IBritani
UBukhosi baseBritani bakhula banda ehlabathini lonke. Ngemihla kaKumkanikazi uVictoria (1837-1901), kwakusithiwa bubukhosi “obungatshonelwa langa.” Noko ke, kwinkulungwane yama-20 obo bukhosi bukhulu bathatyathelwa indawo luManyano lwaMazwana azilawulayo.
Lukhulu kangakanani uManyano lwaMazwana azilawulayo? Lugubungela malunga nekota yomhlaba yaye luquka malunga nomntu omnye kwabane kubemi bawo. Nangona ekhululekile ngokwezobupolitika, amazwe angama-53 angamalungu oManyano lwaMazwana azilawulayo amkela uKumkanikazi waseBritani njengophambili ekumanyaniseni amasiko awo nezoqoqosho.
Ebudeni beminyaka engama-50 edluleyo, abemi abavela kula mazwe nakwamanye baye bayiguqula iBritani. Iye yaba lilizwe elinebutho labemi abamalunga nezigidi ezingama-58.
Ilizwe Leentlanga, Neenkolo Ezahlukeneyo
NgoJuni 22, 1948, iEmpire Windrush, inqanawa eyayisakuba yeyokuthutha umkhosi, yagaleleka kwizibuko laseTibury, kufutshane naseLondon, kwaza kwehla abemi baseJamaica abangama-492—bengabokuqala kwikota yesigidi sabemi beziqithi zeCaribbean. La maIndiya aseNtshona onwabileyo, nadlamkileyo ayeyihlonela ngokunzulu iBhayibhile. Kodwa amangaliswa kukufumanisa ukuba uninzi lwabemi baseBritani lwalungasakholelwa kangako kuThixo. Yintoni eyabangela olo tshintsho? Abantu babekruqukile kukubandakanyeka konqulo ekuphalazweni kwegazi okungekho ngqiqweni ebudeni beemfazwe ezimbini zehlabathi. Ukongezelela koko, ukukholelwa eBhayibhileni kwasingelwa phantsi ngabo babeyihlaba amadlala besithi inzululwazi nonqulo ziyangqubana.
Ukususela ngeminyaka yee-1960, amaIndiya, abemi basePakistan yaye kutshanje, abavela eBangladesh baye bathontelana eBritani. Abemi baseAsia ababehlala kwiMpuma Afrika baye bangumdolomba ngeminyaka yee-1970 beze kukhangela amadlelo aluhlaza. Ngaphandle kwabo bavela kumazwe akuManyano lwaMazwana azilawulayo, kwafika amaGrike namaSipro aseTurkey, abemi basePoland nabaseUkraine. Emva kwemvukelo yaseHungary yowe-1956 iimbacu ezingama-20 000 zasabela kwelo laseBritani. Kutshanje, abemi baseVietnam, eKurd, eTshayina, e-Eritrea, eIraq, eIran, eBrazil nabaseKholombiya, nabanye, baye bafudukela kwelo. Phakathi kwiminyaka yee-1990, abantu bolunye uhlanga bebeba-6 kubemi abali-100 baseBritani.
Oku kucaca kakhulu eLondon, isixeko esilikomkhulu laseBritani. Iindwendwe ezihamba ngezitrato, ngeebhasi ezinemigangatho emibini okanye ngoololiwe abahamba emathunjini omhlaba, zikhawuleza ziyiphawule loo ngxube-vange yeentlanga ezingabemi kweso sixeko. Eneneni, phantse ikota yabemi baseLondon iye yafika ivela kumazwe aphesheya kweelwandle. Ngenxa yoku kuxubana, izikolo ngoku zifundisa abantwana ngendlela eyamkela iinkolelo zonqulo ezahlukeneyo—phakathi kwazo, ubuKristu, ubuSilamsi nobuHindu. Oku akuthethi ukuba unqulo luthandwa kakhulu eBritani. Ngokuchaseneyo noko, kule mihla, inkitha yabemi baseBritani itshone zwabha kumsebenzi wengqesho, nakubomi bokuthanda izinto eziphathekayo.
Ngokwahlukileyo koko, kukho amaNgqina kaYehova angaphezu kwe-126 000 eBritani. Nawo ngokwawo aneemvelaphi ezahlukahlukeneyo. Noko ke, akholelwa ngokuqinileyo kuThixo—kungekhona kuthixo ongenagama, kodwa kuYehova, omema ngokufudumeleyo abantu beentlanga zonke ukuba bahambe ngeendlela zakhe ukuze bafumane iingenelo ngokusebenzisa isiluleko sakhe sothando. (Eks. 34:6; Isa. 48:17, 18; IZe. 10:34, 35; ISityhi. 7:9, 10) AmaNgqina kaYehova ayigqala iBhayibhile njengeLizwi likaThixo eliphefumlelweyo. Akholelwa ngokunzulu kwilungiselelo likaThixo lokusindisa ngoYesu Kristu. Ithemba lawo ngekamva lisekelwe kuBukumkani bukaThixo nakwimfundiso yeBhayibhile yokuba injongo kaThixo kukuba umhlaba ube yiParadesi. (Gen. 1:28; 2:8, 9; Mat. 6:10; Luka 23:43) Ngenzondelelo ashumayela ezi ndaba zilungileyo kwabanye. Umnqweno wawo onyanisekileyo kukwenza “zonke izinto ngenxa yeendaba ezilungileyo” ukuze abelane ngazo nabanye.—1 Kor. 9:23; Mat. 24:14.
Waqalisa njani umsebenzi wamaNgqina kaYehova kule nxalenye yehlabathi?
Ukwabelana Nabanye
Ebudeni beminyaka engamashumi amabini yokugqibela yenkulungwane ye-19, iBritani yaba nengxaki yokuthontelana kwabantu ezidolophini. Abantu babengumdolomba ukuya ezidolophini nasezixekweni besuka kwiidolophana ezikumaphandle aseNgilani, eSkotlani nawaseWales. Amadoda angamagcisa ngemvelo afika nothotho lwangenabugcisa kwanalawo anofifi lomsebenzi. Emva kowe-1870, kwenziwa isibhengezo seminyaka yemfundo yasesikolweni esisinyanzelo apho ulwazi lwaluya kufumaneka lula kubantu abangakumbi.
Ngowe-1881, uJ. C. Sunderlin noJ. J. Bender—izinxulumani ezibini zikaCharles T. Russell, ngoko owayekhokela kumsebenzi weWatch Tower Society—bagaleleka apho bevela eUnited States. Beza nesigidimi esaguqula ubomi bamawaka aseBritani baba bobulungileyo. Omnye waqalisa eSkotlani omnye eNgilani, basasaza impapasho echukumisa intliziyo ethi Food for Thinking Christians. ELondon, uTom Hart owayetshintsha uloliwe ukusuka kwesinye isiporo ukuya kwesinye, wamkela umbhalo xa wayesendleleni egodukayo evela emsebenzini ngenye intsasa. Oko wakufundayo kwavuselela umdla wakhe kwaza kwakhokelela kwiingxubusho ezininzi ezingokubuya kukaKristu. Eshukunyiswa koko wakufundayo, ngenkuthalo uTom wachazela umfazi wakhe nabo wayesebenza nabo ngoko wayesandul’ ukukuva. Kungekudala eli qela lincinane, elaye laziwa njengaBafundi beBhayibhile, laqalisa ukusasaza amaphecana kubantu abadlulayo kwiindawo eziselumelwaneni. Kwasekwa amaqela afanayo nakwezinye izixeko zalo lonke elo laseBritani. Bonke aba babezimisele ukusasaza inyaniso yeBhayibhile.
Xa ngokobuqu uC. T. Russell watyelela okokuqala eBritani ngowe-1891, umnqweno kwisigidimi seBhayibhile washukumisela abantu baseLondon abamalunga nama-150, nani elo lifanayo nelabaseLiverpool ababekho kwintetho enomxholo othi “Phumani Kuyo, Bantu Bam”—okuthetha ukuthi, phumani kunqulo olunempembelelo yeBhabhiloni yamandulo. (ISityhi. 18:4) UMzalwan’ uRussell wachaza ukuba, “INgilani, i-Ireland neSkotlani ngamasimi alungele ukuvunwa.” Umsebenzi wokwabelana nabanye ngeendaba ezilungileyo wangqineka unesiqhamo, yaye ukuphela kwaloo nkulungwane kwakusele kusekwe amabandla amaKristu amancinane alishumi. Ukuze ukudla kokomoya okufumaneka ngeempapasho zeBhayibhile kufumaneke ngakumbi kubo, iWatch Tower Soceity yaseka iofisi eLondon.
Iofisi Yesebe Yokuqala
Ngowe-1900, uE. C. Henninges, esinye isinxulumani sikaC. T. Russell, safika kwizibuko laseLiverpool, kumantla-ntshona eNgilani, saza senjenjeya ukuya eLondon kwiphulo lokufuna izakhiwo ezaziya kuqeshwa ukuze zisetyenziswe njengendawo yokothula uncwadi. NgoAprili 23 wafumana indawo e-131 Gipsy Lane, Forest Gate, kwimpuma yeLondon. Kulapho yaqalisa khona ukusebenza iofisi yesebe yeWatch Tower Bible and Tract Society. Ngoku, kwinkulungwane kamva, kukho iiofisi zamasebe ezingaphezu kwe-100 ezinjalo kwiindawo ezifanelekileyo ehlabathini lonke.
NgoJuni 30, 1914, kwasekwa ummeli omtsha osemthethweni wentlangano kaYehova eBritani—UMbutho Wabafundi BeBhayibhile Bezizwe Ngezizwe—eLondon. Ngelo xesha isebe laseBritani lalinyamekela umsebenzi woBukumkani kuzo zonke iZiqithi zaseBritani, kuquka i-Ireland. Noko ke, ukususela ngowe-1966 i-Ireland iphela yaba phantsi kwesebe elahlukileyo kuqala elaliseDublin yaye ngoku likumazantsi ayo.
Ukutyhutyha Amazwe Ngamazwe
Umdla wabazalwana baseBritani wawungapheleliselwanga kwintsimi yaseBritani. Babesazi ukuba uYesu Kristu waxela kwangaphambili ukuba ezi ndaba zilungileyo zoBukumkani bukaThixo zaziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo ngaphambi kokuba kufike ukuphela. (Mat 24:14) Ebudeni beminyaka yee-1920 nasebutsheni beyee-1930, abazalwana abaninzi baseBritani babefuna ukwandisa intsimi yabo yokushumayela ngokungenelela umsebenzi wobuvangeli kwamanye amazwe. Oko kwaba linyathelo elibalulekileyo, yaye uYehova wawusikelela umoya wabo wokuzincama.
