Ukunceda Abo Bangekakulungeli Ukufundiswa Incwadi Ethi Okufundiswa YiBhayibhile
1. Ngaba incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile isoloko ibangela umdla zisuka nje? Cacisa.
1 Ukuze umntu abe ngumkhonzi kaYehova kufuneka afunde oko kufundiswa yiBhayibhile. Noko ke, abanye abangomaKristu yaye iBhayibhile abayijongi njengeLizwi likaThixo. Abanye abakholelwa kuThixo yaye abayihloneli iBhayibhile. Ziziphi izixhobo ezibe luncedo kwabo bangayamkelanga ekuqaleni incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile? La macebiso angezantsi asuka kumagqabaza abavakalisi abakumazwe ayi-20.
2. Simele senze ntoni xa umntu esithi akakholelwa kuThixo, yaye ngoba?
2 Abo Bangakholelwayo KuThixo: Kubalulekile ukwazi isizathu sokuba ubani engakholelwa kuThixo. Ngaba ukholelwa ekubeni izinto zazivelela? Ngaba akanalukholo kuThixo ngenxa yobungendawo obusehlabathini okanye iicawa ezihanahanisayo? Ngaba kwindawo ahlala kuyo kuyathintelwa ukukholelwa kuThixo? Mhlawumbi uyabuvuma ubukho bukaThixo, kodwa akaboni mfuneko yokukholelwa kuye. Abavakalisi abaninzi babuza oku: “Ngaba ubusoloko uvakalelwa ngalo ndlela?” nto leyo emnceda acacise. Njengoko ethetha, phulaphula uze ungaphazamisi. Xa sisazi isizathu sokuba umntu angakholelwa kuThixo, loo nto iya kwenza sikwazi ukumphendula size siyazi nempapasho esimele simnike yona.—IMize. 18:13.
3. Singayibonisa njani intlonelo ngeenkolelo zomntu?
3 Xa uphendula, kulumkele ukwenza umntu abone ngathi ulwisana nezimvo zakhe. Nali icebiso elivela eUnited States: “Kubalulekile ukwazi ukuba umntu unelungelo lokukholelwa loo nto ayifunayo. Endaweni yokuhlisan’ unyusana naye kuba ufuna ukumeyisela, kuhle ukubuza imibuzo ukuze azenzele ngokwakhe isigqibo.” Emva kokuva ingcaciso yomninimzi, umveleli ohambahambayo udla ngokuqala abuze athi: “Ngaba le ukhe uyicinge njengento enokwenzeka?”
4. Singabanceda njani abantu abakholelwa kubuBhuda?
4 Ukuba uza kuthetha ngoThixo kubantu abakholelwa kubuBhuda, uya kuba uyadlala kuba abamazi uThixo. EBritani, abanye abavakalisi basebenzisa incwadana ethi Lasting Peace and Happiness—How to Find Them xa beshumayela kubantu abanjalo. Emva kwentshayelelo, baye bathethe ngenkcazelo efumaneka kumxholo othi “Is There Really a Most High Creator?” baze balandelise ngaleyo ifumaneka phantsi komxholo othi “A Guidebook for the Blessing of All Mankind.” Kusemva koku apho baya kuthi mhlawumbi baqalise ukubonisa umntu incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile, baze bathi kumninimzi: “Enoba awukholelwa kuThixo, kodwa ukufunda iBhayibhile kuluncedo, kuba inemigaqo esinokuyisebenzisa.” Omnye uvulindlela eUnited States oshumayela kwintsimi yamaTshayina uthi: “Uninzi lwabantu kwintsimi yethu bayakuthanda ukufunda. Ngoko sithi siphinda sibuyela kubo babe sele beyifunde bayigqiba incwadi esiye sabanika. Kodwa basenokungazi ukuba uthetha ukuthini xa ucela ukubaqhubela isifundo seBhayibhile. Ngenxa yoku, ndiyakuthanda ukubanika incwadana ethi Iindaba Ezilungileyo xa ndizokushumayela kubo, kuba le ncwadana ibhalwe ngohlobo lokuba kubekho umntu oza kukucacisela xa uyifunda.” Umveleli wesiphaluka ojikeleza kwisiphaluka ekuthethwa isiTshayina eUnited States unikela ingxelo yokuba iyakwazi ukwenzeka into yokuba ufunde nomntu incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile uqala ukufika emzini. Noko ke, kubangcono xa uqale ufunde nomninimzi isahluko 2, ngoba sona sibangela umntu aqhelane neBhayibhile kunokuqala ngokuxubusha isahluko 1, esithetha ngoThixo.
5. Kubaluleke kangakanani ukuba nomonde?
5 Kuthath’ ixesha ngaphambi kokuba umntu akholelwe kuThixo, ngoko ukuba nomonde kubalulekile. Incoko osenokuba nayo nomntu ekuqaleni, isenokungamenzi avume ukuba ukho uMdali. Kodwa njengoko ixesha lihamba, usenokuvuma ukuba ukho okanye athi uyasiqonda isizathu sokuba omnye umntu athi ukho.
