Ucwangciso Lweveki KaJulayi 9
IVEKI EQALA NGOJULAYI 9
Ingoma 78 Nomthandazo
□ ISifundo SeBhayibhile Sebandla:
bt isahl. 23 ¶9-15, ibhokisi kwiphe. 184, 186 (25 imiz.)
□ ISikolo Sobulungiseleli Sobuthixo:
Ufundo lweBhayibhile: Hezekile 11-14 (10 imiz.)
No. 1: Hezekile 11:14-25 (4 imiz. okanye ngaphantsi)
No. 2: Uthetha Ukuthini UYohane 6:53-57?—rs iphe. 347 ¶4-iphe. 348 ¶1 (5 imiz.)
No. 3: Yintoni Ululamo, Yaye Lunokusinceda Njani Sibe Nesimo Sengqondo Esihle?—Zef. 2:3 (5 imiz.)
□ INtlanganiso Yenkonzo:
5 imiz: Izaziso.
15 imiz: Yenza Amabuyelo Ngendlela Efanelekileyo. Ingxubusho esekelwe kule mibuzo ilandelayo: (1) Kutheni sifanele sicinge nzulu sihlandlo ngasinye sibuyela? (2) Sifanele sihlale kangakanani kumatyeli okuqala okubuyela kwethu? (3) Sifanele sizazise njani xa sibuyela? (4) Sinokuthini xa umninimzi esithi akanawo umdla? (5) Xa sibuyela umntu owamkela iphecana, incwadana enemifanekiso okanye iphephancwadi, kunini yaye kuxa kutheni apho sifanele simbonise incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile? (6) Sinokuwuvuselela njani umdla womntu ongasafumanekiyo ekhaya? (7) Sinokubafundisa njani abavakalisi abatsha xa sisenza amabuyelo?
15 imiz: “Siyintoni ‘Isizathu Sokugcoba Kwakho’?” Imibuzo neempendulo. Xa nixubusha isiqendu 4, khuthaza bonke ukuba bafake ingxelo yabo yasentsimini nyanga nganye. Xubusha iingongoma ezifanelekileyo kwincwadi ethi Ulungelelwano, iphepha 88-90.
Ingoma 9 Nomthandazo