Impinda YeSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
Le mibuzo ilandelayo iza kuxutyushwa kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo kwiveki eqala ngo-Oktobha 31, 2011.
1. Kutheni sibambelela kwizikhumbuzo zikaYehova? (INdu. 119:60, 61) [w00 12/1 iphe. 14 isiqe. 3]
2. Yintoni esinokuyifunda kwiNdumiso 133:1-3? [w06 9/1 iphe. 16 isiqe. 3]
3. Kungayiphi indlela awathi uYehova ‘wagocagoca’ uDavide waza ‘walinganisa’ ‘ukuhamba’ kwakhe ‘nokulala kwakhe’? (INdu. 139:1, 3) [w06 9/1 iphe. 16 isiqe. 6; w93 10/1 iphe. 11 isiqe. 6]
4. Ziingxaki ezinjani uYehova aya ‘kubaxhasa’ okanye ‘abaphakamise’ kuzo abakhonzi bakhe? (INdu. 145:14) [w04 1/15 iphe. 17 isiqe. 11]
5. Yintoni ebangel’ ihambo yendoda echazwe kwiMizekeliso 6:12-14 igqalwe njengelitshivela? [w00 9/15 iphe. 26 isiqe. 5-6]
6. Kutheni umntu osisilumko ‘eyamkela imiyalelo’? (IMize. 10:8) [w01 7/15 iphe. 26 isiqe. 1]
7. Wahluke njani umntu osisilumko kumntu osisidenge kwindlela asabela ngayo xa enyeliswa okanye egxekwa? (IMize. 12:16) [w03 3/15 iphe. 27 isiqe. 3-4]
8. Kutheni ukuba nesimo sengqondo esihle kubangela ukuba sibe “netheko rhoqo”? (IMize. 15:15) [w06 7/1 iphe. 16 isiqe. 6]
9. Kubandakanya ntoni ‘ukuzuza intliziyo’ umntu owenza njalo ‘uthanda umphefumlo wakhe’ ngayiphi ingqiqo? (IMize. 19:8) [w99 7/1 iphe. 18 isiqe. 4; it-1-E iphe. 1059 isiqe. 1]
10. Ukuqonda kuyizuzisa njani indlu? (IMize. 24:3) [w06 9/15 iphe. 27 isiqe. 11; be iphe. 31 isiqe. 6]