6. Kutheni abanye abantu besenokungabi namdla eBhayibhileni?
6 Kwabo Bangenamdla Okanye Abangayithembanga IBhayibhile: Umntu okholelwayo ukuba usenokubakho uThixo, usenokungabi namdla kwiBhayibhile kuba esithi ayiloLizwi likaThixo. Mhlawumbi uhlala kwindawo enabantu abangahambi cawa yaye uthath’ iBhayibhile ayidibanise nabantu bonqulo lobuxoki. Okanye, usenokuba uhlala kummandla onabantu abathi bangamaKristu kodwa bengazikhathazi kwaphela ngonqulo nto leyo enokumenza angayijongi iBhayibhile njengenokumnceda. Singabanceda njani ke abantu abanjalo babe nomdla eBhayibhileni baze ekugqibeleni bavume ukuqhutyelwa isifundo kwincwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile?
7. Idla ngokuba yiyiphi indlela edla ngokusebenza ukuze umntu abe nomdla eBhayibhileni?
7 Ingxelo evela kwiofisi yesebe yaseGrisi ithi: “Eyona ndlela ibhetele yokunceda umntu abe nomdla eBhayibhileni, kukusuka nje umtyhilele iBhayibhile ukuze azibonele oko kubhalwe kuyo. Abavakalisi abaninzi baye bafumanisa ukuba amazwi aseBhayibhileni anamandla gqitha kunawo nawaphi na amazwi abanokuwathetha bona. (Heb. 4:12) Abaninzi bathe xa bezibonela igama likaThixo eBhayibhileni bafuna ukwazi okungakumbi ngeBhayibhile.” Iofisi yesebe eIndiya ibhale yenjenje: “Abantu abangamaHindu baba nomdla xa incoko ingobomi nokufa. Nencoko engethemba eliseBhayibhileni lokuphila kumhlaba apho kungekho kubukulana ngokobuhlanga nangenxa yemvelaphi.” Kwakhona, phezu kweengxaki ezehlela abantu basekuhlaleni, abavakalisi batsho bakwazi ukubonisa abantu into ethi iBhayibhile iza kwenziwa buBukumkani bukaThixo ukulungisa ezo ngxaki.
8. Yintoni onokuyithetha kubantu abayijongela phantsi iBhayibhile ngenxa yeeCawa?
8 Ukuba umntu uyijongela phantsi iBhayibhile ngenxa yeeCawa, mazise ukuba iiCawa ziye azathetha nyani ngayo nangeemfundiso zayo. Iofisi yesebe yaseIndiya ibhale yathi: “Ngamanye amaxesha, kufuneka sibancede abantu baqonde ukuba iBhayibhile ayoyasecaweni.” Kwale ofisi yesebe ityatyadula ithi amaHindu ayachukumiseka xa ngecandelo le-4 lencwadana ethi What Is the Purpose of Life? How Can You Find It?, echaza indlela iinkonzo eziye zazama ngayo ukumosha iLizwi likaThixo. Uvulindlela eBrazil uxelela abantu oku: “Kutheni ungazifundeli ngokwakho into ethetha yiBhayibhile? Abantu abaninzi bayayenza le nto, hayi kuba bekunqulo oluthile. Unokumangaliswa yinto onokuyifumana kuyo.”
9. Kutheni singamele sinikezele xa ekuqaleni umntu engenamdla koko kufundiswa yiBhayibhile?
9 UYehova uyazazi iintliziyo zabantu. (1 Sam. 16:7; IMize. 21:2) Utsalela abantu abaneentliziyo ezintle kunqulo lokwenyaniso. (Yoh. 6:44) Uninzi lwabantu abanjalo abazange bafundiswe ngoThixo okanye banolwazi oluncinane ngeBhayibhile. Xa sishumayela bafumana ithuba ‘lokusindiswa baze bafikelele elwazini oluchanileyo lwenyaniso.’ (1 Tim. 2:4) Ngoko ke, xa abanye ekuqaleni bengenamdla koko kufundiswa yiBhayibhile, musa ukuncama! Sebenzisa esinye sezixhobo ezikhoyo kulwimi lwakho ukuze uvuselele umdla wabo. Ekugqibeleni, usenokukwazi ukuyitshintshela ingxubusho kwenye yeencwadi zethu zokuqhuba isifundo seBhayibhile, incwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
[Ibhokisi ekwiphepha 4]
Ukuba umninimzi uthi akakholelwa kuThixo, khawuzame oku:
• Mbuze, “Ngaba ubusoloko uvakalelwa ngale ndlela?” ukuze ufumane isizathu.
• Ukuba ngumBhuda, sebenzisa incwadana enemifanekiso ethi Lasting Peace and Happiness—How to Find Them, iphepha 9-12.
• Ukuba ukholelwa ekuziveleleni kwezinto, ezi mbekiselo zilandelayo zinokuba luncedo:
Ungcelele lwamanqaku kaVukani! Athi: “Ngaba Yadalwa?”
