IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 5/10 iphe. 1
  • ‘Ezi Ndaba Zilungileyo Ziya Kushunyayelwa’!

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • ‘Ezi Ndaba Zilungileyo Ziya Kushunyayelwa’!
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2010
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Ushumayela Kangangoko Unako?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2019
  • UGidiyon Wawoyisa AmaMidiyan
    Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Ukomeleza Intembelo Yethu Kubulungisa BukaThixo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova
  • “Ikrele LikaYehova NelikaGidiyon!”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2010
km 5/10 iphe. 1

‘Ezi Ndaba Zilungileyo Ziya Kushunyayelwa’!

1. Sazi njani ukuba ayikho into enokuthintela umsebenzi wokushumayela?

1 Ngokuqinisekileyo akukho nto inokubangela uYehova ayeke ukuphumeza intando yakhe. (Isa. 14:24) Nangona uMgwebi uGidiyon namadoda akhe angama-300 babejamelene nomkhosi wamaMidiyan ali-135 000 owawubonakala ungenakoyiswa, uYehova wathi kuye: “Ngokuqinisekileyo uya kumsindisa uSirayeli entendeni kaMidiyan. Andikuthumelanga na?” (ABa. 6:14) Nguwuphi umsebenzi uYehova awuxhasayo namhlanje? UYesu wathi: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo.” (Mat. 24:14) Akakho umntu onokuthintela lo msebenzi ungafezwa!

2. Kutheni sinokulindela ukuba uYehova asincede entsimini?

2 UYehova Unceda Umntu Ngamnye: Ngoxa siqinisekile ukuba uYehova uya kuwanceda amaNgqina akhe aphumelele njengeqela, ngaba sinokulindela ukuba uYehova ancede umntu ngamnye? Ebudeni bokuswela kwakhe, umpostile uPawulos wayiva inkxaso uYehova awayeyinikela kuye esebenzisa uNyana wakhe, uYesu. (2 Tim. 4:17) Sinokuqiniseka ukuba uYehova uya kuyisikelela neyethu imigudu yokwenza ukuthanda kwakhe.—1 Yoh. 5:14.

3. UYehova usinceda phantsi kwaziphi iimeko?

3 Ngaba amaxhala obomi akwenza ungabi namandla okuya entsimini? “Unika odiniweyo amandla.” (Isa. 40:29-31) Ngaba uyatshutshiswa okanye uyachaswa? “Umthwalo wakho wulahlele kuYehova, yaye yena wokuxhasa.” (INdu. 55:22) Ngaba uye ungazithembi ngamaxesha athile? “Hamba yaye mna ndoba nomlomo wakho.” (Eks. 4:11, 12) Ngaba unengxaki yempilo ekubangela ungakwazi ukushumayela kakuhle? UYehova uyayixabisa yaye unokusebenzisa imigudu oyenza ngomphefumlo uphela, kungakhathaliseki ukuba mincinane kangakanani.—1 Kor. 3:6, 9.

4. Kuya kusichaphazela njani ukuthembela ngoYehova?

4 Isandla sikaYehova “soluliwe, ngubani na onokusibuyisa?” (Isa. 14:27) Siqinisekile ngentsikelelo kaYehova kubulungiseleli bethu, ngamana singaqhubeka ngaphandle kokuyekelela sishumayela “ngenkalipho ngegunya likaYehova.”—IZe. 14:3.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share