Ngowe-1926, uEdwin Skinner wayinikela umva iSheffield, ekumantla eNgilani, esiya kukhonza eIndiya. Ukuthobeka kwakhe kwamnceda wanyamezela kweso sabelo kangangeminyaka engama-64, de kwasekufeni kwakhe ngowe-1990. Ongalibalekiyo nothandekayo uWilliam Dey waseSkotlani, wayengumhloli weerhafu yaye eyindoda enezinto zayo, wancama isikhundla sakhe nomhlala-phantsi waza waba ngumveleli weOfisi yoMbutho entsha ekuMntla Yurophu, eCopenhagen, eDenmark. UFred Gabler, wakwamkela ukumenywa kukaMzalwan’ uDey waza kungekudala emva koko wenjenjeya ukuya eLithuania, apho wathelelwa nguPercy Dunham, nowathi kamva waya kukhonza eLatvia. UWallace Baxter wongamela umsebenzi e-Estonia. UClaude Goodman, uRon Tippin, uRandall Hopley, uGerald Garrard, uClarence Taylor, nabanye abaninzi baseBritani baba ngoovulindlela eAsia. Omnye waseSkotlani, nguGeorge Phillips, owakhonza kangangeminyaka emininzi eMzantsi Afrika. URobert noGeorge Nisbet, nabo ababevela eSkotlani, baba ngoovulindlela eMpuma naseMzantsi Afrika.
Uncedo Lwamandla Abalaseleyo Kwilizwekazi
Ngeminyaka yee-1930, oovulindlela abaninzi baseBritani basabela kwisicelo sokuba bancede ekusasazweni kweendaba ezilungileyo eBelgium, eFransi, eSpeyin nasePortugal. UJohn noEric Cooke babephakathi kwabo.
UArthur noAnnie Cregeen bakhumbula umsebenzi wabo apho kwakungekho mabandla kumazantsi eFransi. Badibana nabazalwana basePoland ababonakalisa inzondelelo enkulu nobubele. UAnnie ukhumbula isihlandlo xa bamemela aba bazalwana kwindawo ababehlala kuyo eLe Grand Hôtel de l’Europe, kwidolophu yaseAlbi. Kamva wabhala wathi: “Eso sakhiwo sisenokuba sasisihle ngemihla kaNapoleon,” kodwa indumasi yaso yaphela. Ehlabela mgama, wathi: “Elo qela lafika emva kwemini ngeCawa, yaye saba nesifundo seMboniselo esimnandi. Sasiziintlanga ezintlanu ezahlukeneyo, ngalunye luphethe iphephancwadi ngolwimi lwalo, yaye olona sasinxibelelana ngalo yayisisiFrentshi esaphukileyo. Sasifunda iziqendu kumaphephancwadi ethu size sicacise ngesiFrentshi sethu esaphukileyo oko siye sakufunda. Sekunjalo, hayi indlela sonke esasonwabe ngayo!”
Okubuhlungu kukuba, amaxesha amnandi ngolo hlobo kwinkonzo yamazwe asemzini akazange ahlale ekho. UJohn Cooke, owayekumazantsi eFransi ngoko, wahlala ixesha elide kangangoko wayenako. Ekugqibeleni ekhwele ibhayisekile wayalelwa ukuba emke apho yaye wafuduselwa eNgilani ngaphambi nje kokuba imikhosi yaseJamani exhobileyo ingene apho. Ukuqhambuka kweMfazwe Yehlabathi II, ngoSeptemba 1, 1939 kwakhokelela kungquzulwano phakathi kweBritani neJamani, olwaba nemiphumo emibi ngeyona ndlela kumaNgqina kaYehova aseBritani nawezinye iindawo.
Njengoko izizwe zazithe bhakada kuloo mfazwe esinye sisilwa nesinye, amaNgqina kaYehova ema eqinile njengamaKristu angathabath’ icala. Ayeqonda kakuhle ukuba ukuthobela uThixo kufanele kube kwindawo yokuqala kubomi bukabani. (IZe. 5:29) Ekubeni ngokunyanisekileyo ayethandazela ukuba uBukumkani bukaThixo bufike yaye ekwazi oko uYesu Kristu wakuthethayo ngeempawu zomlawuli wehlabathi, ayekholelwa ngokuqinileyo ukuba kwakuya kuba yinto ephosakeleyo ngawo ukuba athabathe icala elithile kungquzulwano olwalubangelwa ziiyantlukwano zehlabathi. (Mat. 6:10; Yoh. 14:30; 17:14) Ngokobuqu amaNgqina kaYehova ayethobela oko kuthethwa yiBhayibhile ngokuba ‘angaphindi afunde ukulwa.’ (Isa. 2:2-4) Ekuqaleni, amanye eBritani akhululwa emkhosini njengabantu abangabandakanyeki emfazweni ngenxa yesazela. Noko ke, kamva iijaji namajelo eendaba zathi abantu baba ngamaNgqina ukuze baphephe ukungenelela imikhosi yemfazwe. Ngenxa yoko, amalunga nama-4 300 aphoswa entolongweni. Kweli nani kwakukho noodade abaninzi abangazange bavume ukwenza umsebenzi oxhasa imigudu yemfazwe. Noko ke, emva kwemfazwe amaNgqina abonisa ukuba ayeqhutywa ngumnqweno wokufuna ukwanelisa uThixo nokubhengeza uBukumkani bakhe njengobukuphela kwethemba loluntu. (Ukuze ufumane iinkcukacha ezingakumbi ngomsebenzi wamaNgqina kaYehova eBritani kuloo mihla unokufumana kwi-1973 Yearbook.)
Indibano Yeelwimi Ezimbini ENgilani
Ukutyhubela iminyaka, iindibano bezisoloko zibalasele kubomi babantu bakaYehova. Ngesinye isihlandlo, iintetho ezibalulekileyo zendibano ezazinikelwa ngumongameli weWatch Tower Society zasasazwa ngonomathotholo kwamanye amazwe amaninzi zisuka endibanweni eLondon. Kwakubakho iindwendwe ezivela kumazwe angaphezu kwama-50 zisiza kwiindibano zaseLondon kwiminyaka yee-1950 neyee-1960. Kodwa lonke ucwangciso lwaluqhutywa ngesiNgesi. Oko kwatshintsha ngowe-1971.
Kwenziwa amalungiselelo eNdibano YeSithili ‘Yegama LikaThixo’ eyayiza kuqhutyelwa eTwickenham, eLondon kuloo nyaka. EYurophu amaNgqina ayelungiselela ukuya kwiindibano ezinaloo mxholo. Nangona umsebenzi woBukumkani wawusavaliwe ePortugal, amawaka alapho ayelungiselela ukunqumla eSpeyin aye eToulouse, eFransi. Ayezimisele ngolona hlobo. Kwathi kusenjalo kwafika iindaba ezingokuqhambuka kwekholera eSpeyin. Ngabo bagonyelwe ikholera kuphela ababenokunqumla kwelo lizwe. Noko ke, amayeza okugonya ayenqongophele ukuba onele bonke abasuka ePortugal ababefuna ukuya endibanweni. Xa kwafunyaniswa ukuba kukho ikholera naseToulouse ngokwayo, abasemagunyeni babengavumi nakancinane ukuba kubekho umntu otyelela apho. Babeza kuthini abazalwana basePortugal ngoku? Omnye umzalwana wathi: “Xa kunjalo, zisoloko zikho eLondon.”
UW. J. (Bill) Bull, umveleli wendibano yaseTwickenham, umzalwana owaziwa ngokuzola, ubuhlobo, usakhumbula oko kwenzekayo. “Bamalunga nama-800 ukusa kuma-900 abaya eBritani, abali-112 bafika ngenqwelo-moya yaza inkoliso yafika ngeebhasi. Sasinethutyana nje elingaphantsi kweveki lokulungiselela le nkumbula yabantu. Abazalwana baya eDover ukuya kwamkela iindwendwe ezivela ePortugal zifika ngeenqanawa, inkoliso yazo inofifi nje okanye ingakwazi kwanokuthetha isiNgesi.” Zonke zafunyanelwa iindawo, ngokuyintloko kwimizi yabazalwana baseLondon. Enye yeentente zokutyela ezinkulu yaguqulwa yaba yindawo efanelekileyo yocwangciso lwesiPhuthukezi, yaye amaPhuthukezi akuvuyela ukuba kunye nabazalwana bawo baseBritani ukuze abukele loo midlalo yendibano enjengothi UYehova Uyabasikelela Abathembekileyo kunye nothi Yenze Injongo KaYehova Ibe Yindlela Yakho Yokuphila yaye aphulaphule nezinye iinxalenye zocwangciso. NgoAgasti 13, 1971, iphephandaba lasekuhlaleni, iMiddlesex Chronicle, lanikela ingxelo ethi: “Ukufika kwawo kwenze ukuba le ndibano yamaNgqina ibe yeyokuqala yeelwimi ezimbini kwezakha zaqhutywa kweli lizwe.”
Abazalwana basePortugal banikela iingxelo ezichulumancisayo ngenkqubela yomsebenzi woBukumkani kwilizwe labo, emva kokuba umzalwana owongamela umsebenzi ePortugal enze intetho yokubulela abazalwana baseBritani ngobubele babo kuloo ndibano. Wathi: “Nisiphe okuninzi, ixesha lenu, imizi yenu, ingqalelo, ububele benu nasinyamekela kwesi sixeko sikhulukazi, yaye ngaphezu kwako konke, uthando lwenu. Qinisekiswani bazalwana kukuba, iLondon iya kusoloko isikhumbuza ezona nkumbulo ziyolisayo.” Xa abazalwana basePortugal babebonisa umbulelo wabo ngengoma, phantse babentywizisa bonke kweso sihlwele sasilapho, bonke bechukunyiswe ngeyona ndlela yimbonakaliso yombulelo osuka entliziyweni.
