Ukuphucula Ubuchule Bethu Bokushumayela—Ukuba Nomdla Kumntu Othetha Naye
Isizathu Sokuba Kubalulekile: UYesu wayeqhubana nabantu ngabanye, kwaye wayebathanda ngokunyanisekileyo. Ngokomzekelo, ngesinye isihlandlo xa uYesu wayephilisa indoda engevayo, ufanele ukuba wabona ukuba ayikhululekanga, waza wayiphilisa ngasese, kude nezihlwele. (Marko 7:31-35) Wayenovelwano kubafundi bakhe ngokukhumbula ukuba basikelwe umda nangokungabangxixhi ngolwazi. (Yoh. 16:12) Nakuba ekwisikhundla sakhe sasezulwini, uYesu usenomdla ebantwini. (2 Tim. 4:17) Ekubeni singabalandeli bakaKristu, sifuna ukumxelisa. (1 Pet. 2:21; 1 Yoh. 3:16, 18) Ngaphezu koko, siya kuphumelela ngakumbi kubulungiseleli bethu ukuba siyavelana nomninimzi size sinikele ingqalelo kwiimeko zakhe, izinto anomdla kuzo nezinto ezimkhathazayo. Uya kukulungela ukusiphulaphula xa ebona ukuba asizanga kumchazela kuphela loo nto size ngayo okanye ukuza kumshiyela uncwadi, kunoko sinomdla wokwenene kuye.
Khawulizame Kwakule Nyanga:
Yiqheliseleni xa ninonqulo lwentsapho okanye xa nisentsimini umvakalisi makatshintshe intshayelelo yakhe ukuze athethe ngento ethethwa ngumninimzi.
Kwezinye iintlanganiso zenkonzo yasentsimini, umzalwana oyiqhubayo unokuxubusha okanye enze umboniso wendlela yokubonisa umdla wokwenene kubantu.