Ukwazisa Igama LikaYehova Nezenzo Zakhe
1 “Bulelani kuYehova, bizani egameni lakhe, zaziseni phakathi kwezizwana izenzo zakhe. . . . Mayibe nemihlali intliziyo yabo bamfunayo uYehova.” (INdu. 105:1, 3) Umdumisi owabhala loo mazwi wafumana uvuyo olukhulu ngokubalisela abanye ngoYehova ‘nezenzo’ zakhe. Ziziphi ezo zenzo? Ngokungathandabuzekiyo zezo zinxulumene nobukumkani obuzukileyo bukaThixo kunye ‘neendaba ezilungileyo zosindiso lwakhe.’—INdu. 96:2, 3; 145:11, 12.
2 Njengokuba ixesha leSikhumbuzo sowama-2001 lisondela, sinezizathu ezininzi zokuvuya ngezinto asenzele zona uYehova. Njani? Ngokungathandabuzekiyo, iSidlo SeNkosi Sangokuhlwa sesona siganeko sibalulekileyo sonyaka kuwo onke amaKristu okwenyaniso. Asikho esinye isiganeko esifana naso ngokubaluleka, ngenjongo okanye ngenkqubo. Eli lixesha lokuba sonke sikhumbule oko asenzele kona uYehova noYesu ukuze sisindiswe. Akumangalisi ke ngoko ukuba ngexesha leSikhumbuzo silindele ukubona ukwanda komsebenzi kubulungiseleli basentsimini, njengokuba sisazisa “iindaba ezilungileyo zosindiso”!
3 Ngaba Uza Kuba Nguvulindlela Ongumncedani? Kulo nyaka uphelileyo bali-10- 126 ababhalisa njengoovulindlela babancedani eMzantsi Afrika. (eBotswana bebeli-173 oovulindlela babancedani, eLesotho bebengama-237, eNamibia bebengama-92, kwiSiqithi saseSt. Helena bebeli-11, yaye eSwaziland bebengama-286.) Kulo nyaka, ngaba sinokwenza uMatshi noAprili babe ziinyanga ezikhethekileyo zomsebenzi kubulungiseleli? UMatshi uneMigqibelo emihlanu, uAprili uneeCawa ezintlanu yaye uAprili 7 uya kuba luSuku olukhethekileyo Lwamaphephancwadi. Ngokucwangcisela ukusebenza usuku lonke ngeempela-veki, abavakalisi abaninzi abasebenza ixesha elizeleyo baye bafumanisa ukuba bangaba ngoovulindlela abangabancedani. Ukuze kufikelelwe isisikelo seeyure ezingama-50 ngenyanga, uvulindlela ongumcedani kufuneka abe nomlinganiselo weeyure ezili-12 ngeveki. Hlolisisa ngenyameko ucwangciso olucetyiswe kwibhokisi ekwiphepha 4. Ngaba olunye kolu cwangciso luya kuzilungela iimeko zakho? Ukuba akunjalo, mhlawumbi ungenza olwakho ucwangciso ukuze ube nguvulindlela ongumncedani ngoMatshi nango-Aprili.
4 Abadala bafanele baqalise ngoku ukwakha ihlombe nokuxhasa umsebenzi wenkonzo owandisiweyo. Kulo nyaka uphelileyo kwelinye ibandla bonke abadala nezicaka zolungiselelo babhalisa njengoovulindlela abangabancedani, abavakalisi abangama-64 kwabali-121 baba ngoovulindlela ngo-Aprili! Ibandla lavuyiswa kukubona abavakalisi abangabhaptizwanga abathandathu beqalisa ukufaka ingxelo ngoMatshi nangoAprili. Kakade ke, eli lelona xesha lihle lokuba abantwana nabasebatsha babuze abadala enoba bayafaneleka kusini na ukuba bangaqalisa ukuba nesabelo kumsebenzi wokunikela ubungqina esidlangalaleni.
5 Imigudu Engakumbi Izisa Intsikelelo: Amabandla abeka usukelo olukhethekileyo aze enze umgudu ongakumbi anandipha iintsikelelo ezingakumbi. Amanye amabandla asenokugxininisa ngokukhethekileyo ekusebenzeni intsimi engafane igutyungelwe, egxininise kwezinye iindlela zokunikela ubungqina, okanye ekunikeleni ubungqina ngomnxeba—indlela ekhethekileyo yokuqhagamshelana nabantu abangekhoyo emakhaya neendawo ezihlala abantu abangafane bafumaneke.
6 Ngaba impilo enkenenkene okanye ukwaluphala ngokuzenzekelayo kuthintela ubani ekubeni abe nenxaxheba kangangoko anako enkonzweni? Akusoloko kunjalo. Ngokomzekelo, omnye udade oneminyaka engama-86 ubudala onesifo somhlaza ebenguvulindlela ongumncedani ngoAprili nangona edumbe imilenze. Ngokunikela ubungqina ngomnxeba wakwazi ukuba nesabelo esizeleyo enkonzweni, esandisa indumiso yakhe kuYehova. Oku kwaba lukhuthazo kuye nasebandleni.
