IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 8/03 iphe. 6
  • Impinda Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Impinda Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2003
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2003
km 8/03 iphe. 6

Impinda Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo

Le mibuzo ilandelayo iza kuxutyushwa kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo seveki eqala ngoAgasti 25, 2003. Umveleli wesikolo uya kuqhuba impinda ethabatha imizuzu engama-30 esekelwe kumbandela ogutyungelwe kwizabelo ezisusela kwiveki ngoJulayi 7 ukusa ngoAgasti 25, 2003. [Phawula: Apho kungekho mbekiselo emva kombuzo, kuya kufumaneka uzenzele olwakho uphando ukuze ufumane iimpendulo.—Bona incwadi yeSikolo Sobulungiseleli, iphe. 36-7.]

UPHAWU LWENTETHO

1. Ziziphi iingenelo ezibakho xa ujonga abaphulaphuli entsimini? [be-XO iphe. 125 isiqe. 1-2; iphe. 125 ibhokisi]

2. Yintoni enokukunceda xa usoyika entsimini? [be-XO iphe. 128 isiqe. 4-5]

3. Yintoni eya kusinceda sithethe ngendlela esiqhele ukuthetha ngayo yaye sincokole xa sinikela intetho? [be-XO iphe. 129 isiqe. 2; iphe. 129 ibhokisi]

4. Imigaqo efumaneka kwiLevitikus 16:4, 24, 26, 28; kuYohane 13:10; nakwiSityhilelo 19:8 ifanele ibe nawuphi umphumo kwinkangeleko yethu, yaye kutheni kubalulekile nje oku? [be-XO iphe. 131 isiqe. 3; iphe. 131 ibhokisi]

5. Chaza umntu othozamileyo ‘nonengqondo ephilileyo.’ (1 Tim. 2:9, 10) [be-XO iphe. 132 isiqe. 1]

ISABELO 1

6. Nangona amaKristu emele anyamezelane, yintoni angamele kuyinyamezela? (Kol. 3:13) [w01 7/15 iphe. 22 isiqe. 7-8]

7. Yinyaniso okanye Bubuxoki: Inani ekuthiwa yiordinal linani elipheleleyo. Cacisa. [si-XO iphe. 282 isiqe. 24-5]

8. Yiyiphi eyona ntshukumisa inyulu yokufunda iLizwi likaThixo, yaye kutheni kubalulekile ukuba nayo? [be-XO iphe. 24 isiqe. 1]

9. Isilumko ‘silugcina njani ulwazi’? (IMize. 10:14) [w01-XO 7/15 iphe. 27 isiqe. 4-5]

10. Kutheni imikhwa kaYobhi iphawuleka nje? (Yobhi 1:1, 8; 2:3) [w01-XO 8/1 iphe. 20 isiqe. 4]

UFUNDO LWEBHAYIBHILE LWEEVEKI NGEEVEKI

11. Amalungu equmrhu elilawulayo afikelela njani ‘ngamxhelo mnye’ kwisigqibo sokuba akuyomfuneko ukoluswa kwamakholwa eeNtlanga ukuze asindiswe? (IZe. 15:25)

12. Kwakutheni ukuze iqumrhu elilawulayo licele uPawulos ukuba enze izinto ezithile eziyalelwe nguMthetho kaMoses ngoxa uMthetho wawuchithiwe nguYehova? (IZe. 21:20-26) [it-1 iphe. 481 isiqe. 3; it-2 iphe. 1163 isiqe. 6–iphe. 1164 isiqe. 1]

13. Sisiphi isityholo sobuxoki awatyatyekwa ngaso uPawulos esisikhumbuza ngezinto ezithethwa ngabantu ngamaNgqina kaYehova kula maxesha? (IZe. 24:5, 6) [w01 12/15 iphe. 22 isiqe. 7–iphe. 23 isiqe. 2]

14. UPawulos wawumisela njani umzekelo njengomvakalisi woBukumkani kwanaxa wayevalelwe endlwini kangangeminyaka emibini? (IZe. 28:30, 31)

15. Kungayiphi indlela “amagunya awongamileyo” ayinxalenye ‘yelungiselelo likaThixo,’ yaye loo nto ifanele iwachaphazele njani amaKristu? (Roma 13:1, 2) [w00-XO 8/1 iphe. 4 isiqe.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share