‘Ezi Ndaba Zilungileyo Ziya Kushunyayelwa’!
1. Sazi njani ukuba ayikho into enokuthintela umsebenzi wokushumayela?
1 Ngokuqinisekileyo akukho nto inokubangela uYehova ayeke ukuphumeza intando yakhe. (Isa. 14:24) Nangona uMgwebi uGidiyon namadoda akhe angama-300 babejamelene nomkhosi wamaMidiyan ali-135 000 owawubonakala ungenakoyiswa, uYehova wathi kuye: “Ngokuqinisekileyo uya kumsindisa uSirayeli entendeni kaMidiyan. Andikuthumelanga na?” (ABa. 6:14) Nguwuphi umsebenzi uYehova awuxhasayo namhlanje? UYesu wathi: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo.” (Mat. 24:14) Akakho umntu onokuthintela lo msebenzi ungafezwa!
2. Kutheni sinokulindela ukuba uYehova asincede entsimini?
2 UYehova Unceda Umntu Ngamnye: Ngoxa siqinisekile ukuba uYehova uya kuwanceda amaNgqina akhe aphumelele njengeqela, ngaba sinokulindela ukuba uYehova ancede umntu ngamnye? Ebudeni bokuswela kwakhe, umpostile uPawulos wayiva inkxaso uYehova awayeyinikela kuye esebenzisa uNyana wakhe, uYesu. (2 Tim. 4:17) Sinokuqiniseka ukuba uYehova uya kuyisikelela neyethu imigudu yokwenza ukuthanda kwakhe.—1 Yoh. 5:14.
3. UYehova usinceda phantsi kwaziphi iimeko?
3 Ngaba amaxhala obomi akwenza ungabi namandla okuya entsimini? “Unika odiniweyo amandla.” (Isa. 40:29-31) Ngaba uyatshutshiswa okanye uyachaswa? “Umthwalo wakho wulahlele kuYehova, yaye yena wokuxhasa.” (INdu. 55:22) Ngaba uye ungazithembi ngamaxesha athile? “Hamba yaye mna ndoba nomlomo wakho.” (Eks. 4:11, 12) Ngaba unengxaki yempilo ekubangela ungakwazi ukushumayela kakuhle? UYehova uyayixabisa yaye unokusebenzisa imigudu oyenza ngomphefumlo uphela, kungakhathaliseki ukuba mincinane kangakanani.—1 Kor. 3:6, 9.
4. Kuya kusichaphazela njani ukuthembela ngoYehova?
4 Isandla sikaYehova “soluliwe, ngubani na onokusibuyisa?” (Isa. 14:27) Siqinisekile ngentsikelelo kaYehova kubulungiseleli bethu, ngamana singaqhubeka ngaphandle kokuyekelela sishumayela “ngenkalipho ngegunya likaYehova.”—IZe. 14:3.