IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • mwb24 Septemba iphe. 2-3
  • Septemba 2-8

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Septemba 2-8
  • Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2024
Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2024
mwb24 Septemba iphe. 2-3

SEPTEMBA 2-8

INDUMISO 79-81

Ingoma 29 Nomthandazo | Amazwi Okuvula (umz. 1)

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO

1. Bonisa Uthando Ngegama LikaYehova Elizukileyo

(imiz. 10)

Sukwenza nantoni na angayifuniyo uYehova (INd 79:9; w17.02 9 ¶5)

Khalela egameni lakhe (INd 80:18; ijwbv 3 ¶4-5)

UYehova uyabasikelela kakhulu abo bamthobelayo nababonisa ukuba bayalithanda igama lakhe (INd 81:​13, 16)

Umzalwana unika umntu asebenza naye ikhadi le-jw.org ngoxa besekhefini.

Ukuze indlela esiziphatha ngayo ingcwalise igama likaYehova, kufuneka sibazise abantu ukuba singamaNgqina akhe

2. Ubuncwane ObuseBhayibhileni

(imiz. 10)

  • INd 80:1​—Ngamanye amaxesha, kwakutheni ukuze igama likaYosefu lisetyenziswe ekubhekiseleni kwizizwe zonke zakwaSirayeli? (it-2-E 111)

  • Ziintoni ozithandileyo kufundo lweBhayibhile lwale veki?

3. Ufundo LweBhayibhile

(imiz. 4) INd 79:1–80:7 (th isifundo 10)

YIKHUTHALELE INTSIMI

4. Ukuqalisa Incoko

(umz. 1) KWINDLU NGENDLU. Qalisa isifundo seBhayibhile. (lmd isifundo 4 ingongoma 4)

5. Ukuqalisa Incoko

(imiz. 3) UKUSHUMAYELA NGOKUNGACWANGCISWANGA. Qalisa isifundo seBhayibhile. (lmd isifundo 4 ingongoma 3)

6. Ukuqalisa Incoko

(imiz. 2) UKUSHUMAYELA ESIDLANGALALENI. Qalisa isifundo seBhayibhile. (lmd isifundo 3 ingongoma 3)

7. Ukubuyela

(imiz. 5) KWINDLU NGENDLU. Qalisa isifundo seBhayibhile nomntu owayengenamdla ngaphambili. (lmd isifundo 8 ingongoma 3)

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Ingoma 10

8. “Baza Kulingcwalisa Igama Lam”

(imiz. 15) Ingxubusho.

USathana waqalisa ukungcolisa igama likaYehova kumyezo wase-Eden. Ukususela ngoko, abantu neengelosi kuye kwafuneka benze isigqibo esibalulekileyo sokuba baza kulithethelela na igama likaYehova.

Cinga ngobunye bobuxoki obusasazwe nguSathana ngoYehova. Umtyhola ngokuba ngumlawuli okhohlakeleyo nongenathando. (Gen 3:​1-6;Yob 4:​18, 19) Uthi abakhonzi bakaYehova bayazenzisa ngokuthi bayamthanda. (Yob 2:​4, 5) USathana uye wenza iimiliyoni zabantu zakholelwa ukuba uYehova ayingoMdali welihlabathi lihle siphila kulo.​—Rom 1:​20, 21.

Uziva njani wena ngobubuxoki? Mhlawumbi bukwenza ufune ukuphakama umele uYehova! UYehova ebesazi ukuba abakhonzi bakhe baza kufuna ukunceda kungcwaliswe igama lakhe. (Thelekisa Isaya 29:23.) Unganceda njani?

  • Nceda abanye abantu bamazi baze bamthande uYehova. (Yoh 17:​25, 26) Kulungele ukunikela ubungqina bokuba ukho uze ufundise nabanye ngeempawu zakhe ezimangalisayo.​—Isa 63:7

  • Mthande uYehova ngentliziyo yakho yonke. (Mat 22:​37, 38) Thobela imiyalelo kaYehova hayi kuba ilungile nje qha kodwa kuba ufuna ukumvuyisa uYehova.​—IMi 27:11

Imifanekiso: Imifanekiso ekwividiyo ethi “Ungaze Uvumele Uthando Lwakho Luphele Kuba. . . Ingathandwa Imithetho KaThixo Esikolweni.” 1. UAriel uhleli edesikeni yakhe eklasini, umntwana oyinkwenkwe afunda naye ukhombe kuye ibe umbuza ukuba kutheni engayikhahleli iflag. 2. Usebenzisa iBhayibhile nesifundo 61 sencwadi ethi “Indifundisa Ntoni IBhayibhile?” xa esenza ufundisiso lobuqu. 3. Uma phambi kweklasi aze ashumayele. 4. UDiego unikwa umatshini wokutshaya ngumntwana afunda naye. 5. Usebenzisa itablet yakhe ukuze enze uphando. 6. Uphuma esikolweni encumile ngenxa yokuthembeka kwakhe.

Dlala IVIDIYO ethi Ungaze Uvumele Uthando Lwakho Luphele Kuba . . . Ingathandwa Imithetho KaThixo Esikolweni. Uze ubuze le mibuzo:

  • UAriel noDiego baye balithethelele njani igama likaYehova?

  • Yintoni ebancede bakwazi ukumela uYehova?

  • Ungawulinganisa njani umzekelo wabo?

9. Isifundo SeBhayibhile Sebandla

(imiz. 30) bt isahl. 15 ¶1-7, nentshayelelo yecandelo 6

Amazwi Okuvala (imiz. 3) | Ingoma 90 Nomthandazo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share