Ukubazisa Kwintsapho KaYehova Ethandekayo
Kwakungeloxesha lendibano kuphela apho kwakufuneka kunikelwe ingqalelo kubantu abangathethi siNgesi. Abemi basemzini babesanda eBritani. Oku kwazisa ucelomngeni ekushunyayelweni kweendaba ezilungileyo. Yintoni eyayinokwenziwa?
Abavakalisi abathetha isiNgesi babezimisele ukunceda abo bavela kwamanye amazwe nabo babethetha ezinye iilwimi. Xa kwakunokwenzeka, amaNgqina ayezimisele ukuhambisela umnini-mzi into yokufunda ngolwimi lwakhe. Kodwa unxibelelwano lwalungumqobo. Noko ke, phakathi kwabo bavela kwamanye amazwe kwakukho nabangamaNgqina kaYehova, yaye oko kwanceda ekufezekiseni loo ntswelo.
Kwiminyaka yee-1960, amaNgqina athetha isiGrike avela eSipro ayexakekile esabelana ngenyaniso namanye aseNgilani athetha isiGrike. AmaNgqina angamaTaliyane ayesabelana ngenyaniso yeBhayibhile nabantu belizwe lawo abafudukele eLondon.
Elinye iNgqina eliselula laseJamani uFranziska lafika eNgilani kwintwasahlobo yowe-1968 lize kusebenza njengesicakakazi, intombazana eyenza umsebenzi wendlu ukuze ifumane indawo yokuhlala nokutya kwanethuba lokufunda ulwimi lwaloo ntsapho. Emva kokuya kwiNdibano YeSithili ‘Yeendaba Ezilungileyo Zazo Zonke Iintlanga’ kuloo nyaka, ngehlombe wabandisa ubulungiseleli bakhe entsimini waza wahambisa incwadi eyayisandul’ ukukhululwa ethi Inyaniso Ekhokelela Kubomi Obungunaphakade kwezinye izicakakazi ezihlala kufutshane. Ngenxa yoko, waqalisa izifundo zeBhayibhile ezine. Esinye kwezi zifundo yayiyintombazana yaseSwitzerland, uFranziska awayefunda nayo ngesiJamani. Xa le ntombazana yaqalisa ukuya kwiintlanganiso zebandla, yazibonela ngokwayo uthando lwabo bendlu kaYehova. (Yoh. 13:35) Kunyaka olandelayo, le ntombazana inomdla yayisele yenze inkqubela entle kangangokuba yayisele yahlulele ubomi bayo kuYehova yaza yabhaptizwa. Kamva yaba nguvulindlela yada yanceda nomama wayo wamkela inyaniso. Kodwa esi yayisisiqalo nje semigudu kaFranziska yokunikela ubungqina kwizicakakazi.
Enehlombe uFranziska usichazela esithi: “Nanini na xa ndikwindlu ngendlu ndize ndidibane nesicakakazi, ndiye ndisichazele ukuba ndandikhe ndasiso nam. Kwangoko kwakuyileka iqhina phakathi kwethu. Into endisoloko ndiyibethelela kukuba, ukufika kwam eNgilani, ndandingazi mntu ngaphandle kodade omnye. Kodwa, ndamkelwa ngezandla ezishushu ebandleni. Ngoko ke ndisoloko ndizama ukubabandakanya nebandla ngokukhawuleza ukuze babone ukuba siyintsapho enye enkulu.”
Ngowe-1974, uFranziska watshata noPhilip Harris, yaye ngoku bakhonza kunye eBheteli eLondon yaye bakwiBandla laseNorthwood. UFranziska ubesoloko etyelela umzi omnye kuloo ntsimi ngaphezu kweminyaka eli-13. Ucacisa athi: “EBheteli kwafika ileta evela kwisicakakazi esingumFrentshi sicela ukutyelelwa liNgqina. Safumana incwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni kumaNgqina aseFransi, yaye sasifuna ukwazi okungakumbi. Nangona wayengasazi kakuhle isiNgesi, ndabona ukuba uNathalie unxanelwe inyaniso. Wenza inkqubela entle yaye ngokukhawuleza waya ezintlanganisweni.” Ngaphambi kokuba abuyele eFransi, uNathalie waba ngumvakalisi woBukumkani, yaye ngoku yena nomyeni wakhe bakhonza njengoovulindlela kwintsimi yama-Arabhu.
Intsapho eyayiqeshe ezi zicakakazi yayisebenza ngendlela ethile. Ngaphambi kokuba sihambe esinye isicakakazi, kwakufika esinye. Kangangeentsuku ezimbalwa, eso besikade sikho sasifundisa eso sitsha imisebenzi eza kwenziwa kulo mzi. Xa uNathalie wayesele eza kuhamba, uFranziska wamcebisa esithi: “Ngaphambi kokuba ubuyele eFransi, xelela esinye isicakakazi ngendlela esiye sakunceda ngayo isifundo seBhayibhile, ukuze ubone enoba sinomdla kusini na.” Isicakakazi esilandelayo yaba nguIsabelle, naye owayesuka eFransi, yaye eneneni wayenomdla. Naye uFranziska wafunda naye. UIsabelle walandelwa nguNathalie wesibini, owathi kungekudala waqalisa ukuya ezintlanganisweni. Xa wabuyela eFransi, naye wabhaptizwa.
Kwafika enye intombazana, uGabriela, ivela ePoland. Wayengazange akhe athethe into ebhadlileyo namaNgqina kaYehova, yaye waxelela uFranziska ukuba wayengawathandi amaJamani ngenxa yokuduma kakubi kwawo ePoland. UFranziska wamcacisela ukuba amaNgqina kaYehova akazange abandakanyeke kwimfazwe. Waqiqa naye wathi: “Ebudeni beMfazwe Yehlabathi II, wawungenakuze ufumane naliphi na iNgqina likaYehova emkhosini. Ngaba ubusazi ukuba sasitshutshiswa? Savalelwa kwiinkampu zoxinaniso kuba sisala ukukhahlela uHitler nokuxhasa ulawulo lwamaNazi.” UGabriela wabonakala emangalisiwe, yaye intiyo yakhe ngamaJamani yathi shwaka ngokukhawuleza. Elandela isifundo esithe rhoqo seBhayibhile noFranziska, uGabriela waba ngumvakalisi ongabhaptizwanga yaye kamva wafuzisela uzahlulelo lwakhe kuYehova kwindibano eyayiseTwickenham. Kangangeminyaka, uFranziska uye waqhuba izifundo zeBhayibhile nezicakakazi ezingama-25 ezivela kumazwe ali-10 ahlukeneyo yaye uye wavuyiswa kukuzazisa kwintsapho kaYehova enothando.
Iintlanganiso Ngolwimi Lwabo
Eneneni, asinguye wonke ubani onokwenza inkqubela ngokukhawuleza enyanisweni xa efunda iBhayibhile ngesiNgesi okanye esiya kwiintlanganiso zolwimi olusenokuba lolwasemzini kuye. Yintoni eyayinokwenziwa?
Xa amaNgqina athetha isiGrike avela eSipro aqala ukufumana abanomdla kubantu belizwe lawo abaseNgilani, eLondon kwenziwa amalungiselelo okuba ezinye iintlanganiso ziqhutywe ngesiGrike. Ngowe-1966 aqalisa ukuba neSifundo Sencwadi Sebandla esithe rhoqo ngolwimi lwawo; kwandula kongezelelwa intetho yesidlangalala eyayinikelwa kube kanye ngenyanga. Ngowe-1967 kwasekwa ibandla lokuqala lesiGrike eLondon, laza elinye iqela lamaGrike laqalisa ukuqhuba iintlanganiso eBirmingham.
AmaTaliyane aqalisa ukuba nentetho yesidlangalala neSifundo seMboniselo kwiHolo YoBukumkani yaseIslington eLondon ngowe-1967. Oku kwalandelwa kukubakho kweentlanganiso zesiTaliyane ezingakumbi kwezinye iindawo. Lo ngumzekelo wendlela okwenzeka ngayo oku: UVera (Vee) Young waqalisa isifundo seBhayibhile nenenekazi eliliTaliyane e-Enfield, kumantla eLondon. Njengoko umdla walo wawukhula, lathi: “Lilishwa into yokuba kungekho nto yenziwa ngesiTaliyane ukuze incede abanye abahlobo bam.” Oku kwashukumisela ukuba umyeni kaVee, uGeoff athethe nomveleli wesiphaluka. Bafumana umzalwana othetha isiGrike owakhe wanguvulindlela eItali. UGeoff uyabalisa: “Ndanikela intetho ngesiNgesi, waza lo mzalwana ungumGrike wayitolika ngesiTaliyane.” Babemalunga nama-30 abantu ababekho, yaye abanye babo benza inkqubela entle yokomoya. Ekuhambeni kwexesha amaNgqina athetha isiTaliyane ayesele ekulungele ukubumba ibandla. Ukususela ngoko, ubuncinane kuye kongezelelwa ibandla elinye lesiTaliyane rhoqo emva kweminyaka emihlanu.
Bekusoloko kukho ulwando kwintsimi yesiGrike. Ngowe-1975, kwenziwa amalungiselelo okuba kuqhutywe indibano. Ngelo xesha uGeoff noVee Young babengoovulindlela abasele beyigabhule kuhle iminyaka engama-40 ubudala. Abantwana babo ababini babesele bekhulile, yaye bobabini babetshatele “enkosini.” (1 Kor. 7:39) Ekubeni uGeoff noVee babengenabazali balupheleyo babeza kubanyamekela, babekulungele ukwamkela amanye amalungelo enkonzo. UGeoff engalindelanga, wafumana isabelo sokulungiselela indibano yabo bonke abazalwana abathetha isiGrike baseBritani. UGeoff ukhumbula oku: “Ndandingazi nokuba ndiza kufika kunjani na.” Ukufika kwam kwibala lendibano, ndingenamava ndinjalo, kwaba ngathi kuyaliwa!” Mhlawumbi yayiliNgesi elizibambileyo libukele amaGrike anehlombe. Abazalwana abangamaGrike kuphela nje babecaciselana ngeyona ndlela ibhetele yokwenza umsebenzi. Babengaphezu kwama-400 ababekho kuloo ndibano.
Kwavela amaqela ezinye iilwimi. Ngowe-1975 kwaqalisa ibandla leSpanish. Ngowe-1977 kwanikelwa intetho yesidlangalala yokuqala yesiGujarati eLondon. Kwiminyaka emibini kamva, kwaqhutywa indibano encinane ngesiGujarati. Phantse ngelo xesha linye, kwaqhutywa indibano yesiphaluka ngesiPunjabi, eyayinabantu abamalunga nama-250.
