Ukunikela Ubungqina Ngokunempumelelo Ngomnxeba
1 Injongo yethu njengamaNgqina kaYehova asikokubandakanyeka nje ekushumayeleni iindaba ezilungileyo kodwa kukuba sifikelele wonke ubani esinokumfikelela ngesigidimi soBukumkani. (IZe 10:42; 20:24) Ngoxa umsebenzi wokushumayela kwindlu ngendlu uqhubeka uyeyona ndlela ingundoqo yokufikelela abantu, siyaqonda ukuba kwanangale nkqubo ilungelelanisiweyo asifikeleli wonke ubani. Ukuze ‘sibufeze ngokupheleleyo ubulungiseleli bethu,’ sisebenzisa ezinye iindlela—eziquka nokunikela ubungqina ngomnxeba—ukuze sifumane abantu ababumvu.—2 Tim. 4:5.
2 Kwiindawo eziliqela, abantu bahlala kwizakhiwo ezinqatyisiweyo, ezihlala iintsapho ezininzi, okanye imimandla enamasango anqatyisiweyo, apho kunzima ukusebenzisa indlela yethu yesiqhelo yendlu ngendlu yokufikelela abantu. Kwanakwintsimi esinokukwazi ukusebenza kwindlu ngendlu, uninzi lwabantu alukho ekhaya. Noko ke, abavakalisi abaninzi banempumelelo encomekayo ngokuthetha naba bantu ngomnxeba.
3 Ngaba umathidala ukunikela ubungqina ngomnxeba kubulungiseleli bakho? Omnye umzalwana wavuma: “Andimthandi nabani na onditsalela umnxeba ukuze andithengisele nantoni na, ngoko ndimadolw’ anzima ukunikela ubungqina ngolu hlobo.” Noko ke, emva kokuba etsalele umnxeba abantu ababini wathi: “Ndiyakuthanda! Andizange ndicinge ukuba oko kunokwenzeka, kodwa ndiyakuthanda! Abantu bayakhululeka emnxebeni, yaye uyakwazi ukuthetha yonke into ofuna ukuyithetha. Ndikuthanda gqitha oku!” Omnye udade wasabela ngendlela efanayo: “Ndandingakuthandi kwaphela ukunikela ubungqina ngomnxeba. Ngeliphandle, ndandingafuni ukukwenza. Kodwa ndakuzama ndaza ndakufumanisa kuphumelela gqitha. Ndinamabuyelo angama-37 ngenxa yokunikela ubungqina ngomnxeba nezifundo ezingakumbi kunezo ndinokuziqhuba!” Ukuba ukulungele ukuzama ukunikela ubungqina ngomnxeba, nawe unokuba nempumelelo.
4 Ukulungiselela Ukunikela Ubungqina Ngomnxeba: Umsebenzi webandla wokunikela ubungqina wonganyelwa ngumveleli wenkonzo. Kuxhomekeka kwintswelo ekhoyo, iqumrhu labadala lisenokukhetha omnye umdala okanye isicaka solungiselelo esifanelekayo ukuze bancedisane ekulungiseleleni umsebenzi wokunikela ubungqina ngomnxeba. Umzalwana onyamekela intsimi ufanele abandakanyeke, ekubeni eza kwaba intsimi aze agcine ingxelo esexesheni. Ngokufanayo, umveleli wesiphaluka uya kuba nomdla wokwazi ngenkqubela yolu cwangciso.
5 Ukuba kukho imizi ekungenakunikelwa ubungqina kuyo kwindlu ngendlu kwintsimi yenu, kufanele kulungiselelwe ukunikela ubungqina ngomnxeba. Umzalwana owabelweyo uya kwenza uludwe lweedilesi eziya kuba yiloo ntsimi, olufanele lugcinwe luluncinane ukuze zisetyenzwe rhoqo. Zonke iimaphu zentsimi ezinaloo mimandla zifanele zibekwe uphawu olubonisa ukuba le nxalenye ityunjelwe ukunikela ubungqina ngomnxeba.