7 Silungiselele Kakuhle ISikhumbuzo: Kulo nyaka iSikhumbuzo siza kuba ngoAprili 8. Ekubeni olu suku lungeCawa, bafanele ukuba babebaninzi ngakumbi abaza kuza. Sinokuba nabona bantu baninzi abazileyo ukuba siyayenza indima yethu (1) ngokubakho (2) nangokumema abanye basithelele eSikhumbuzweni. Ngoobani esifanele sibameme?
8 Khangela amagama abo baye babonisa umdla kwinyaniso kwingxelo yakho yenkonzo yasentsimini, nangona usenokuba ubungabatyeleli rhoqo. Kwisithuba seeveki ezimbini okanye ezintathu ngaphambi kweSikhumbuzo, zama ukubatyelela bonke abo banezimemo zeSikhumbuzo. Ukuba iimeko zakho ziyakuvumela, cela ukubalungiselela into yokuhamba abo banomdla wokuza.
9 Kwamanye amabandla, azisetyenziswa zonke izimemo zeSikhumbuzo ezishicilelweyo. Oonobhala bamabandla bafanele baqinisekise ukuba izimemo zifumaneka kwangethuba ukuze zisasazwe zonke. Usenokulichwetheza okanye ulibhale ngoonobumba ixesha nendawo yeSikhumbuzo emazantsi esimemo. Okanye usenokuquka isimemo esibonisa idilesi yeHolo yoBukumkani ukuba kulapho siza kuqhutywa khona iSikhumbuzo. Ukunikhumbuza, kwiimeko ezininzi ufanele umnike ngokwakho umninimzi izimemo zeSikhumbuzo.
10 Khumbula Abapholileyo: Kuba luvuyo xa isifundo seBhayibhile sizahlulela kuYehova size sikufuzisele oko ngokuntywiliselwa emanzini. Noko ke, nyaka ngamnye abanye phakathi kwethu bayayeka ukunxulumana nathi, baze bayeke ukuxelela abanye ngegama likaYehova nezenzo zakhe. Sinesizathu sokuxhalaba. Nangona inkoliso yabapholileyo bengayilahlanga inyaniso, basenokuba bayekile ukushumayela ngenxa yokudimazeka, iingxaki zobuqu, kungenjalo amanye amaxhala obomi. (Mat. 13:20-22) Abo babuthathaka ngokomoya bafuna uncedo ukuze babuyele ebandleni ngaphambi kokuba baqwengwe yile nkqubo kaSathana yezinto. (1 Pet. 5:8) Kwesi Sikhumbuzo sifuna ukwenza umgudu okhethekileyo wokunceda bonke abapholileyo abafanelekayo ukuba baphinde bashumayele iindaba ezilungileyo.
11 Unobhala webandla ufanele akhumbuze abaqhubi bezifundo zencwadi zebandla ngabo nabaphi na abapholileyo kumaqela abo. IKomiti Yenkonzo Yebandla iya kulungiselela amatyelelo okwalusa kubo bonke abapholileyo. Ukuba kuyabonakala ukuba loo mntu uya kungenelwa kwisifundo seBhayibhile, umveleli wenkonzo uya kulungiselela umntu oza kumnceda, emva kokudibana namanye amalungu ekomiti yenkonzo ngalowo uya kufaneleka ukuqhuba isifundo. Nangona kusenokungabi yimfuneko ukuba isifundo siqhutywe ixesha elide, lowo wabelwe ukuba asiqhube unokubala ixesha, ibuyelo nesifundo seBhayibhile.
12 Kulo Aprili uphelileyo omnye udade owayesebenza kwindlu ngendlu wahambisela ityendyana lomfana elalisesitratweni amaphephancwadi. Lamxelela ukuba umfazi walo liNgqina elipholileyo. Labuza ngendawo ekuyo iHolo yoBukumkani laza lacela lo dade ukuba alityelele lona nomfazi walo. Ngenxa yoku, esi sibini saya kwintlanganiso elandelayo saza savuma ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile.
13 Lungela Umsebenzi Owandisiweyo! Umdumisi owathi masazise igama likaYehova nezenzo zakhe wongezelela wathi: “Mvumeleni, nimculele uncuthu lwengoma, zixhalabiseni ngemisebenzi yakhe yonke emangalisayo. Qhayisani ngegama lakhe elingcwele.” (INdu. 105:2, 3) Masibonise inkxalabo ngegama elikhulu likaYehova “nemisebenzi yakhe emangalisayo” ngokwandisa imigudu yethu kubulungiseleli, senze eli xesha leSikhumbuzo libe lelona lakhe labalasela!
[Ibhokisi ekwiphepha 4]
Iindlela Ezahlukeneyo Zokucwangcisa Iiyure Ezili-12 Ngeveki Ukuze Ukwazi Ukuba Nguvulindlela Ongumncedani
Usuku Iiyure
NgoMvulo 1 2 − −
NgoLwesibini 1 − 3 −
NgoLwesithathu 1 2 − 5
NgoLwesine 1 − 3 −
NgoLwesihlanu 1 2 − −
NgoMgqibelo 5 4 3 5
NgeCawa 2 2 3 2
Isimbuku: 12 12 12 12
Ngaba olunye kolu cwangciso luya kusebenza kuwe? Ukuba akunjalo, kutheni ungazenzeli olwakho ucwangciso?