“Iqela Elihle Labantu”
Kwiminyaka yokuqala, iindibano ezinkulu zazisoloko ziqhutyelwa eLondon. Ngeminyaka yee-1960, kwakuqhutywa iindibano zonyaka kwizixeko ezahlukahlukeneyo ngobukhulu kulo lonke elo lizwe. Maxa wambi, zazibane nje kuphela; kweminye iminyaka, kwakusetyenziswa iindawo ezincinane, yaye inani leendibano landa laya kutsho kwi-17. Kwakuqeshwa amabala ezemidlalo, iiholo, neendawo zokutyibiliza. Ngowe-1975, kwenziwa umgudu wokuba kuqhutywe indibano kwiCardiff Arms Park, eWales.
Nangona amaNgqina kaYehova ayedume kakuhle phantse kulo lonke elaseBritani, amagosa amabala emidlalo awayengazange akhe abe nezo ndibano zinkulu zamaNgqina ekuqaleni aba mathidala ukuba aqeshise ngeendawo zawo kumaNgqina. Oko koko kwenzekayo kwimeko yeCardiff Arms Park. Kwaqaliswa uthethathethwano neRugby Union Board yaseWales. UMhlekazi uWakefield, ngoko owayengusihlalo weRugby Union Football kulo lonke elaseBritani, ngobubele wabaxelela abazalwana ukuba, ukuba bafumanisa nabuphi na ubunzima kwiingxoxo zabo nelo qumrhu lalihlanganisene eCardiff, bafanele bacele loo malungu alo amtsalele umnxeba. Hayi indlela ababa nombulelo ngayo abazalwana kukufumana uncedo olunjalo! Njengoko iingxoxo zazibilis’ ibunzi, umnxeba owatsalelwa uMhlekazi uWakefield watsho zehl’ izibilini. AmaNgqina kaYehova ayesoloko eqhubela iindibano eTwickenham, eLondon ukususela ngowe-1955, yaye uMhlekazi uWakefield wacacisela loo madlelane akhe aseWales indlela yena nequmrhu lakhe ababekuvuyela ngayo ukusetyenziswa kwendawo yaseTwickenham ngamaNgqina kwihlobo ngalinye. Wawaqinisekisa ukuba afanele athobe izibilini, yaye wongezelela wathi: “AmaNgqina alelona qela lihle labantu!” Ngokukhawuleza kwenziwa isivumelwano, yaye kangangeminyaka emininzi amaNgqina aye asebenzisa iCardiff Arms Park njengendawo yokuqhubela iindibano rhoqo eWales.
IiHolo ZeNdibano Ezizezethu
Ukongezelela kwiindibano zonyaka, siqhuba neendibano ezincinane ebudeni bonyaka. Ngowe-1969 inani labavakalisi boBukumkani eBritani lalingama-55 876, kodwa kwisithuba nje seminyaka emine abo babesabelana nabanye ngeendaba ezilungileyo banda baya kutsho kuma-65 348. Kude kube ngoko, sasiqesha iiholo ukuze siqhube iindibano zethu zesiphaluka, kodwa kwaya kusiba nzima ngakumbi ukufumana iindawo ezifanelekileyo ngamaxabiso asengqiqweni.
Ngeminyaka yee-1970, kwacaca ukuba kufuneka sibe neeholo zendibano ezizezethu. Abazalwana abaneembopheleleko baba neentlanganiso, baza baqalisa ukukhangela iindawo ezifanelekileyo. Kuqala baceba ukuhlaziya izakhiwo ezikhoyo. Ekuqaleni kowe-1975 kwenziwa uthethathethwano lokuthenga iholo yemifanekiso eshukumayo eyayingasasetyenziswa eManchester, kumantla eNgilani. Emva kweenyanga ihlaziywa, iHolo YeNdibano YamaNgqina KaYehova yokuqala yanikezelwa eNgilani ngoAgasti 31. Yalunga kanye ngexesha elifanelekileyo locwangciso olutsha lweendibano zesiphaluka olwaluqalisa ngoSeptemba.
Kwiminyaka emibini ngaphambi koku, kumazantsi empuma elo lizwe, abaveleli beendibano babexubusha ngendlela ababenokufumana ngayo iholo eLondon. UDenis Cave, ilungu lekomiti elalabelwe ukukhangela isakhiwo esifanelekileyo, ukhumbula indlela awothuka ngayo xa abo bazalwana babehlanganisene apho babevumelana ngamxhel’ omnye ukuba kungakhangelwa nje iholo enye kuphela kodwa zibe mbini—enye kumantla oMlambo iThames enye kumazantsi awo—phezu kwazo nje iindleko eziphakamileyo zokuthenga umhlaba kuloo ndawo!
Iholo yemiboniso-bhanyabhanya eyayingasasetyenziswa kwidolophu yaseDorking, kwiikhilomitha ezingama-30 kumazantsi eLondon, yabonakala isenokufumaneka. Kodwa omatheng’ ethengisa bezakhiwo nemihlaba bangenelela baza bathembisa ukusithenga eso sakhiwo ngexabiso eliphakamileyo. UDenis owayetyhafile ekuqaleni, wothuswa kukufumana umnxeba uvela kwigosa eliyintloko ledolophu licela ukuba yena nelinye iNgqina babekho kwintlanganiso ethile. Ukongezelela kwiinzame zokulwa nemigudu yokuthintela ukusetyenziswa kweso sakhiwo njengendawo yonqulo, abasemagunyeni bavumelana ukuba basithenge baze basiqeshisele abazalwana kangangexesha elingenamda isivumelwano ababenokusihlaziya rhoqo emva kweminyaka emithathu.
Loo holo yasetyenziswa kakuhle ngaphezu kweminyaka elishumi, de idolophu yagqiba kwelokuba iyisebenzisele ezinye iinjongo. Endaweni yayo, abazalwana bafumana isiza esiziihektare ezili-11 kumganyana nje ukusuka kwiSikhululo Seenqwelo-moya saseLondon iGatwick. Sasinezakhiwo ezazinokudityaniswa zenze iHolo yeNdibano entle. Ekuhlaleni kwavuka impikiswano ngendlela yokuya kweso sakhiwo sitsha ngeendledlana ezincinane ezazinqumla emaphandleni. Kuyaqondakala ukuba, abahlala kufutshane apho babenqwenela ukukhusela indlela yabo yokuphila ingaphazanyiswa kangangoko kunokwenzeka. Ngaba amaNgqina ayeza kuluhlonela olo lwalathiso aze alandele iindlela nesantya esasimisiwe xa esiya kuloo Holo yeNdibano? Ingxelo yeendaba zentlanganiso yePlanning Committee yasekuhlaleni yathi: “Le komiti yayivakalelwa kukuba, kwiimeko eziqhelekileyo yayingenzeki into yokumisela imiqathango enjalo. Kodwa amaNgqina kaYehova ayahlukile.” Usihlalo wale Komiti wongezelela wathi: “Amanye amaqela amaninzi okanye iintlangano ezithile zithanda ukuthi amalungu azo aya kuthobela ngaloo ndlela. Kodwa le intlangano yindlela eqhuba ngayo.” Le Holo yeNdibano intsha yaseSurrey eHays Bridge yavulwa ngendibano yesiphaluka eyayingomhla kaMeyi 17, 18, 1986, kanye kunyaka nje omnye emva kokufunyanwa kweso siza.
Ngexesha elinye nomsebenzi owawusenziwa kwiHolo yeNdibano yaseDorking ngowe-1975, amaNgqina akumntla London ayehlaziya isakhiwo esasisakuba yiRitz Cinema eNew Southgate. Esi sakhiwo semiboniso-bhanyabhanya seminyaka yee-1930 savalwa kwintwasa-hlobo yowe-1974. Kangangexeshana, sasiyindlu yesikhungo. Ngokutsho kukaRoger Dixon, umzobi wezakhiwo, ukufunyanwa kwesi sakhiwo ngamaNgqina, “sasikwimeko emaxongo.” Ukhumbula oku: “Sona ngokwaso sasikhangeleka sisihle kodwa sivuza. Ukuze kufihlwe loo monakalo, eholweni ngaphakathi kwakupeyintwe mnyama!” Umsebenzi wokusihlaziya wawunzima gqitha ekuqaleni. Sekunjalo, amatsha-ntliziyo amalunga nama-2 000 anobuchule nangenabo awugqiba loo msebenzi kwiinyanga nje ezine ezinesiqingatha.
Kusenzeka nje oku, umsebenzi uyaqhubeka kwiHolo yeNdibano eseWest Midlands. Ngowe-1974 abazalwana bathenga indawo eyayisakuba yeyemifanekiso eshukumayo eDudley. Ukuhlaziya esi isakhiwo kwathabatha ithutyana, kodwa ngoSeptemba 1976 naso sasisele silungele ukusetyenziswa.
Ukwakha IiHolo ZeNdibano Ezintsha
Ulwando lwabavakalisi boBukumkani lwaqhubeka, lususela kuma-71 944 ngowe-1974 lwaya kutsho kuma-92 616 ngowe-1984. Abaninzi babehlala kwiidolophu ezihambele phambili ngorhwebo kumantla eNgilani. Kwenziwa amalungiselelo okwakha iholo eSouth Yorkshire.
Kwaqaliswa ukwakhiwa ngoSeptemba 1985 kuloo ndawo sele isaziwa ngokuba yiHolo YeNdibano yaseEast Pennine. Sisakhiwo esenziwe ngophahla lwentsimbi esihlala abantu abali-1 642, neHolo yoBukumkani enezihlalo ezingama-350 yebandla lasekuhlaleni. Esi sakhiwo saba nophahla oluziimitha ezingama-42, lubangela ukuba sibe sesona sinomtsalane. Iphephandaba iThe Structural Engineer lasibiza esi sakhiwo siyilwe ngale ndlela ngokuthi yi-“octagonal solution.” IBhunga Ledolophu YaseRotherham layiwonga le Holo YeNdibano njengesona sakhiwo siyilwe ngendlela esemagqabini.
