Ngaba Uyilungele Imeko Engxamisekileyo Yezonyango?
Ingozi inokwenzeka ngequbuliso. (Yak. 4:14) Ngenxa yoko, umntu onobuqili uhlala ezilungiselele kangangoko kunokwenzeka. (IMiz. 22:3) Ngaba sele uwakhethile amayeza kunye neendlela zonyango oya kuzamkela waza wakubhala phantsi oko? Ukuze kuncedwe wena, kuye kwenziwa ividiyo ethi Transfusion-Alternative Health Care—Meeting Patient Needs and Rights, icandelo lesibini elinomxholo othi Transfusion-Alternatives—Documentary Series. Njengoko uyibukele, hlola enoba ungayiphendula kusini na lemibuzo ilandelayo. Ekubeni le vidiyo ibonisa abantu abatyandwayo, abazali bafanele balumke xa beyibukele nabantwana babo abancinane.
(1) Kutheni abezonyango bekuhlola ngokutsha ukutofelwa kwegazi? (2) Chaza imizekelo ibe mithathu yotyando olunzima oluye lwenziwa ngaphandle kokutofelwa igazi. (3) Kutheni oogqirha nabatyandi abaninzi ehlabathini bevuma ukunyanga abantu ngaphandle kokubatofela igazi? (4) Yintoni etyhilwe luhlolisiso olwenziwe kwizibhedlele kutshanje ngokusetyenziswa kwegazi? (5) Ziziphi iingozi ezinxulunyaniswa nokutofelwa igazi? (6) Ziziphi izigqibo eziye zafikelela kuzo iingcali ngokuphathelele ezinye iindlela zonyango ezingasebenzisi utofelo-gazi? (7) Ubangelwa yintoni umlambo (anemia), yaye yintoni enokwenziwa ukuze kuhlangatyezwane nawo? (8) Yintoni enokwenziwa ukuze kuncedwe umzimba womguli uvelise iiseli ezibomvu ezingakumbi? (9) Ziziphi iindlela ezisetyenziswayo ukuze kuthintelwe ukopha kakhulu ebudeni botyando? (10) Ngaba iindlela zonyango ezingasebenzisi utofelo-gazi zinokusebenza kubantwana abancinane okanye kubantu abagula kakhulu? (11) Nguwuphi omnye wemigaqo ephambili yonyango olusemagqabini?
Iingxelo zibonisa ukuba abavakalisi abaninzi abakawazalisi amakhadi wabo eAdvance Medical Directive , okanye abawaphathi ngalo lonke ixesha. Abaveleli bamaqela bamele baqiniseke ukuba bonke abakwiqela labo bayawulandela lo myalelo ubalulekileyo. Ekubeni ukwamkela ezinye zeendlela zonyango eziboniswa kule vidiyo kuxhomekeke kwisazela somntu ngamnye, musa ukulinda de ube sengozini ngaphambi kokuba wenze isigqibo ngokuphathelele oko uya kukwamkela noko ungayi kukwamkela. Isahluko 7 sencwadi ethi “Uthando LukaThixo” neembekiselo ezikuyo kunye nesihlomelo esikuBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaNovemba 2006 ziya kukunceda ufumane inkcazelo eya kukunceda wenze isigqibo esifanelekileyo. Ukuba ubhaptiziwe, zalisa ikhadi leDPA uze uliphathe ngamaxesha onke.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 3]
Ngaba sele usenzile isigqibo ngonyango nangeendlela zonyango oza kuzamkela waza wakubhala phantsi oko?