Ngaba Uyalimela ILizwi LikaThixo?
1 Kweli hlabathi lisoloko linyemba iBhayibhile, amaKristu okwenyaniso alimela ngenzondelelo iLizwi likaThixo. Ekubeni siqinisekile ukuba “sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo,” singqinelana noYesu Kristu owathi xa wayethandaza kuYehova: “Ilizwi lakho liyinyaniso.” (2 Tim. 3:16; Yoh. 17:17) Sinokulimela njani ngokuphumelelayo iLizwi likaThixo?
2 Zazi IZibhalo: Alithandabuzeki elokuba uYesu wayelifunda ngokuzimisela iLizwi likaThixo. Oku kwamnceda wakwazi ukufundisa ngokusuka eZibhalweni kubulungiseleli bakhe. (Luka 4:16-21; 24:44-46) Sinokwenza njani ukuze sizikhumbule izibhalo? Ngokufunda iBhayibhile yonke imihla size sicamngce ngendinyana ethile esivakalelwa ukuba iya kusikhuthaza okanye isincede kubulungiseleli bethu. Xa silungiselela iintlanganiso, sifanele sityhile size sifunde eziBhayibhileni zethu izibhalo ezibonisiweyo size mhlawumbi silungiselele ukugqabaza ngazo. Xa sikwiintlanganiso, sifanele sityhile iiBhayibhile zethu xa isithethi sifunda izibhalo. Ukuyazi iBhayibhile kuya kusinceda ‘siliphathe ngokufanelekileyo ilizwi lenyaniso.’—2 Tim. 2:15.
3 Yivumele IBhayibhile Ithethe: Xa sisentsimini sifanele sivumele iBhayibhile ithethe. Ngokomzekelo, ukuba iimeko ziyavuma, sifanele simfundele isibhalo umninimzi. Xa ebuza umbuzo okanye ephikisa, kubhetele sisebenzise iBhayibhile xa simphendula. Ukuba umninimzi uxakekile, sinokumshiya nengongoma ethile efumaneka eBhayibhileni ngokuthi, “Ngaphambi kokuba ndihambe, ndicela ukukufundela isibhalo sibe sinye nje kuphela.” Nanini na kunokwenzeka, funda iBhayibhile, ngohlobo lokuba asibone naye eso sibhalo.
4 Xa omnye umninimzi waboniswa izibhalo eziphikisa uBathathu Emnye, wathi, “Kudala ndiyihamba icawa, kodwa ndiyayizibula ke le ithethwa yiBhayibhile!” Wasamkela lula isifundo seBhayibhile. UYesu wathi izimvu zakhe ziya kuliphulaphula ilizwi lakhe. (Yoh. 10:16, 27) Eyona ndlela iyiyo yokuba abantu abaneentliziyo ezinyanisekileyo bafunde inyaniso, kukubabonisa iZibhalo. Ngoko ke, masilimele iLizwi likaThixo eliyinyaniso!