UNoble Bower, ilungu lekomiti yemisebenzi, lasebenza kwesi sakhiwo ukususela ekuqaleni yaye kamva laba ngumveleli wokuqala wale holo. Uburharha bakhe obuhambisana nobungqongqo kwabakhuthaza abazalwana noodade abangaphezu kwe-12 500 ababencedisa ebudeni bezo nyanga zili-14 zokwakha. Ukuze baqhubeke besebenza kwezo ngqimba zenkungu ziqhaqhazelisa amazinyo, amaqondo obushushu angaphantsi kwelokukhenkcisa nekhephu, abazalwana benza isikafula esijikeleze loo ndawo ukuze sibambe iplastiki eyayikhuse apho. Umoya oshushu ophuma kwizifudumezi zaloo mashishini wawukhongozelwa yile plastiki. Akukho nto eyawuthintelayo lo msebenzi ubalulekileyo. Abazalwana ababevela kwiindawo ezikude babesiza ukuze bakhuthaze loo matsha-ntliziyo.
Eyona mini ingalibalekiyo kuNoble nomfazi wakhe, uLouie kuxa kwakunikezelwa loo Holo yeNdibano kuYehova, ngoNovemba 15, 1986, xa babetyelelwe nguTheodore Jaracz, ilungu leQumrhu Elilawulayo.
Ekubeni kwakukho iiHolo zeNdibano kumantla eNgilani, eMidlands nasemzantsi-mpuma, yintoni eyayinokwenziwa ukuze babe nendawo abazalwana abakwintshona yeNgilani naseWales? Ngo-Oktobha 1987 kwafunyanwa isiqwengana somhlaba esifanelekileyo eAlmondsbury, kumantla esixeko saseBristol. Kodwa imvume yokwakha kweso siza ayizange ifumaneke lula. Kwafuneka imigudu ephindaphindiweyo de ekugqibeleni yafumaneka ngoFebruwari 1993.
Umsebenzi wokwakha waqhubela phambili ngefuthe elikhulu. Hayi indlela ekwaba luvuyo ngayo xa ngoAgasti 5, 1995, kwafika ixesha lokuba kunikezelwe iHolo yeNdibano yesithandathu eNgilani! UJohn Barr weQumrhu Elilawulayo wanikela intetho enomxholo othi “Ukuzalisa Umhlaba Ngolwazi LukaYehova.” Bonke ababekho bawaxabisa gqitha amazwi akhe akhumbuzayo obubele athi: “Ningaze nilibale ukuba intsimi yenu iyinxalenye nje encinane yesitulo seenyawo zikaYehova. Unomdla kwinxalenye yomhlaba wenu njengayo nayiphi na enye, ngoko ke yibani nombono womsebenzi omkhulu woBukumkani owenziwa ehlabathini lonke.”
Kwiveki elandela leyo uMzalwan’ uBarr wanikela intetho yokunikezelwa kwesakhiwo esineeHolo zoBukumkani ezininzi e-Edgware, kumntla London. Apho abazalwana babakhe isakhiwo esihle esineeHolo zoBukumkani ezintathu ezahlulwe ngeendonga ezinokuvulwa genge ize yonke loo ndawo ibe yiHolo yeNdibano enokusetyenziswa ngamabandla eelwimi zasemzini. Ngelo xesha intsabelo kwintsimi yeelwimi zasemzini yayinendima ebonakalayo ekushunyayelweni koBukumkani eBritani.
“Babesoloko Befuna Ukwenza Okungakumbi”
Kwamanye amaNgqina, ukwabelana ngeendaba ezilungileyo nabanye, kuye kwaquka ukukhangela iindlela zokwandisa ubulungiseleli bawo. Sibaqhwabel’ izandla abazalwana noodade abaninzi baseBritani, abaye bathabatha amanyathelo okuya kukhonza apho kukho intswelo khona. Njengoko kwakunjalo ngoovulindlela abaninzi abanenzondelelo ngeminyaka yee-1920 neyee-1930, oku kwakusoloko kuthetha ukufudukela kwamanye amazwe. Ukufudukela kwezinye iindawo kuye kwanceda aba bazalwana noodade bavelisa isiqhamo soBukumkani kwelo khaya labo litsha yaye kwangaxeshanye bakhuthaza abazalwana bezo ndawo. Kwiminyaka yee-1970 neyee-1980, iintsapho ezivela eBritani zafudukela kuMbindi nakuMzantsi Merika, eAfrika naseAsia.
Eneminyaka engama-57 ubudala, uVera Bull, owayeneentombi ezazisele zikhulile zaza zatshata, wathengisa umzi wakhe okwi-Isle of Wight waya eKholombiya neqela loovulindlela abaselula ababevela kwiBandla lase-Ealing eLondon. Wafunda iSpanish ngokukhawuleza yaye kungekudala wayeqhuba izifundo zeBhayibhile ezili-18. Emva kweminyaka emalunga nama-30, usakhonza apho, engqongwe yinkumbula yabantwana bokomoya.
UTom noAnn Cooke, kunye neentombi zabo, uSara noRachel, babesele bekhonze eUganda kangangeminyaka eliqela xa iimeko zalapho zanyanzela ukuba babuyele eNgilani ngowe-1974. Kunyaka olandelayo baphinda beva endleleni—ngesi isihlandlo besingise ePapua New Guinea. Apho uSara watshata novulindlela okhethekileyo. Kamva le ntsapho yathunyelwa eOstreliya, apho uRachel watshata nelinye iNgqina. Ngowe-1991, uTom noAnn bafumana isabelo esitsha kwiiSolomon Islands, apho uTom akhonza njengomlungelelanisi weKomiti yeSebe.
Abanye baye bafudukela kwamanye amazwe kangangexesha elifutshane. Sekunjalo, nawaphi na amava abaye bawafumana kubomi baphesheya kweelwandle aye angqineka eluncedo kubo. UBarry noJeanette Rushby ngababini kwabo.
UBarry wathi: “Kususela oko ndaba senyanisweni, bendisoloko ndifuna ukwenza okungakumbi.” Xa watshata noJeanette, udade onguvulindlela, bobabini basabela kwisicelo esenziwa kwiNkonzo Yethu YoBukumkani sokuba abazalwana baye kukhonza ePapua New Guinea. Bobabini bayavuma besithi: “Oko kwaba yimpendulo kwimithandazo yethu.” Abazalwana kwisebe lasePort Moresby babefuna ukuba baye kukhonza eGoroka, ekumbindi welo lizwe, kodwa iphepha-mvume likaBarry lalimvumela ukuba asebenze kuphela kwisiqithi saseBougainville. Hayi indlela abavuya ngayo ekufikeni kwabo ePapua New Guinea, xa bafumanisa ukuba abasemagunyeni baliguqule elo phepha-mvume likaBarry bamnika isabelo sokuya kusebenza eGoroka!
UBarry wangena esikhundleni sakhe njengomfundisi-ntsapho, yaye uJeanette waba nguvulindlela kwibandla elalinabavakalisi abali-18. UBarry ukhumbula oku: “Enye yezinto endazifundayo, kukuba xa ilixesha lokuya kwiintlanganiso zebandla, kwakungekho nto yayisima endleleni yabazalwana, nkqu nemozulu emaxongo yexesha leemvula. Babengenazo izithuthi, yaye babesoloko behamba iyure enye okanye ezimbini xa besiya ezintlanganisweni, befika kwiHolo yoBukumkani bemanzi tixi! Kodwa babesoloko besiya.”
Emva kokuba uBarry noJeanette bechithe iminyaka emithandathu bekhonza ngokonwaba ePapua New Guinea, izinto zaguquka ngakubemi basemzini. UBarry wagqiba kwelokuba kwakuya kuba bubulumko ngabo ukubuyela eBritani. Noko ke, ngenxa yokufumana kwabo amava kwamanye amazwe, ngoku babezimisele ukuba bobabini babe kwinkonzo yexesha elizeleyo. Kodwa phi? Babefuna ukukhonza apho kukho intswelo ekhethekileyo. Emva kokuxubusha noMbutho nomveleli wesiphaluka sabo, bafudukela eBoston eLincolnshire. Bayifumana ngokukhawuleza indawo yokuhlala, kodwa uBarry wayengawufumani umsebenzi wesingxungxo owawuya kumvumela ukuba abe nguvulindlela kunye noJeanette. Noko ke, benokholo kwisithembiso sikaYehova sokuba wayeya kubanceda ukuba babeka uBukumkani kuqala, bagqiba ekubeni baqalise ubuvulindlela ngoSeptemba 1—enoba uBarry wayewufumene umsebenzi okanye akunjalo! NgoSeptemba 1, babegaxele iidyasi zabo sele beza kuphuma baye kwinkonzo yasentsimini xa kwakhala imfonomfono. Yayiligosa lasePosini elambuza oku: “Ngaba ungawuthanda umsebenzi wesingxungxo?” UBarry waphendula: “Ndingawuvuyela gqitha! Ungathanda ukuba ndiqalise nini?” Le ndoda yaphendula: “Kunganjani ngomso?” UYehova wayisikelela imigudu yabo yokubeka inkonzo yakhe kuqala. (Mat. 6:33) Kwiminyaka emine kamva, uBarry noJeanette bafumana olunye ubizo ababengalulindelanga—isabelo sokuya kunyamekela iHolo yeNdibano yase-East Pennine.
Ukuzinikela Kwabo Ngokuvumayo
Abantu bakaYehova basoloko benomoya ovumayo wokukhonza. UKumkani uDavide kaSirayeli wamandulo wavuma kuYehova ingoma esithi: “Abantu bakho baya kuzinikela ngokuvumayo ngemini yomkhosi wakho wamajoni. . . . Uneqela lakho labantu abaselula kanye njengamathontsi ombethe.” (INdu. 110:3) Loo moya uvumayo uboniswa ngabaninzi baseBritani abaye bazenza bafumaneka ukuze babe nesabelo ngokuzeleyo ekuhambiseleni phambili izilangazelelo zonqulo lokwenyaniso.
