Ucwangciso Lweveki Ka-Agasti 6
IVEKI EQALA NGOAGASTI 6
Ingoma 60 Nomthandazo
□ ISifundo SeBhayibhile Sebandla:
bt isahl. 24 ¶16-21 (25 imiz.)
□ ISikolo Sobulungiseleli Sobuthixo:
Ufundo lweBhayibhile: Hezekile 24-27 (10 imiz.)
No. 1: Hezekile 24:15-27 (4 imiz. okanye ngaphantsi)
No. 2: Kuphantsi Kwaziphi Iimeko UThixo Awavumela Ngazo AmaSirayeli Abandakanyeke Emfazweni?—rs iphe. 213 ¶4–iphe. 214 ¶4 (5 imiz.)
No. 3: Ngaba UHezekile 18:20 Uyangqubana Ne-Eksodus 20:5? (5 imiz.)
□ INtlanganiso Yenkonzo:
5 imiz: Izaziso.
20 imiz: UYehova NguMphulaphuli Wemithandazo. (INdu. 66:19) Ingxubusho esekelwe kwiNcwadi Yonyaka Yowama-2012, iphepha 59, isiqendu 1-4; iphepha 183, isiqendu 2; iphepha 187, isiqendu 1; nephepha 198, isiqendu 1, ukusa kwiphepha 199, isiqendu 1. Cela abaphulaphuli bagqabaze ngoko sikufundayo koku.
10 imiz: Amacebiso Okuhambisa Amaphephancwadi NgoAgasti. Ingxubusho. Kangangesiqingatha somzuzu ukusa kumzuzu omnye chaza isizathu sokuba la maphephancwadi eya kubangel’ umdla kwintsimi yethu. Emva koko, sebenzisa inqaku eliphambili leMboniselo ukuze ucele abaphulaphuli bachaze umbuzo obangel’ umdla abanokuwubuza, kunye nesibhalo abanokusifunda. Yenza okufanayo nangenqaku eliphambili kuVukani! yaye ukuba ixesha liyavuma yenza okufanayo nangelinye inqaku elikula maphephancwadi. Bonisa indlela yokuhambisa ngalinye kula maphephancwadi.
Ingoma 97 Nomthandazo