Ucwangciso Lweveki KaSeptemba 10
IVEKI EQALA NGOSEPTEMBA 10
Ingoma 23 Nomthandazo
□ ISifundo SeBhayibhile Sebandla:
bt isahl. 26 ¶9-15, nebhokisi ekwiphe. 208 (30 imiz.)
□ ISikolo Sobulungiseleli Sobuthixo:
Ufundo lweBhayibhile: Hezekile 42-45 (10 imiz.)
No. 1: Hezekile 42:13-27 (4 imiz. okanye ngaphantsi)
No. 2: Kutheni Le Nto Igama LikaYehova Lisetyenzisiwe Nje kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike?—rs iphe. 220 ¶1-3 (5 imiz.)
No. 3: Yintoni Esimele Siyenze Ukuze Sizuze Umoya Oyingcwele? (5 imiz.)
□ INtlanganiso Yenkonzo:
10 imiz: Ufundisiso Lusenza Sibe Ngabashumayeli Abomeleleyo. Ingxubusho esekelwe kwincwadi ethi ISikolo Sobulungiseleli, iphepha 27-32.
10 imiz: Nasiphi Na Isixhobo Esiyilwe Nxamnye Nawe Asiyi Kuphumelela. (Isa. 54:17) Ingxubusho esekelwe kwiNcwadi Yonyaka Yowama-2012, iphepha 125, isiqendu 1, ukusa kwiphepha 126 isiqendu 2, kunye nephepha 181 isiqendu 3. Cela abaphulaphuli bagqabaze ngezifundo abazifumene apho.
10 imiz: “Sebenzisa Iintshumayelo Eziphumelelayo.” Imibuzo neempendulo.
Ingoma 44 Nomthandazo