Bonke abo bazinikelayo kwinkonzo yexesha elizeleyo, abaselula nabadala, bakhuthazwa sisaziso esenziwa kwiiNdibano ZeSithili ‘Zabasebenzi Abavuyayo’ zowe-1977. Kwiindawo ezisixhenxe zendibano kulo lonke elaseNgilani, eSkotlani naseWales, abantu ababeli-110 000 batsho ngentswahla ngenxa yovuyo xa isithethi sasivakalisa amalungiselelo eSikolo Senkonzo Yobuvulindlela, esinikela isifundo seBhayibhile seeveki ezimbini neendlela zokusebenzisa amathuba kubulungiseleli basentsimini. Sinikela uqeqesho olungakumbi kwabo sele ubuncinane begqibe unyaka bekwinkonzo yobuvulindlela. Emva kokufumana olu qeqesho, abanye kwaba vulindlela bayakwazi ukunikela uncedo ekuvuleni indlela kwimimandla apho kuye kwanikelwa ubungqina obuncinane okanye bungakhange bunikelwe khona.
Esi sikolo saqaliswa eBritani ngoMatshi 1978 kumantla esixeko saseLeeds. UAnn Hardy, omnye woovulindlela beklasi yokuqala, ukhumbula indlela esasimnandi ngayo eso sihlandlo. Ukhumbula oku: “Sakhiwa ngeyona ndlela ngokomoya. Ngokuqinisekileyo esi sikolo sasinceda sabona imfuneko yokuba nomdla wokwenene kubantu esidibana nabo kubulungiseleli bethu basentsimini.” Yena nomyeni wakhe, ngoku ukhonza njengelungu lentsapho yaseBheteli. UAndrea Biggs, umama onabantwana abane owaya kwesi sikolo ePontypridd, eWales udanduluka athi: “Ukuba oku kukungcamla kusengaphambili izinto ezizayo, oko kuthetha ukuba uYehova unezinto ezimyoli ngokwenene asigcinele zona, yaye ngoku ndikhangele phambili kuloo nkqubo intsha ngamandla kunanini na ngaphambili!” Namhlanje zimalunga nama-740 iiklasi eziye zaqhutywa apho, yaye oovulindlela abangama-20 000 abaye baya apho bayavumelana nale mbono. Emva kokuya kwesi sikolo, abaninzi bazimisela ukuyenza usukelo lwabo inkonzo yobuvulindlela.
Emva kokufumana amava kwinkonzo yobuvulindlela, bangamakhulu abaye bazinikela ngokuzithandela ukuya kukhonza kwisebe laseBritani njengamalungu entsapho yaseBheteli. Bangama-393 abakhoyo ngoku kule ntsapho yaseBheteli, yaye abangama-38 kubo baye bakhonza eBheteli kangangeminyaka engama-20 okanye ngaphezulu.
Phakathi kwabo bakhonza eBheteli nguChristopher Hill. Kwakutheni ukuze afake isicelo sokuqalisa kule nkonzo? Uyaphendula: “Ndaqalisa ukuba nguvulindlela ngowe-1989. Kodwa ndandifuna ukungqina kuYehova nakum ukuba ndangenelela inkonzo yexesha elizeleyo kuba ndimthanda kungekhona nje kuba umama notata babengoovulindlela. Ndandifuna ukuba inyaniso ibe bubomi bam bonke, kungekhona nje inxalenye yabo. Ngoxa ilucelomngeni, ndandisazi ukuba inkonzo yaseBheteli, iya kundinceda ndenjenjalo.”
UGeraint Watkin naye ulilungu lentsapho yaseBheteli. Ebutsheni beminyaka yee-1980, akazange alamkele ithuba lokufumana imfundo yaseyunivesithi ngenxa yokuthanda inkonzo yobuvulindlela. Wayezixhasa ngomsebenzi wesingxungxo kwifama kayise. Wayewunandipha umsebenzi wobuvulindlela yaye enethemba lokuba ngenye imini wayesenokuba ngumvangeli wasemazweni. Ngoko ke kwakutheni ukuze enze isicelo senkonzo yaseBheteli? Wachukunyiswa ngokunzulu linqaku leMboniselo yowe-1989. Kuyo wafunda ibali lobomi bukaMax Larson, ilungu lentsapho yaseBheteli eUnited States. UMzalwan’ uLarson wathi: “Ndikholelwa ngokuqinileyo ukuba iBheteli iyeyona ndawo ilungileyo apha emhlabeni ngoxa ingekafiki iParadesi ezayo.” UGeraint waphawula ukuba, emva kokwenza isicelo senkonzo yaseBheteli, uMzalwan’ uLarson wayekela imicimbi kuYehova ngomthandazo. Ngokukhawuleza uGeraint walandela loo mzekelo. Malunga neentsuku ezilishumi kamva, wafumana umnxeba ummemela ukuba lilungu lentsapho yaseBheteli eBritani. Kwinkonzo yaseBheteli, usebenzisa loo mava wawazuza kwifama kayise ukuze anyamekele loo fama ivelisa ukutya kwentsapho yaseBheteli eLondon. Ngaxa lithile ukulima kuye kwakuthetha nje ukuzixhasa kumsebenzi wobuvulindlela. Ukulima akwenzayo ngoku ukugqala “njengesabelo saseBheteli esivela kuYehova.”
Umsebenzi wokwakha izakhiwo zobuthixo uye watsala amanye amaNgqina amaninzi. Ngoxa uDenise (Teddy) McNeil wayenguvulindlela, umyeni wakhe, uGary, wayekumsebenzi wengqesho ukuze axhase indlu yakhe. Kwandula ke ngowe-1987 bobabini bancedisa njengamatsha-ntliziyo ekwakhiweni kweBheteli yaseLondon. Nangona babengamenywanga ngelo xesha, ngowe-1989 bamenywa baba ngamalungu entsapho yaseBheteli. Ekubeni ezindlebeni zabo kwakusankenteza isiluleko somveleli wesiphaluka esithi: “Ungaze usisingele phantsi isabelo esivela kuYehova,” basamkela eso simemo. Ubugcisa be-elektroniki anabo uGary nolwazi lukaTeddy njengomongikazi wamazinyo luye lwaluncedo gqitha apho. Banesabelo nakwintsimi enomdla okhulayo yabo bathetha ulwimi lwasePoland nesiBengali eLondon.
UWillie noBetty Stewart, kwakunye nabanye, bancedisa ekwakheni njengamatsha-ntliziyo ezizwe ngezizwe. UWillie, osebenza ngemibhobho yamanzi abandayo neyobushushu, wathabatha umhlala-phantsi ngaphambi kwexesha eseneminyaka engama-55 ubudala. Bandula ke aba bakwaStewart bancedisa kumsebenzi wokwakha eGrisi, yaye kamva eSpeyin, eZimbabwe naseMalta. UBetty wayencedisa ekunyamekeleni amagumbi okuhlala, ukuhlanjwa kwempahla kwanakumsebenzi wemibhobho yamanzi. Babezibhokoxa, yaye baziva bevuzwe gqitha ngokomoya. UWillie uthi: “Siye sazenzela abahlobo kulo lonke ihlabathi, abadala nabaselula.”
Uqeqesho Olukhethekileyo Kubazalwana Abafanelekayo
Omnye umnyango ovulela kumathuba enkonzo angakumbi wavulwa ngowe-1990 ngokusekwa kweSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli eBritani. Eli yaba lithuba elibhekele phaya labazalwana abangatshatanga ababekhonza njengabadala okanye izicaka zolungiselelo ukuze bafundiswe ngokukhethekileyo, benembono yokukhonza naphi na apho basenokufuneka khona kwintsimi yomhlaba wonke. Ezo zifundo zeeveki ezisibhozo kwesi sikolo zilungelelanisa ngokufanelekileyo imiyalelo yeemfundiso zeBhayibhile nemibandela yentlangano. Iklasi yokuqala eBritani yaqhutyelwa kwiHolo yeNdibano yase-East Pennine. Abaveleli besithili ababini baseUnited States, uJames Hinderer noRandall Davis, babengabalathisi apho. Abaveleli besiphaluka abathathu baseBritani—uPeter Nicholls, uRay Pople noMichael Spurr—nabo babekuloo klasi, ukuze bafumane uqeqesho ngendlela ababeza kufundisa ngayo kwiiklasi ezizayo. Xa wayethetha kuloo klasi iphumeleleyo ngoJuni 17, 1990, uAlbert D. Schroeder weQumrhu Elilawulayo, wathi kwabo bafundi babefumene isabelo sokukhonza eBritani: “Nina matyendyana amahle kufuneka nihambisele phambili umsebenzi apha. Oku kuya kuyivuselela kanobom intsimi yaseBritani.”
Phakathi kwabo babephumelele kwiSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli kwakukho noBharat Ram, owayephuma kwintsapho yamaHindu. Ngoku utshatile yaye ukhonza nomfazi wakhe kumntla-mpuma weNgilani, apho kukho abantu abaninzi abathetha isiGujarati abafanele babancede. UJohn Williams, waseWales wothuswa kukufumana isabelo sokuya kusebenza kwisebe laseZambia, apho babufuneka khona ubuchule bakhe, yaye kamva wabelwa kwinkonzo yobuvangeli basemazweni eKitwe, eZambia.
UGordon Sarkodie, owazalelwa eGhana, wafudukela eNgilani nentsapho yakowabo xa wayeneminyaka eli-12 ubudala. Umdla wakhe kwinyaniso yeBhayibhile wavuselelwa liNgqina elalidla ngokuphathela uyise IMboniselo noVukani! ngoxa yena wayesekwishumi elivisayo. Eso sifundo seBhayibhile sakhokelela ekubhaptizweni kwakhe ngowe-1985. Xa wayenguvulindlela ongumncedani, wayeqhuba izifundo zeBhayibhile ezininzi kangangokuba abahlobo bakhe abangoovulindlela bamcebisa ukuba abhalise njengovulindlela othe ngxi. Xa waya kwiSikolo Senkonzo Yobuvulindlela ekugqibeni kwakhe unyaka wokuqala ekwinkonzo yexesha elizeleyo, umveleli wesiphaluka wamkhuthaza ukuba afake isicelo sokuya kwiSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli. Enomnqweno wokuba akwazi ukunceda abaselula abasebandleni, uGordon wenjenjalo. Waya kwiklasi yesixhenxe yeso sikolo eBritani. Emva kokuba ephumelele, wakhonza eLondon kangangeminyaka emibini. Wandula ke wafumana isabelo sokuba ngumvangeli wasemazweni eZambia. Wayezimisele ukuzenza afumaneke kuwo nawuphi na umsebenzi uYehova amalathisa wona, ngoko ke uqeqesho lukaGordon lwaba nenkqubela eyakhokelela kumalungelo angakumbi. Emva kweeveki ezili-12 efundiswa isiCibemba, olunye lweelwimi zalapho, uGordon wamiselwa njengomveleli wesiphaluka kwiPhondo leCopperbelt. Uye wafumana nelungelo lokuqeqeshela abanye umsebenzi wesiphaluka.
