IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • wp20 No. 3 iphe. 13
  • Baza Kusikelelwa Abantu Abanceda Abo Badingayo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Baza Kusikelelwa Abantu Abanceda Abo Badingayo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2020
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • ITHINI INCWADI EVELA KUTHIXO?
  • KUTHETHA UKUTHINI UKUNCEDA UMNTU ODINGAYO?
  • Ukubaxhasa Ngokunyaniseka Abazalwana BakaKristu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
  • Kuthetha Ukuthini Ukuba “NgumSamariya Olungileyo”?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Funda Kumzekeliso Weetalente
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
  • Ngaba Uyalwamkela Uncedo LukaYehova?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2020
wp20 No. 3 iphe. 13
Indoda ibonisa enye indlela isebenzisa imaphu.

Ungakwazi ukunceda abantu kungakhathaliseki ukuba baneminyaka emingaphi, basuka kweliphi ilizwe, okanye bakhonza phi

Baza Kusikelelwa Abantu Abanceda Abo Badingayo

Emhlabeni wonke, abantu abaninzi badinga ukutya neendawo zokuhlala. Kanti abanye badinga nje ukwazi ukuba izinto ziseza kuba bhetele. UThixo ufuna sibancede abantu abadingayo, ibe xa sisenza loo nto uza kusisikelela.

ITHINI INCWADI EVELA KUTHIXO?

“Umntu omphatha kakuhle osweleyo uboleka uYehova, ibe uza kumhlawula ngaloo nto.”—IMIZEKELISO 19:17.

KUTHETHA UKUTHINI UKUNCEDA UMNTU ODINGAYO?

UYesu wabalisa ngendoda eyahlaselwa ngootsotsi baza bayishiya sele iza kusweleka. (Luka 10:29-37) Kwathi gqi umntu ongayaziyo, kodwa wayinceda le ndoda yonzakeleyo, nangona yayingumntu wolunye uhlanga.

Lo mntu unobubele wayinika uncedo lokuqala, wayinceda ngezinto eziphathekayo, waza wayithuthuzela.

Sifunda ntoni kweli bali? UYesu wayesifundisa ukuba nathi sifanele sizame ngandlela zonke ukunceda abantu abadingayo. (IMizekeliso 3:27) Incwadi Evela KuThixo isibonisa ukuba uThixo sele eza kukuphelisa ukulamba nokuhlupheka. Kodwa inoba siyazibuza, uThixo uza kuyenza nini le nto ibe njani? Inqaku elilandelayo liza kuthetha ngezinto ezintle aza kukwenzela zona uMdali wakho okuthandayo.

“UTHIXO ZANGE ANDILAHLE”!

Kubalisa indoda yaseGambia kodwa ehlala kwelinye ilizwe

“Xa ndandifika eYurophu, ndandingenazinto​—ndingenamsebenzi, ndingenakhaya, ndingenayo nemali. Izinto endazifunda kwiNcwadi Evela KuThixo zandinceda kakhulu. Zandenza ndakwazi ukusebenza nzima ndaza ndanceda nabanye kunokuba ndisoloko ndicela uncedo. UThixo zange andilahle ibe ebesoloko endinceda!”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share