Sebenzisa “Intshayelelo YeLizwi LikaThixo”—Ukuze Uqalise Incoko
1. Sesiphi isixhobo esitsha sentsimi esiye sasifumana?
1 KwiNdibano yeNgingqi ka-2014 siye safumana incwadana ethi “Intshayelelo YeLizwi LikaThixo.” Sinokuyisebenzisa njani xa silungiselela iintshumayelo esiza kuzisebenzisa entsimini? Ekubeni idibanisa izibhalo ezithetha ngomxholo omnye weBhayibhile, njengencwadi ethi Ukuqiqa, inokusinceda xa siqalisa incoko.
2. Sinokuyisebenzisa njani “Intshayelelo YeLizwi LikaThixo” entsimini?
2 Usenokusebenzisa umbuzo 8 uze uthi: “Sityelele abamelwane kuba abantu abaninzi bayazibuza, ‘Ngaba nguThixo owenza abantu babandezeleke?’ [Kwezinye iingingqi, kusenokufuneka umbonise umninimzi lo mbuzo.] Uthini wena? [Mlinde aphendule.] IBhayibhile iwuphendula kakuhle lo mbuzo.” Funda eBhayibhileni isibhalo esinye okanye ezingakumbi kwezi zicatshuliweyo uze uzixubushe naye. Ukuba unomdla, unokumbonisa imibuzo eyi-20 ekwintshayelelo uze umcele ukuba akhethe omnye angathanda ukuba nincokole ngawo xa nidibana kwakhona. Okanye unokumnika enye yeencwadi esifundisa ngazo iBhayibhile enenkcazelo engakumbi ngomxholo enisandul’ ukuthetha ngawo.
3. Sinokuyisebenzisa njani “Intshayelelo YeLizwi LikaThixo” kwiindawo apho kuhlala abantu abakunqulo olungelolwamaKristu?
3 Umbuzo 4 nombuzo 13 ukuya kutsho kowe-17 unokusebenza kakuhle kwiindawo apho kuhlala abantu abakunqulo olungelolwamaKristu. Ngokomzekelo, usenokusebenzisa inkcazelo ekumbuzo 17 uthi: “Sityelela zonke iintsapho ukuze sizicebise. Awuvumi ukuba iintsapho zineengxaki ezininzi namhlanje? [Mlinde aphendule.] Abantu abatshatileyo baye bawabona eluncedo la mazwi obulumko: ‘Ke yena umfazi, makabe nentlonelo enzulu ngendoda yakhe.’ [Akuyomfuneko ukuchaza ukuba oku kufumaneka kweyabase-Efese 5:33. Ukuba uthetha nebhinqa, usenokucaphula amazwi akumaEfese 5:28.] Ngaba ucinga ukuba eli cebiso lingawunceda umtshato?”
4. Unokwenza ntoni xa uqukumbela incoko nomntu okunqulo olungelolwamaKristu?
4 Kumqukumbelo, lungiselela ukuba niphinde niqhubeke nencoko yenu xa nidibana kwakhona. Mhlawumbi usenokuceba ukuba nincokole ngesinye isibhalo esikumbuzo ebenithetha ngawo. Ngexesha elifanelekileyo, mchazele umninimzi ukuba la mazwi obulumko benincokola ngawo avela eBhayibhileni. Emva kokucinga ngeencoko zenu ezidlulileyo nangendlela lo mntu ayijonga ngayo iBhayibhile, mnike incwadi ocinga ukuba angayithanda.—Funda isihlomelo esikuBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaDisemba 2013.