Ucwangciso Lweveki KaDisemba 24
IVEKI EQALA NGODISEMBA 24
Ingoma 5 Nomthandazo
□ ISifundo SeBhayibhile Sebandla:
jr isahl. 3 ¶1-6 (30 imiz.)
□ ISikolo Sobulungiseleli Sobuthixo:
Ufundo lweBhayibhile: Zekariya 9-14 (10 imiz.)
No. 1: Zekariya 11:1-13 (4 imiz. okanye ngaphantsi)
No. 2: Yimithandazo Yoobani UThixo Ayiphulaphulayo?—rs iphe. 342 ¶1–iphe. 343 ¶4 (5 imiz.)
No. 3: Sinokuyisebenzisa Njani IMizekeliso 15:1? (5 imiz.)
□ INtlanganiso Yenkonzo:
30 imiz: Indlela Esinokuyisebenzisa Ngayo IWebhsayithi Yethu. Ingxubusho ekwiphepha 3-6. Xa nixubusha iphepha 4, yiba nomboniso wemizuzu emithathu wentsapho equkumbela ingokuhlwa yoNqulo Lwentsapho. Intloko-ntsapho ibuza ngezinye zezinto ekunokuthethwa ngazo kwiveki ezayo, abantwana bakhetha imibandela enokuxutyushwa kwicandelo elithi “Abantu Abaselula” kwiWebhsayithi yethu. Cela abaphulaphuli bagqabaze ngendlela abayisebenzise ngayo okanye abaceba ukuyisebenzisa ngayo i-jw.org xa befundisisa okanye kunqulo lwentsapho. Xa nixubusha iphepha 5, yiba nomboniso wemizuzu emithathu womvakalisi osebenzisa isixhobo sobugcisa esikwaziyo ukuveza le Webhsayithi, ukuze aphendule umninimzi obuza ngeenkolelo zethu. Xa nixubusha iphepha 6, yiba nomboniso wemizuzu emine womvakalisi othetha nomntu onomdla okhetha ukufunda ngolunye ulwimi. Lo mvakalisi, esebenzisa isixhobo sakhe sobugcisa okanye ikhompyutha yomninimzi umbonisa iphecana elithi Eyona Nyaniso okanye incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile ngolwimi lwakhe aze ayixubushe kunye naye. Cela abaphulaphuli bagqabaze ngendlela abaye bayisebenzisa ngayo i-jw.org kubulungiseleli.
Ingoma 101 Nomthandazo