IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 2/02 iphe. 7
  • Izaziso

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Izaziso
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2002
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2002
km 2/02 iphe. 7

Izaziso

◼ Umnikelo woncwadi NgoFebruwari: Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila. NgoMatshi: Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade. Kuya kwenziwa umgudu okhethekileyo wokuqalisa izifundo zeBhayibhile zasekhaya. NgoAprili NangoMeyi: Amaphephancwadi IMboniselo noVukani! Hambisa incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo ngenjongo yokuqalisa izifundo zeBhayibhile zamakhaya.

◼ Umveleli owongamelayo okanye uthile owabelwe nguye ufanele ahlolisise ingxelo yemali yebandla ngoMatshi 1 okanye ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka emva koko. Xa oku kwenziwe, yenza isaziso ebandleni emva kokwenziwa kwengxelo yemali elandelayo.

◼ Unobhala nomveleli wenkonzo bafanele bahlolisise wonke umsebenzi woovulindlela abathe ngxi. Ukuba kukho abanengxaki yokuzalisa isisikelo seeyure, abadala bafanele balungiselele ukuba bancedwe. Ngokuphathelele amacebiso, hlolisisa iileta iiS-201 zaminyaka le. Bona nesiqendu 12-20 sesihlomelo soBulungiseleli Bethu BoBukumkani buka-Agasti 1986.

◼ Unobhala ufanele aqinisekise ukuba iKomiti Yokwakha Yenqila iyazi ngemeko yabo bonke abavakalisi ababhaptiziweyo abaye bathumela ifomu ezithi Kingdom Hall Volunteer Worker Questionnaire (S-82). Xa kukho utshintsho kwimeko yetsha-ntliziyo elithile, njengaxa uthile eye wafuduka okanye wamiselwa njengesicaka solungiselelo okanye umdala, kufanele kuzaliswe iifomu ezintsha zize zithunyelwe ngokukhawuleza. Ukuba idilesi yetsha-ntliziyo elithile okanye inombolo yomnxeba zitshintshile, okanye alisenako ukuma okuhle nebandla, ngaphandle kokulibazisa abadala bafanele bazise iKomiti Yokwakha Yenqila ngeleta.

◼ Walumkele amayelenqe okwenza imali akwi-Internet nakwiileta acela imali yokuxhasa abazalwana bethu esithela ngokunceda amaxhoba eentlekele. Nanini na kufuneka ikomiti yokuhlangula ukuze kuncedwe amaNgqina kaYehova, kuya kwaziswa abazalwana abafanelekayo. Iminikelo yeentlekele ezinjalo iya kuthunyelwa kule dilesi AmaNgqina kaYehova, Private Bag X2067, Krugersdorp, 1740.

◼ Intetho yesidlangalala ekhethekileyo yexesha leSikhumbuzo sowama-2002 iza kunikelwa ngeCawa, Aprili 14. Umxholo wentetho uza kube usithi “Ungayilibali ‘Imini Eyoyikekayo KaYehova.’!” Ulwandlalo luza kuthunyelwa. Kumabandla aza kube etyelelwe ngumveleli wesiphaluka okanye enendibano ekhethekileyo okanye eyesiphaluka ngaloo mpela-veki iya kunikelwa kwiveki elandelayo. Akukho bandla lifanele libe nentetho ekhethekileyo ngaphambi kuka-Aprili 14, 2002.

◼ Ilungiselelo lomrhumo weqela liyekiwe, kodwa iza kuqhubeka yonke imirhumo yeqela ekhoyo ide iphelelwe. Imirhumo yeposi isafumaneka, kodwa kubantu abasemagqagaleni kuphela abangakwaziyo ukunxibelelana nebandla.

◼ Ukususela kwinkupho ka-Aprili 1, 2002, yeMboniselo—ebhalwe ngamagama amakhulu iza kufumaneka ngesiZulu kanye ngenyanga. Amabandla afanele athumele izicelo zawo kwifomu ethi Isicelo Samaphephancwadi Ebandla M(d)-202.

UMatshi 2, 2002, uza kube eluSuku Lwamaphephancwadi lwethu olukhethekileyo. Kwixa elidluleyo abaninzi baye bakuvuyela ukuba nesabelo kumsebenzi okhethekileyo woSuku Lwamaphephancwadi. Sikhuthaza wonke ubani ukuba aqalise kwangoku ukuceba ukuze sibe nesabelo ngokuzeleyo kulo nyaka. Amabandla afanele athumele izicelo ezikhethekileyo zamaphephancwadi ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share