Olona Phawu Lubalulekileyo LoMfundisi Olungileyo
1. Luluphi uphawu olubalaseleyo lomfundisi olungileyo?
1 Yintoni eyenza ubani abe ngumfundisi olungileyo? Ngaba yimfundo ephakamileyo? Ngamava? Ubuchule anabo? Enyanisweni, luphawu oluzalisekisa umthetho, olufanisa abafundi bakaKristu, yaye luphawu olubalaseleyo lukaYehova. (Yoh. 13:35; Gal. 5:14; 1 Yoh. 4:8) Luthando. Abafundisi abalungileyo babonisa uthando.
2. Kutheni kubalulekile ukuba sibathande abantu?
2 Thanda Abantu: UMfundisi Omkhulu, uYesu, wabonisa uthando ebantwini, nto leyo eyabangela ukuba bamphulaphule. (Luka 5:12, 13; Yoh. 13:1; 15:13) Xa sibakhathalele abantu, siya kusebenzisa nawaphi na amathuba avelayo ukuze sibashumayeze. Imiqobo efana notshutshiso nokugculelwa ayisayi kusithena amandla. Siya kubonakalisa umdla onyanisekileyo kwabo sishumayela kubo size sivumelanise isigidimi sethu nezinto ezibaxhalabisayo. Siya kuzimisela ukuchitha ixesha siqhuba izifundo zeBhayibhile yaye silungiselela isifundo ngasinye.
3. Kuya kusinceda njani ukuthanda inyaniso yeBhayibhile kubulungiseleli?
3 Thanda Inyaniso YeBhayibhile: UYesu wayeyithanda inyaniso yeBhayibhile, yaye eyigqala njengobuncwane. (Mat. 13:52) Ukuba siyayithanda inyaniso, siya kuthetha ngehlombe ngayo yaye abaphulaphuli bethu baya kuvuya. Uthando olunjalo luya kusinceda sinikele ingqalelo kwinkcazelo ebalulekileyo esiyidluliselayo kunakwiintsilelo zethu, yaye asiyi koyika kubulungiseleli.
4. Sinokuluhlakulela njani uthando?
4 Hlakulela Uthando: Sinokukuhlakulela njani ukuthanda abantu? Ngokucinga ngothando uYehova noNyana wakhe abaye balubonisa kuthi, nangobumoya babantu abakwintsimi yethu. (Marko 6:34; 1 Yoh. 4:10, 11) Siya kuyithanda ngakumbi inyaniso yeBhayibhile xa sifundisisa size sicamngce rhoqo. Uthando luyinxalenye yesiqhamo somoya. (Gal. 5:22) Sinokucela uYehova ukuba asiphe umoya oyingcwele ukuze sikhule eluthandweni. (Luka 11:13; 1 Yoh. 5:14) Kungakhathaliseki imfundo esinayo, amava ngenyaniso, okanye ubuchule, sinokuba ngabafundisi beBhayibhile abaphumelelayo ngokubonisa uthando.