ukuba niwuxubushe kunye.
7 Iphecana elithi “Bunandiphe Ubomi Bentsapho” linomtsalane kwiintsapho zonke ehlabathini. Xa ulisebenzisa, unokuthi:
◼ “Ngokuqinisekileyo uya kuvuma ukuba intsapho iyahlaselwa namhlanje. Ucinga ukuba kungenziwa ntoni ukuze komelezwe amaqhina entsapho?” Emva kwentsabelo yaloo mntu, yalathisela ingqalelo yakhe kwiingongoma ezikwisiqendu sokuqala kwiphepha 6. Khetha isibhalo sibe sinye kwezo zicatshulwe kwiphepha 4 nelesi-5 leli phecana, uze uchaze oko sikuthethayo. Wandule ke ukucela ukumqhubela isifundo seBhayibhile sekhaya sesisa.
8 Iphecana elithi “Isizathu Sokuba Unokukholosa NgeBhayibhile” linokusetyenziswa nale ntshumayelo:
◼ “Inkoliso yabantu ikhe yeva ngebali likaKayin noAbheli, elifumaneka kwincwadi yokuqala yeBhayibhile. Ingxelo ekwiGenesis nayo ikwathetha ngomfazi kaKayin. Ngaba wakha wazibuza ngemvelaphi yakhe?” Sebenzisa isiqendu sokugqibela esikwiphepha 2 leli phecana ukumphendula. Chaza ukuba eli phecana likwaxubusha ngezinto ezibalulekileyo eziseBhayibhileni esizifunjathelwe likamva. Qala ngesiqendu sesithathu kwiphepha 5, uqhubeke nale ngxubusho, usebenzisa izibhalo ezixhasayo.
9 Ukusasaza amaphecana eBhayibhile yindlela ephumelelayo yokushumayela iindaba ezilungileyo nekudala isetyenziswa. Ngenxa yokuba kulula ukuwaphatha naphi na apho uya khona, unokuwasebenzisa ngokunempumelelo kumsebenzi wakho wendlu ngendlu naxa unikela ubungqina obungacwangciswanga. Amaphecana anendima ebalulekileyo ekuphumezeni ubulungiseleli bethu. Qinisekisa ukuba uphatha iintlobo ngeentlobo zawo uze uwasebenzise ngobuchule ukuze uqalise incoko.—Kol. 4:17.