6 Unokuzifumana phi iinombolo zeminxeba? Oku kunokuba lucelomngeni. Amanye amabandla ahlanganisa uludwe lweenombolo zeminxeba ngokusebenzisa incwadi yasekuhlaleni yeenombolo zeminxeba. Ukuba isakhiwo esinqatyisiweyo sinolwaso uludwe lweminxeba, mhlawumbi unokulufumana apho. Mhlawumbi, amagama abantu abahlala apho anokukhutshelwa kulawo akwincwadi esesangweni aze akhangelwe kwincwadi yomnxeba. Enoba yiyiphi indlela oyisebenzisayo ukuze ufumane iinombolo zomnxeba, qiniseka ukuba oko kusemthethweni. Ukuba inombolo yomnxeba uyifumene kummelwane okanye kwenye indawo, kusenokufuneka usebenzise ubulumko xa uchaza apho uyifumene khona.
7 Abadala banokubonakalisa umdla okhethekileyo ngalo msebenzi ngokulungiselela ukuba abo banamava ekunikeleni ubungqina ngomnxeba baqeqeshe abanye, mhlawumbi ngelungiselelo Loovulindlela Abanceda Abanye. Ngamaxesha athile, intetho yeemfuno zasekuhlaleni yeNtlanganiso Yenkonzo inokulungiselelwa ukuba ihambisele phambili le nxalenye yokunikela ubungqina.
8 Xa abadala besenza amatyelelo okwalusa kwabagulayo okanye abanempilo enkenenkene, basenokubakhuthaza ukuba babe nenxaxheba ekunikeleni ubungqina ngomnxeba. Mhlawumbi umdala angatsalela abantu abambalwa umnxeba ngoxa umvakalisi ebukele. Unokwandula ke umvakalisi avulelwe ithuba lokuba atsale umnxeba. Uninzi lwabo sele beqalisile kule ndlela bachitha imizuzu embalwa suku ngalunye kulo msebenzi, yaye bawuthanda ngokwenene.
9 Amacebiso Anokukunceda Uphumelele: Xa uYesu wathuma abafundi bakhe ukuba baye kushumayela, ‘wabathumela ngababini.’ (Luka 10:1) Kwakutheni? Wayesazi ukuba ngokusebenza kunye babeza kufundisana baze bakhuthazane. Kukwanjalo nangokunikela ubungqina ngomnxeba. Ngokusebenza njengamaqabane, ninokufundisana, nixubushe ngemiphumo yenu, nize nicebisane ngengxubusho elandelayo. Kwanangoxa omnye ethetha emnxebeni, ninokuncedana ngokufumanelana inkcazelo efanelekileyo. Kunconyelwa ukuba abavakalisi basebenze ngababini xa benikela ubungqina ngomnxeba njengokuba kunjalo naxa kunikelwa ubungqina kwindlu ngendlu.
10 Ukuze ukwazi ukucinga uze unikele ingqalelo kakuhle, hlala apho unokukwazi ukubeka phambi kwakho izixhobo zakho zokunikela ubungqina—iBhayibhile, incwadi Ukuqiqa, incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo, amaphephancwadi njalo njalo. Bhala phantsi iintshumayelo ezithile, uze uzibeke apho unokuzibona khona. Zama ukugcina iingxelo ezichanileyo nezipheleleyo, kuquka umhla nexesha ukuze wazi ixesha lokulandelela umdla obonisiweyo.
11 Abantu badla ngokulumka xa besiva ilizwi abangaliqhelanga emnxebeni. Ngoko, yiba nobubele, ube nobuhlobo nobuchule. Umninimzi uva ilizwi lakho, kuphela lilo elinokumnceda aqonde uhlobo lomntu olulo nokunyaniseka kwakho. Khululeka uze uthethe ngokusuka entliziyweni. Musa ukukhawulezisa xa uthetha yaye thetha ngokucacileyo ngelizwi elinokuviwa kakuhle. Vumela umninimzi ukuba athethe. Sebenzisa igama lakho elipheleleyo, umxelele ukuba uhlala kwalapha ekuhlaleni. Asifuni abantu bacinge ukuba singabantu abathengisa ngomnxeba. Kunokuba uthi utsalela umnxeba bonke abantu abakweso sakhiwo, bhekisa kuloo mntu.
12 Iintshumayelo Zomnxeba: Uninzi lweentshayelelo ezikwincwadi ethi Ukuqiqa iphepha 9-15 zinokulungelelaniselwa ukunikela ubungqina ngomnxeba. Usenokuthi: “Ndikutsalele umnxeba kuba ndingakwazi ukuza kuthetha nawe. Injongo yokukutsalela umnxeba kukufuna uluvo lwakho ngalo mbuzo ubangel’ umdla.” Yandula ke ubuze.