Inzalelwane yaseBritani uRichard Frudd wakhuliswa ngabazali abangamaNgqina. Akuba ebahlulele kuYehova ubomi bakhe, wavakalelwa kukuba akafanele ankonye oko kuzahlulela asonge izandla. Wazenza wafumaneka. Ngowe-1982 wabhalisa njengovulindlela. Wafaka isicelo sokuya kwiSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli waza waphumelela ngowe-1990. Naye wathunyelwa eZambia. Emva kokuba efunde isiCibemba, wafumana namava athile kwisabelo sakhe esitsha, wamiselwa njengomveleli wesiphaluka, yaye uye wakhonza njengomhlohli kwiSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli esiqhutywa kwiSebe laseZambia.
Namhlanje, bangama-433 abafundi abaye baphumelela kwiiklasi ezili-19 zeSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli eBritani. Kweli nani, abangama-79 ngoku bakhonza kumazwe aphesheya kweelwandle, aba-4 bakhonza njengabaveleli besiphaluka, abali-12 eBheteli, yaye abangama-308 babelana nabanye ngeengenelo zoqeqesho lwabo ngokukhonza njengoovulindlela eBritani.
Ukufudukela Kumasimi Obuvangeli Basemazweni
Phakathi koovulindlela baseBritani, amakhulu aye azinikela ukuze akhonze naphi na apho afuneka khona kwintsimi yehlabathi. Abaninzi kubo baye baqeqeshwa kwiSikolo SeBhayibhile SeWatchtower SaseGiliyadi, eNew York. Bebonke bangama-524 abaseBritani abaye baphumelela eGiliyadi. Baye bakhonza kumazwe angama-64 kuzo zonke iinxalenye zomhlaba.
Abanye oovulindlela baseBritani babesele bekwinkonzo yamazwe asemzini ngaphambi kokuba bamenyelwe eGiliyadi. Kwenzeka oko kuJohn noEric Cooke, ababekhonze eFransi naseSpeyin. Emva kokuba beye eGiliyadi, uEric wathunyelwa eAfrika yena uJohn kuqala wakhonza eSpeyin nasePortugal, wandula ke waya eAfrika. Kwenzeka oko nakuRobert noGeorge Nisbet, ababesele bekhonze eMzantsi Afrika kangangeminyaka eli-15 okanye ngaphezulu ngaphambi kokuba baye eGiliyadi yaye emva koko baya kukhonza eMauritius baze kamva babuyela kwilizwekazi laseAfrika. UClaude Goodman wayesele ekhonze kangangeminyaka engama-20 eIndiya, eCeylon (ngoku eyiSri Lanka), eBurma (ngoku eyiMyanmar), eThailand naseMalaya (ngoku equkwe eMalaysia) ngaphambi kokuba aye eGiliyadi; emva koko wathunyelwa ePakistan. UEdwin Skinner wayenguvulindlela eIndiya kangangeminyaka engama-20 ngaphambi kokuba aye eGiliyadi waza emva koko waqhubeka ekhonza eIndiya kangangeminye iminyaka engama-43 de wagqiba ikhondo lakhe lobomi basemhlabeni ngowe-1990.
Abanye bayingcamla kwangaphambili inkonzo yasemazweni ngokuba ngamatsha-ntliziyo kwimisebenzi yokwakha yamazwe ngamazwe. Kwenzeka oko kuRichard noLusia Palmer, ababesele bekhonze izihlandlo ezahlukahlukeneyo eGrisi, eTahiti, eSpeyin naseSri Lanka phakathi kowe-1989 nowe-1994 baza emva koko bahlala eSri Lanka bangoovulindlela ngaphezu kweminyaka emithathu de bamenyelwa eGiliyadi.
Abo bafake izicelo zokuya eGiliyadi baye bakhuthazwa kukubona inkonzo yobuvangeli basemazweni njengomsebenzi wabo ubomi babo bonke. Inkoliso yabo iye yazithabatha inaloo mbono izabelo zayo, yaye abanye baye bamisela umzekelo omhle kule nkalo. Ubuncinane bangama-45 abaphuma eBritani nabasekwizabelo zabo zobuvangeli basemazweni ababelapho kangangeminyaka engama-20 okanye ngaphezulu. Abasithoba kwaba bakuMbindi nakuMzantsi Merika, abali-11 bakumazwe aseAsia, abanye abali-11 baseAfrika, aba-4 baseYurophu yaye abali-10 abangakumbi bakwiziqithi ezahlukahlukeneyo.
Phakathi kwabavangeli basemazweni abakhonze ixesha elide kukho noAnthony Attwood, owakhonza eNigeria kangangeminyaka engama-49. Ngowe-1997 wathunyelwa kwiBheteli yaseLondon ngenxa yemiqathango ethile kubemi basemzini, kodwa intliziyo yakhe iseseNigeria. Uthi: “Ukukhonza eNigeria kwakulilungelo elingathethekiyo. Leyo yayiyiminyaka endayisebenzisa kakuhle. Ndikhuthaza bonke abantu abaselula abaye basikelelwa ngenyaniso ukuba baxhakamfule onke amalungelo abekwe phambi kwabo. UYehova akasokuze akudanise. Oko ndikwazi ngokusuka kumava obuqu.” UOlive Springate, wathunyelwa eBrazil ngowe-1951 njengomvangeli wasemazweni, waza walandelwa ngudade wabo uSonia ngowe-1959. UDenton Hopkinson noRaymond Leach bafika ePhilippines njengabavangeli basemazweni ebutsheni beminyaka yee-1950, yaye isaqhubeka ilikhaya labo. UMalcolm Vigo, owaqalisa inkonzo yakhe yobuvangeli basemazweni eMalawi waza wahlala apho iminyaka elishumi de wagxothwa kwelo lizwe, ngoku ukhonza eNigeria nomfazi wakhe. Baninzi abangakumbi abanokukhankanywa, yaye ngamnye kubo uye wafumana iintsikelelo ezivela kuYehova ebomini.
Abanye abangenela inkonzo yobuvangeli basemazweni kuye kwafuneka bajamelane neengxaki ezinzulu ukuze baqhubeke nayo. Emva kweminyaka eliqela bekwinkonzo yobuvangeli basemazweni eBrazil, uEric noChris Britten kwanyanzeleka ukuba babuyele eNgilani kangangexesha elithile ngenxa yokugula. Kamva kwakuloo nyaka, bamkela isabelo sokuya ePortugal, apho umsebenzi wawuvaliwe khona. Xa bagxothwayo ePortugal emva kweminyaka esixhenxe ngenxa yomsebenzi wabo wemfundo yeBhayibhile, baqhubeka nenkonzo yexesha elizeleyo eNgilani. Kodwa ngoko babhalela uMbutho, befuna ukuqonda enoba babenokufumana elinye ithuba lokuba ngabavangeli basemazweni kusini na. Kungekudala babuyiselwa eBrazil, apho baxakeke ngumsebenzi wobuvangeli nomsebenzi wesiphaluka. Bakhonza kunye ngokuthembeka eBrazil de uEric wafa ngoAgasti 1999; yena uChris usaqhubeka ekhonza apho.
Ngenxa yembopheleleko yeZibhalo kumalungu entsapho, nasemva kweminyaka ethile ubani kusenokufuneka enze uhlengahlengiso kumsebenzi wakhe. Kwenzeka oko kuMike noBarbara Pottage, abakhonza eZaire kangangeminyaka engama-26 baza babuyela eNgilani ngowe-1991 ukuze bancede umzali wabo okhulileyo owayephila kwiimeko ezidandathekisayo. Kodwa iintliziyo zabo zazikwinkonzo yexesha elizeleyo, yaye bakwazi ukukhonza njengoovulindlela abakhethekileyo ngoxa benyamekela iimbopheleleko zentsapho. Ngowe-1996 bakwazi ukubuyela kwintsimi yobuvangeli basemazweni kangangeminyaka emithathu engakumbi kwelo ngoku liyiDemocratic Republic of Congo, yaye ngoku bangamalungu entsapho yaseBheteli eBritani. Ukususela ekuqaliseni kwabo kwinkonzo yaseZaire, baye babona inani labavakalisi boBukumkani bukaThixo kuloo nxalenye yelizwe likhula ukususela kwabangama-4 243 ukuya kutsho ngaphezu kwabali-108 000. Kubo kusathe tha ixesha, malunga nonyaka nje befikile apho, xa amaNgqina kaYehova amkelwa ngokusemthethweni kwelo lizwe. Yaye indibano yokuqala kunyaka olandelayo, eyaqhutyelwa eKinshasa, nangona kwakukho abangama-3 817 nje kuphela iseyimbalasane kubo. Hayi indlela ekwakuvuyisa ngayo xa ngowe-1998, phezu kwazo nje iimeko zelo lizwe ezingazinzanga, baba ngama-534 000 abangenelwayo kwimfundiso yobuthixo behlanganisene ukuze babhiyozele iSidlo seNkosi Sangokuhlwa!
Ukulungiselela IiHolo ZoBukumkani Ezifanelekileyo
Njengoko inani lamabandla aseBritani laliqhubeka lisanda, ukulungiselela iiHolo zoBukumkani ezifanelekileyo kuye kwalucelomngeni oluqhubekayo. Wambi amabandla ayengenela iintlanganiso kwiiholo eziqeshiweyo nakwezinye iindawo, ezazingafanelekanga zonke ukuba kungahlanganisana kuzo amaqela amaKristu ukuze anqule uThixo wethu omkhulu, uYehova. Iindawo ezifanelekileyo zokungenela iintlanganiso zazifuneka ngokungxamisekileyo.
Ukufumana indawo eza kusetyenziswa njengeHolo yoBukumkani bekusoloko kungeyondlwan’ iyanetha. Maxa wambi inkcaso ibiba qatha, ngokukodwa apho kukho intiyo yonqulo. Sekunjalo, ukuthembela kuYehova nokuzingisa kwabazalwana abanembopheleleko kuye kwabangela impumelelo enkulu eye yabamangalisa abachasi.
