Ucwangciso Lweveki KaMeyi 17
IVEKI EQALA NGOMEYI 17
Ingoma 49 (85)
□ ISifundo SeBhayibhile Sebandla:
cf isahlu. 4 ¶19-24, ibhokisi ekwiphe. 45
□ ISikolo Sobulungiseleli Sobuthixo:
Ufundo lweBhayibhile: 2 Samuweli 9-12
No. 1: 2 Samuweli 10:1-12
No. 2: Kwakutheni Ukuze UYesu Asekele Iimfundiso Zakhe KwiZibhalo? (Yohane 7:16-18)
No. 3: Ithini IBhayibhile Ngokwenziwa Kwemifanekiso Eqingqiweyo Esetyenziswa Njengezinto Zokunqulwa? (rs iphe. 110 isiqe. 2-iphe. 111 isiqe. 3)
□ INtlanganiso Yenkonzo:
Ingoma 12 (109)
5 imiz: Izaziso.
10 imiz: Ngaba Unokuba Nguvulindlela Ongumncedani? Ingxubusho nabaphulaphuli. Ngokufutshane xubusha iphepha 112-113 lencwadi ethi Ulungelelwano, uchaze izinto ezifunekayo ukuze ufaneleke. Cela abo baye basebenzisa ixesha lekhefu kumsebenzi wempangelo okanye esikolweni ukuze babe ngoovulindlela abangabancedani bagqabaze ngeentsikelelo abaye bazifumana.
10 imiz: Iindlela Zokushumayela Iindaba Ezilungileyo—Ukushumayela Ngokungacwangciswanga. Ingxubusho nabaphulaphuli yencwadi ethi Ulungelelwano, iphepha 101, isiqendu 2, ukuya kwiphepha 102, isiqendu 2. Yiba nomvakalisi obalisa okanye enze umboniso ube mnye okanye emibini yamava asekuhlaleni endlela ekuye kwashunyayelwa ngayo ngokungacwangciswanga.
10 imiz: “Abalungiseleli AbangamaKristu Kufuneka Bathandaze.” Ingxubusho yemibuzo neempendulo.
Ingoma 67 (161)