Kutheni Kusaqhubeka Kukho Iimfazwe Nemilo
IBhayibhile iyasichazela ukuba kutheni kukho iimfazwe ibe kutheni ziqhubeka zisenzeka.
ISONO
UThixo wadala abazali bethu bokuqala, uAdam noEva ngokomfanekiso wakhe. (Genesis 1:27) Loo nto yayithetha ukuba babenokukwazi ukubonisa iimpawu zikaThixo ezifana noxolo nothando (1 Korinte 14:33; 1 Yohane 4:8) Kodwa uAdam noEva abazange bamthobele uThixo baza bamona, ngenxa yalonto sonke siye safumana isono nokufa. (Roma 5:12) Isono sisenza ukuba sicinge size senze izinto ezimbi.—Genesis 6:5; Marko 7:21, 22.
OORHULUMENTE BABANTU
UThixo akazange asidalele ukuba sizilawule. IBhayibhile ithi: “Umntu ohambayo akanalo kwa igunya lokwalathisa inyathelo lakhe.” (Yeremiya 10:23) Ngenxa yesosizathu oorhulumente babantu abanakukwazi ukuphelisa imilo neemfazwe.
USATHANA NEEDEMON ZAKHE
IBhayibhile isichazela ukuba “lonke ihlabathi lilawulwa nguSathana.” (1 Yohane 5:19) Lowo ungendawo ukwabizwa ngokuba nguSathana uMtyholi kuba wayesisibulala mntu kwasekuqaleni. (Yohane 8:44) USathana needemon zakhe baye benze abantu baqalise imilo neemfazwe.—ISityhilelo 12:9, 12.
Abantu abanakukwazi ukuziphelisa ngokupheleleyo izinto ezibangela imilo neemfazwe, kodwa uThixo angakwazi.