IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 2/06 iphe. 1
  • Yiba Nomdla Kwabanye—Ngokulungiselela

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Yiba Nomdla Kwabanye—Ngokulungiselela
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2006
  • Amanqaku Afanayo
  • ‘Masilungele Wonke Umsebenzi Olungileyo’
    Ubulungiseleli BoBukumkani—2008
  • Ukuba Iyaphumelela, Yisebenzise!
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1998
  • Indlela Yokulungiselela Iintshumayelo Zamaphephancwadi
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2006
  • Yiba Nomdla Kwabanye—Ngokuba Bhetyebhetye
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2005
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2006
km 2/06 iphe. 1

Yiba Nomdla Kwabanye—Ngokulungiselela

1 Ukulungiselela kakuhle ngaphambi kokuya entsimini kuyasinceda ukuze sibonise umdla kwabanye. Njani? Xa silungiselele kakuhle, asizixakekisi gqitha ngentshumayelo yethu yaye loo nto isinceda sinikele ingqalelo kumninimzi. Kwakhona, kusinceda singaphakuzeli kodwa sithethe ngokusuka entliziyweni. Noko ke, sinokuyilungiselela njani intshumayelo ephumelelayo?

2 Sebenzisa Intshumayelo Efanelekileyo: Khetha enye yeentshumayelo ezicetyiswe kwisihlomelo soBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaJanuwari 2005 nefanelekileyo kwindawo ohlala kuyo uze ucinge ngendlela onokuyibeka ngayo ngamazwi akho. Yenze ifanele intsimi oshumayela kuyo. Ngokomzekelo, ukuba udla ngokudibana nabantu bonqulo okanye uhlanga oluthile, cinga ngendlela yokuvuselela umdla wabo. Xa intshumayelo yakho ifanele abantu othetha nabo, oko kuya kubenza babe nomdla onyanisekileyo.—1 Kor. 9:22.

3 Njengoko usebenzisa intshumayelo yakho, qhubeka uyihlaziya. Ekubeni intshayelelo ibalulekile, yiphawule indlela abasabela ngayo abantu kuyo. Ngaba banomdla kumbandela othetha ngawo? Ngaba bayayiphendula imibuzo yakho? Ukuba akunjalo, yitshintshe de ufumane leyo isebenzayo.

4 Izinto Ezinokukunceda Uyikhumbule: Abaninzi bakufumanisa kunzima ukukhumbula intshumayelo xa befika emzini. Ukuba kunjalo nakuwe, zama ukuyiqhelisela komnye umntu ngokuvakalayo. Oku kunokukunceda uzikhumbule kakuhle iingcamango ofuna ukuzivelisa uze ukwenze oko ngendlela elula. Kwakhona oku kunokukunceda ukwazi ukujamelana neendlela ezahlukahlukeneyo abasabela ngazo abantu.

5 Enye into enokukukhumbuza kukushwankathela intshumayelo yakho kwiphetshana uze ulijonge xa usondela emzini. Abanye bafumanise ukuba eli phetshana liyabanceda bakhululeke ngakumbi xa bethetha nabantu. Ngaloo ndlela, ukulungiselela kakuhle kuya kusincede sibonise umdla kwabanye kuze kuphucule ukushumayela kwethu iindaba ezilungileyo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share