Ucwangciso Lwentlanganiso Yenkonzo
Iveki Eqala NgoFebruwari 14
10 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. IZaziso Ezikhethiweyo kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani. Usebenzisa amacebiso akwiphepha 8 (ukuba ayasebenza kwintsimi yenu) bonisa indlela yokuhambisa IMboniselo kaFebruwari 15 noVukani! kaMatshi 8. Ngokufutshane hlolisisa indlela iintshumayelo ezicetyisiweyo ezinokusetyenziswa ngayo kwiimeko zentsimi yasekuhlaleni.—Bona UBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaJanuwari 2005, iphe. 8.
35 imiz: “Ixesha LeSikhumbuzo—Isihlandlo Sokwandiswa Komsebenzi.”a Mayisingathwe ngumveleli wenkonzo. Xa nixubusha isiqendu 6, quka amagqabaza akuVukani! kaSeptemba 8, 2004, iphepha 12-13. Chaza amagama abo babhalisele ukuba ngoovulindlela abangabancedani. Chaza amalungiselelo eentlanganiso zenkonzo ezongezelelekileyo ekucetywa ukuba zibekho. Bakhuthaze bonke ukuba bandise umsebenzi wabo wokomoya ngexesha leSikhumbuzo.
Ingoma 14 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoFebruwari 21
5 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni.
40 imiz: “INdibano YeSithili Isihlaziyela Ukuba Sihambe NoThixo.” Mayisingathwe ngumdala. Emva kwentshayelelo yomzuzu omnye nangaphantsi, xubusha nabaphulaphuli ngocwangciso lwendibano usebenzisa imibuzo ekweli nqaku. Labe kakuhle ixesha lakho ukuze ufumane ixesha elaneleyo layo yonke imibuzo, mhlawumbi uvumele impendulo ibe nye kweminye imibuzo. Aninakukwazi ukufunda zonke izibhalo ezicatshulweyo ngeli xesha limiselweyo; zibhalelwe ukuba kube lula ukufumana iimpendulo. Amagqabaza afanele anikel’ ingqalelo kwiingenelo zokusebenzisa izinto esizifundileyo.
Ingoma 21 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoFebruwari 28
10 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. Ingxelo yemali. Khumbuza abavakalisi ukuba badlulise iingxelo zenkonzo yasentsimini kaFebruwari. Usebenzisa amacebiso akwiphepha 8 (ukuba ayasebenza kwintsimi yenu), bonisa indlela yokuhambisa IMboniselo kaMatshi 1 noVukani! kaMatshi 8. Kunokusetyenziswa nezinye iintshayelelo ezisebenzayo kwintsimi yenu. Xa kuqukunjelwa omnye umboniso, umvakalisi makamemele umninindlu eSikhumbuzweni esebenzisa iphepha elingasemva kuVukani! kaMatshi 8.
20 imiz: “Mbulele UYehova Ngobubele Bakhe Bothando.”b Chaza ixesha kunye nendawo esiza kuqhutyelwa kuyo iSikhumbuzo, uchaze negama lomzalwana oza kunikel’ intetho, nazo naziphi na ezinye iinkcukacha eziphathelele oko. Xa nixubusha isiqendu 4, yenza umboniso omfutshane womvakalisi ememela umntu amenzela umzila wamaphephancwadi eSikhumbuzweni. Abavakalisi bafanele banikwe izimemo zeSikhumbuzo ezishicilelweyo emva kweentlanganiso, ukuba abakazifumani.
15 imiz: “Ukuqhuba Izifundo ZeBhayibhile Ezinenkqubela—Icandelo 6.”c Quka umboniso wemizuzu emine apho isifundo sibuza isizathu sokuba babe mbalwa kangaka abantu abathabathe isonka newayini eSikhumbuzweni. Umqhubi wesifundo uyasincoma ngombuzo waso, uyawubhala, aze asicele ukuba bakuxubushe oko emva kokuba begqibile ukufunda. Bakugqiba ukufunda, umqhubi wesifundo walathisa isifundo sakhe umbandela okwincwadi ethi Ukuqiqa kwiphepha 331, phantsi kombuzo othi, “Ngoobani abamele bathabathe kwisonka nakwiwayini?” Bawufunda kunye lo mbandela, size isifundo sibulele kakhulu ngendlela ophendulwe ngokucace ngayo umbuzo waso.
Ingoma 72 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoMatshi 7
10 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. Yenza impinda yeengongoma ezibalulekileyo kwibhokisi ethi “Izinto Ezimele Zikhunjulwe Xa Kulungiselelwa ISikhumbuzo.”
15 imiz: Iimfuno zebandla lasekuhlaleni.
20 imiz: Bakhathalele Ababuthathaka. (IZe. 20:35) Emva kwentshayelelo yomzuzu omnye, yenza ingxubusho yemibuzo neempendulo kwiMboniselo kaJulayi 1, 2004, iphepha 17-18, isiqendu 12-16, ngendlela ekwenziwa ngayo kwiSifundo seMboniselo. Iziqendu mazifundwe ngumzalwana okwaziyo ukufunda. Nikel’ ingqalelo kwindlela enokusetyenziswa ngayo le nkcazelo ngokunxibelelene neSikhumbuzo kwanentetho ekhethekileyo esijongene nayo.
Ingoma 192 nomthandazo wokuqukumbela.
[Imibhalo esemazantsi]
a Intshayelelo yakho mayibe ngaphantsi komzuzu omnye, wandule ke ukubuza imibuzo.
b Intshayelelo yakho mayibe ngaphantsi komzuzu omnye, wandule ke ukubuza imibuzo.
c Intshayelelo yakho mayibe ngaphantsi komzuzu omnye, wandule ke ukubuza imibuzo.