13 Intshumayelo yokuqala ngaphantsi komxholo othi “Ulwaphulo-mthetho/Ukhuseleko” inokusetyenziswa ngale ndlela: “Bhota. Igama ndingu_____. Ndikwalapha ekuhlaleni. Ndifuna ukukuqinisekisa ukuba andingomthengisi okanye umntu owenza uhlolisiso. Ndithe mandikutsalele umnxeba ngenxa yenkxalabo endinayo ngokhuseleko lomntu ngamnye. Ulwaphulo-mthetho lwesamele, yaye luchaphazela ubomi bethu. Ngaba ucinga ukuba liya kuze lifike ixesha xa bonke abantu beya kukwazi ukuhamba ezitratweni ebusuku bazive bekhuselekile? [Vumela impendulo.] Mandikufundele oko uThixo athembise ukukwenza.”
14 Ukusebenzisa indlela engqalileyo yokucela isifundo seBhayibhile emnxebeni kuye kwanemiphumo emihle. Kunokwenziwa umboniso wokuqhutywa kwesifundo ngemizuzu embalwa. Cela ukumtyelela loo mntu ekhayeni lakhe ukuze niqhubeke nesifundo, okanye ukuba loo mntu uyathandabuza, cela ukuqhuba isifundo ngomnxeba ngolunye usuku.
15 Xa uqukumbela incoko, cinga ngento eya kukhokelela ekubeni umtyelele loo mntu ekhayeni lakhe okanye umthumelele uncwadi oluthile. Ukuba loo mntu uyathandabuza ukukunika idilesi yakhe, cela ukumtsalela umnxeba kwakhona. Kusenokufuneka umtsalele umnxeba izihlandlo eziliqela ngaphambi kokuba azive ekhululekile ukuba akuvumele uze ekhayeni lakhe.
16 Thabatha Inyathelo Kuqala: Omnye udade oneminyaka eli-15 ubudala waqalisa inkonzo yakhe yakusasa ngomnxeba. Wathetha nebhinqa elavumayo ukuthabatha incwadi ethi Ulwazi. Xa lo dade wayezise le ncwadi ekhayeni lalo, eli bhinqa lafuna ukwazi indlela lo uselula ayifumene ngayo inombolo yomnxeba yakhe, ekubeni yayingabhalwanga. Lo dade wayelitsalele umnxeba ngempazamo! Eli bhinqa lasamkela isifundo ibe ngoku lingumvakalisi ongabhaptizwanga.
17 Omnye udade owayenikwe isabelo sokusebenza intsimi ngomnxeba akazange ayisebenze kangangeeveki ezintathu ngenxa yoloyiko. Wayifumana phi inkalipho yokuqalisa? Wakhumbula inqaku elikuVukani! wesiNgesi kaJanuwari 22, 1997, elalinomxholo othi “Xa Ndibuthathaka, Kokona Ndinamandla.” Lalixubusha ngeNgqina elinikela ubungqina ngomnxeba phezu kwako nje ukusikelwa umda bubuthathaka. Lo dade wathi: “Ndathandaza kuYehova ndicela amandla. Ndacela ukuba andinike amazwi afanelekileyo entshumayelo yam.” Waba yintoni umphumo kusuku lwakhe lokuqala lokunikela ubungqina ngomnxeba? Unikela le ngxelo: “UYehova wawuphendula umthandazo wam. Abantu baphulaphula, yaye ndalungiselela ukubuyela.” Kamva ukunikela kwakhe ubungqina ngomnxeba kwaphumela kwisifundo seBhayibhile. Uqukumbela ngelithi: “UYehova undifundise ukukholosa ngaye kungekhona ngesiqu sam.”—IMize. 3:5.
18 Ukushumayela inyaniso ngomnxeba kuye kwayindlela ephumelelayo yokushumayela iindaba ezilungileyo. Lungiselela ngokucokisekileyo, uze ube nenxaxheba ngentliziyo iphela. Musa ukudimazeka ukuba intsabelo ayintle kumalinge okuqala. Thandazela ulwalathiso lukaYehova, uze uthelekise amanqaku akho nawabanye abashumayela ngale ndlela ibangela umdla. Ekubeni sinomnqweno wokufikelela wonke ubani entsimini yethu, ngamana singabuphumeza ngokucokisekileyo ubulungiseleli bethu ngongxamiseko.—Rom. 10:13, 14.