Ibhokisi Yemibuzo
◼ Yintoni egqibayo ukuba simshiyele kusini na umntu uncwadi?
Eyona nto ibalulekileyo ngumdla womntu. Ukuba unomdla wokwenene, sinokumshiyela amaphephancwadi amabini, incwadana enemifanekiso, incwadi okanye naluphi na uncwadi esiluhambisayo. Sinokulushiya nokuba umntu unemali encinane yokunikela okanye akanayo. (Yob 34:19; ISityhi. 22:17) Kwelinye icala, uncwadi lwethu asilushiyeli abantu abangaluxabisiyo.—Mat. 7:6.
Umninimzi unokuwubonisa njani umdla? Ukufuna kwakhe ukuncokola nathi kuya kubonisa ukuba unawo. Ngokuthi anikele ingqalelo njengoko sithetha, aphendule imibuzo aze avakalise izimvo zakhe. Ukuhambisana nathi njengoko sifunda iBhayibhile kubonisa ukuba uyalihlonela iLizwi likaThixo. Kudla ngokuba luncedo ukumbuza enoba uza kulufunda kusini na uncwadi alushiyelwayo. Abavakalisi bamele basebenzise ingqiqo ukuze babone umdla womntu. Ngokomzekelo xa sinikele ubungqina esitratweni, bekungayi kufaneleka ukunika nabani na odlulayo uncwadi singakhange sisebenzise ingqiqo. Ukuba asiqinisekanga ngomdla womntu kungakuhle ukumnika iphecana.
Ngokufanayo, inani loncwadi olufunyanwa ngumvakalisi ebandleni lifanele libe lelo aza kukwazi ukulusebenzisa entsimini, lingaxhomekeki kubungakanani bomnikelo awenzayo. Iminikelo ayenzelwa kuhlawulela uncwadi kodwa ukuxhasa zonke iinkalo zomsebenzi wethu wokushumayela owenziwa ehlabathini. Enoba injani na imeko yethu yemali, luxabiso oluya kusiqhubela ekubeni sinikele ukuze sixhase izilangazelelo zoBukumkani kungekhona intsalela esinayo. (Marko 12:41-44; 2 Kor. 9:7) Oko kuya kusiqhubela ukuba sithathe kuphela uncwadi esiludingayo, ngaloo ndlela sikuphephe ukulusafaza.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 2]
Abavakalisi baya kusebenzisa ingqiqo ukuze babone umdla womntu