IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • wp20 No. 3 iphe. 12
  • Bathande Abantu

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Bathande Abantu
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2020
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • ZITHINI IZIBHALO EZINGCWELE NGOTHANDO?
  • KUTHETHA UKUTHINI UKUTHANDA ABANTU?
  • ‘Qhubekani Nihamba Eluthandweni’
    Sondela KuYehova
  • Uthando (Agape)—Oko Lungekuko Noko Lukuko
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
  • Uthando​—⁠Uphawu Oluxabiseke Kakhulu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2017
  • Sinokwenza Ntoni Ukuze Sihlale Sithandana Kakhulu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2023
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2020
wp20 No. 3 iphe. 12
Indoda engumSamariya uYesu awayebalisa ngayo, ithambisa indoda eyonzakaleyo ngeoli.

Uthando lusenza senze izinto ezifunwa ngabanye kunezifunwa sithi

Bathande Abantu

Sonke siyintsapho enye, kuba siyinzala ka-Adam. Kulindeleke ukuba abantu bentsapho enye bathandane baze bahloniphane, kodwa kule mihla kunzima ukulufumana uthando olunjalo. UThixo wethu onothando akayithandi loo nto.

ZITHINI IZIBHALO EZINGCWELE NGOTHANDO?

“Umele uthande omnye umntu ngendlela ozithanda ngayo nawe.”​—LEVITIKUS 19:18.

“Qhubekani nizithanda iintshaba zenu.”​—MATEYU 5:44.

KUTHETHA UKUTHINI UKUTHANDA ABANTU?

Khawujonge indlela uThixo alucacisa ngayo uthando eLizwini lakhe, kweyo-1 kwabaseKorinte 13:4-7:

“Uthando lunomonde yaye lunobubele.”

Khawucinge ngoku: Uziva njani xa abantu benobubele, benomonde kuwe, ibe bengabi namsindo naxa wenze iimpazamo?

“Uthando alunamona.”

Khawucinge ngoku: Uziva njani xa abantu bekucingela kakubi okanye bekumonela?

Uthando “aluzicingeli lona lodwa.”

Khawucinge ngoku: Uziva njani xa abantu bezimamela izinto ozithethayo ibe bengasoloko befuna kuviwe ngabo?

Uthando “alunanzondo.”

Khawucinge ngoku: UThixo ufuna ukubaxolela abantu abaguqukileyo ababekhe bamona. “Akazukusoloko ejonga iimpazamo, engazukuhlala ecaphukile ngonaphakade.” (INdumiso 103:9) Xa umntu esimonileyo esixolela, siye siyixabise loo nto. Ngoko nathi sifanele sibaxolele abanye xa besicaphukisile.​—INdumiso 86:5.

Uthando “aluzivuyeli izinto ezimbi.”

Khawucinge ngoku: Siba buhlungu xa sibona abantu bevuya kuba sehlelwe zizinto ezimbi. Ngoko asimele sivuye xa abanye besehlelwa bubunzima, nokuba babekhe basiphatha kakubi.

Ukuze uThixo asisikelele, sifanele sibathande ngezi ndlela zichazwe eLizwini lakhe abantu, kungakhathaliseki ukuba ngoobani. Enye indlela esinokuyenza ngayo le nto kukunceda abantu abadinga uncedo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share