Ividiyo ethi The Wonders of Creation Reveal God’s Glory
Iincwadana ezinemifanekiso ezithi A Satisfying Life—How to Attain It, icandelo 4; Was Life Created? nethi The Origin of Life—Five Questions Worth Asking
• Ukuba akakholelwa kuThixo ngenxa yokungabikho kokusesikweni, ezi mbekiselo zilandelayo zinokuba luncedo:
Incwadi ethi Is There a Creator Who Cares About You?, isahluko 10
Iincwadana ezinemifanekiso ezithi Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele?, icandelo 6 nethi Iyintoni Injongo Yobomi? Unokuyifumana Njani?, icandelo 6
• Mtshintshele kwincwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile ngokukhawuleza xa evuma ukuba uThixo unokubakho. Kunokuba kuhle ukuqala ngesahluko 2 okanye omnye umxholo oya kumfanela umninimzi.
[Ibhokisi ekwiphepha 5]
Ukuba umninimzi akakholelwa kwiBhayibhile khawuzame oku:
• Funda isahluko 17 nese-18 sencwadi ethi Life—How Did It Get Here? By Evolution or by Creation?
• KumaHindu, sebenzisa incwadana enemifanekiso ethi Why Should We Worship God in Love and Truth?
• KumaYuda, sebenzisa incwadana enemifanekiso ethi Will There Ever Be a World Without War?,* iphepha 3-11.
• Xubusha iingenelo zokulandela imigaqo yeBhayibhile. Iimpapasho onokuzisebenzisa ukuze ubonise umntu indlela eluncedo ngayo iBhayibhile:
UVukani! ungcelele oluthi “Ukunceda Iintsapho”
Ividiyo ethi The Bible—Its Power in Your Life
Iincwadana ezinemifanekiso ezithi Iindaba Ezilungileyo Ezivela KuThixo!, isifundo 9 nese-11; Incwadi Yabantu Bonke, iphepha 22-26; nethi A Satisfying Life—How to Attain It, icandelo 2
KumaBhuda, sebenzisa incwadana enemifanekiso ethi The Pathway to Peace and Happiness, iphepha 3-7.
KumaSilamsi, sebenzisa incwadana enemifanekiso ethi Real Faith—Your Key to a Happy Life, icandelo 3.
Ukuba ushumayela kwindawo engafunwa kuyo iBhayibhile, kunokuba kuhle ukungayichazi xa uyicaphula, kude kube semva kokuba ubuyele izihlandlo eziliqela.
• Chaza indlela eziye zazaliseka ngayo iziprofeto zeBhayibhile. Unokusebenzisa ezi mpapasho zilandelayo:
Ividiyo ethi The Bible—Accurate History, Reliable Prophecy
Incwadana enemifanekiso ethi Incwadi Yabantu Bonke,* iphepha 27-29
• Mtshintshele kwincwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile ngokukhawuleza esakukubuza ngoko kufundiswa yiBhayibhile ngemixholo eyahlukahlukeneyo.
[Ibhokisi ekwiphepha 6]
Ukuba umninimzi uthi: “Andikholelwa kuThixo,” usenokuthi:
• “Ngaba ndingabetha koomofu ndikuchazele into eye yandenza ndakholelwa kuMdali?” Uze emva koko mbonise iingongoma ezikwincwadi ethi Ukuqiqa, iphepha 99-101, okanye umphathele incwadi oyithandayo.
• “Kodwa ukuba ebekho uThixo, ubunokufuna abe njani?” Abantu abaninzi badla ngokuthi bebeza kutsaleleka kuThixo onothando, okusesikweni, inceba nongenamkhethe. Mbonise eBhayibhileni ukuba uThixo unazo ezo mpawu. (Usenokusebenzisa isahluko 1 sencwadi ethi Okufundiswa yiBhayibhile, uqale kwisiqendu 6.)
Ukuba umntu uthi: “Andikholelwa kwiBhayibhile,” usenokuthi:
• “Baninzi abantu abavakalelwa ngaloo ndlela. Abanye bacinga ukuba iBhayibhile ayivisisani nesayensi okanye imilinganiselo yayo ayiloncedo. Khawutsho, ngaba wakhe wayifunda iBhayibhile? [Mvumele aphendule. Uze emva koko umbonise intshayelelo ekwiphepha 3 lencwadana ethi Incwadi Yabantu Bonke, uze umnike yona ukuba ibandla linayo estokhweni, okanye uyiprinte kwiWatchtower Library.] Abaninzi abayithembi iBhayibhile kuba iicawa azikhange zizenze izinto ezithethwa yiBhayibhile. Kwixa elizayo ndiza kuxubusha umzekelo okwiphepha 4 nele-5.”
• “Abantu abaninzi babona ngasonye nawe. Ngaba ndingakubonisa into endenza ndiyithande iBhayibhile? [Funda uYobhi 26:7 okanye uIsaya 40:22, ababonisa ukuba iBhayibhile ichanile ngokwesayensi.] Kwakhona iBhayibhile inamazwi obulumko okunceda iintsapho. Kwixa elizayo ndifuna ukukubonisa umzekelo.”
• “Enkosi ngokundichazela loo nto. Ukuba uThixo ebenokubhalela abantu incwadi, ucinga ukuba ibiza kuthetha ngantoni?” Uze emva koko umbonise ivesi eBhayibhileni evumelana nempendulo yakhe.