Ebutsheni beminyaka yee-1970, elinye lamabandla aseSwansea, eWales, lafuna ukuthenga indlu yenkonzo engasetyenziswayo ukuze liyenze iHolo yoBukumkani. Umdikoni waloo cawa wathi uxolel’ ukufa kunokuba ayibone ithengiselwa amaNgqina. Ngenxa yoko, yathengiselwa iPosi ukuze iyisebenzise njengeziko lemfonomfono lokwexeshana. Noko ke, ngowe-1980, xa iPosi yayingasasifuni eso sakhiwo, yasifaka kwifandesi. Omnye wabadala bebandla weva ngoku waza waxubusha nabanye abadala ngemali ababenokunikela ngayo. Umcandi wemihlaba waqikelela ukuba eso sakhiwo nomhlaba waso sasinokuxabisa ii-£20 000 (R198 000). Hayi indlela abavuya ngayo abazalwana xa basifumana ngee-£15 000 (R149 000)! Emva kokuhlaziywa kakuhle, eso sakhiwo sanikezelwa kuYehova.
Xa ulwando kwibandla ledolophu ekumzantsi-ntshona wolwandle lwase-Exmouth lwabangela ukuba kubunjwe elinye ibandla, abazalwana bagqiba ekubeni bafumane indawo entsha ukuze kwakhiwe iiHolo yoBukumkani enkulu. Bafumanisa ukuba ibhunga leso sithili lalisele linesiza esilungiselelwe ukusetyenziselwa unqulo. AmaNgqina athetha nalo ngokusithenga. Ibhunga ledolophu lenza isivumelwano esingaqhelekanga sokuba isivumelwano sokuthengisa loo mhlaba asinakugqitywa de eso sakhiwo sibe sigqityiwe. Sagqitywa ukwakhiwa ngowe-1997. Okuvuyisayo kukuba, elo bhunga lasigcina isivumelwano salo. Amabandla asebenzisa loo holo akubona oko njengobungqina bentsikelelo kaYehova kwimigudu yawo yokuhambisela phambili ulwando lonqulo lokwenyaniso kwindawo yawo.
Eyokuqala EYurophu
Kwanokuba sele ufumaneka umhlaba, ukwakhiwa kweHolo yoBukumkani entsha kwakusoloko kuthabatha iminyaka. Sekunjalo, kwisithuba seminyaka elishumi ephela ngowe-1982, inani lamabandla aseBritani liye landa lisusela kwangama-943 laya kutsho kwali-1 147. Kwakufuneka kwenziwe okuthile ukuze umsebenzi wokwakha uhlangabezane naloo ntswelo ikhulayo.
NgoSeptemba 1983 eNorthampton, kumgama weekhilomitha ezili-101 kumantla eLondon, kwafika iqela labazalwana abanamava kumsebenzi wokwakha bevela eUnited States naseKhanada. Babeqhelile ukuhlangabezana nentswelo yokwakha ngokungxamisekileyo yaye babeze kwabelana ngezicombululo ezazifunyenwe. Basebenza kunye nabazalwana basekuhlaleni ukuze babancede bakhe iHolo yoBukumkani entsha ngeendleko eziphantsi nangokukhawuleza. Kwinyanga elandelayo iphephancwadi iBuilding Design lanikela le ngxelo: “Iqela lamaNgqina kaYehova kutshanje liye lagqiba isakhiwo ngeentsuku ezine ngokuqhelekileyo abakhi abadla ngokusigqiba ngeenyanga ezintandathu, yaye asakhe ngekota yexabiso laso.” UYehova wakusikelela ukwakhiwa kwale Holo yoBukumkani ngokukhawuleza, eyokuqala enjalo eYurophu.
Kunyaka olandelayo, amatsha-ntliziyo angaphezu kwe-1 000 ancedisa ekwakheni iHolo yoBukumkani kwidolophu yaseWales iDolgellau. Kwesi isihlandlo lo msebenzi wagqitywa ngeentsuku ezimbini endaweni yezine. AmaNgqina alapho angama-33 ancediswa ngamanye aseWales, eNgilani, naseUnited States. Abazalwana ababevela eFransi naseNetherlands nabo bafaka isandla ukuze babone indlela ekwenziwa ngayo oko, yaye ekubuyeleni kwabo ekhaya, baqalisa ukufundisa abanye loo ndlela.
Uncedo lwabazalwana bamanye amazwe lwaba yingenelo kumaNgqina kaYehova aseBritani, yaye nawo azinikela ukuze ancede amanye. Amabandla amabini aseKing’s Lynn, eNorfolk, akwenza oku ngendlela engaqhelekanga. Ngowe-1986 la mabandla ayexakekile elungiselela ukwakha iHolo yoBukumkani entsha endaweni yesakhiwo samaplanga awayekade esisebenzisa. Xa evayo ukuba iBandla laseCobh, eIreland elalinabantu abangama-45 ukusa kuma-50 ngoko, laliqhubela iintlanganiso kwindawo eyayisakuba yigaraji, agqiba ekubeni anikele uncedo. Anikela ngeso sakhiwo sawo sidala nazo zonke izinto ezikuso, kuquka izihlalo nezixhobo zesandisi-lizwi kumaNgqina aseCobh. Xa beva ukuba imigubasi yeefestile ifuna ukutshintshwa, abazalwana basekuhlaleni banikela ngemali eyaneleyo ukuze kugutyungelwe ezo ndleko. Amabandla akufutshane anikela ngemali ukuze kuthengwe amaplanga amatsha ophahla. Ngaphezu kwako konke oku, abazalwana baseNorfolk bazihlawulela zonke iindleko zokuthumela.
UPeter Rose, umveleli owongamelayo eKing’s Lynn ukhumbula oku: “Ukuqhaqhwa kwalo holo kwaba ngumsebenzi onzima. Nto nganye kwakufuneka isuswe kakuhle ingonakaliswa, ize nto nganye ibhalwe inani, zize zibekwe kakuhle ngokulandelelana kwazo.” NgoMeyi 1986, xa bagqibayo ukuqhaqha, bapakisha zonke ezo zinto baza baziweza I-Irish Sea zaya eCobh. Abazalwana baseCobh babecebe ukwakha iholo yabo entsha kwimpela-veki yomhla kaJuni 7 nowe-8—ixesha elinye nelo abazalwana baseKing’s Lynn babeza kwakha ngalo eyabo iHolo yoBukumkani entsha. Zagqitywa kuloo mpela-veki zombini ezo Holo zoBukumkani.
Ukunikela Imali Noncedo Olusebenzisekayo
Inkupho yoBulungiseleli Bethu BoBukumkani buka-Aprili 1987 yaseBritani yayinesihlomelo esatsalel’ ingqalelo ekumiselweni kweNgxowa-mali YoMbutho Yokwakhiwa KweeHolo ZoBukumkani “ukuze ngeendleko eziphantsi kulungiselelwe imali eyaneleyo” yokwakha ezintsha nokuthenga nokuhlaziywa kwezakhiwo. Ngale ndlela kwakubangelwa ukulingana kobuncwane. (2 Kor. 8:14) Elo nqaku laqukumbela ngokuthi: “Ngoxa sibuqonda ubukhulu bomsebenzi esinawo yaye siyixabisa neminikelo yesisa eye yenziwa ngamabandla (nasaqhubeka eyenza) kwiiHolo zeNdibano, sifanele sithembele kuYehova ngokuzeleyo ukuze asincede sihlangabezane nale ntswelo ikhoyo ngoku yeeHolo zoBukumkani.—IMize. 3:5, 6.”
Kunyaka olandelayo, lisebenzisa iofisi yesebe, iQumrhu Elilawulayo lalungiselela iikomiti zabazalwana kwiindawo ezahlukeneyo zelo lizwe ukuze zabelane ngamava azo avunyiweyo zize zincede zicwangcisele ukwakhiwa kweeHolo zoBukumkani. Malunga nowe-1998, kwakusele kumiselwe iiKomiti Zokwakha Zenqila ezili-16. Ezi komiti sele zincede ekwakheni nasekuhlaziyweni kweeHolo zoBukumkani ezingaphezu kwama-700 kwelo laseBritani.
Inkoliso yabazalwana abakhonza kwezi komiti baneentsapho abafanele bazinyamekele. Abanye baye bakwazi ukunikela ixesha elingakumbi kulo msebenzi; abanye, elingaphantsi. UMichael Harvey, uyise wabantwana abahlanu, ngenxa yentsebenziswano yomfazi wakhe uJean, wakhetha ukubeka ukwakhiwa kweeHolo zoBukumkani ngaphambi kwayo nantoni na enye. Bobabini umyeni nomfazi baye bafunda ukubaluleka kwesiluleko sikaYesu sokubeka kuqala uBukumkani ebomini babo. (Mat. 6:33) UMichael uthi: “Amazwi kaYesu aye aba nentsingiselo entsha ngokupheleleyo kuthi. UYehova akazange asishiye.” UJean uyavuma: “Xa uRachel, enye yeentombi zethu, wayemalunga neminyaka esithoba ubudala, wayekhula ngokukhawuleza eyishiya impahla yakhe. Ndandingenamali yaneleyo yokumthengela nantoni na entsha, ngoko sasizama ukwenjenjalo ngokuyithunga ukuze imanele. Kwala ke, ngosuku olwalusandulela indibano yethu yesiphaluka, udade boMichael wasithumelela iimpahla awayezithenge ngamaxabiso aphantsi. Zamanela kakuhle uRachel—yaye zafika ngexesha elifanelekileyo lendibano!” Ngoxa oonyana babo ababini bencedisa kumsebenzi wokwakha, uJean neentombi zakhe banyamekela indlu neminye imisebenzi enokuthanani nemisebenzi yokwakha. UMichael ucacisa athi: “Umsebenzi wethu wokwakha uyasimanya. Ngokwenene ngumsebenzi wentsapho.”
Kwezinye iiHolo zoBukumkani ezakhiwa ngeye-1980, amatsha-ntliziyo awayesenza loo msebenzi ayefikelela kumakhulu, nkqu nakumawaka. Enembono yokwenza lula umsebenzi, uMzalwan’ uHarvey waya eDenmark ukuya kudibana nabazalwana ababesebenza kwiiHolo zoBukumkani kwelo. Kwafumaneka uncedo olungakumbi xa uMbutho wachazela amabandla ukuba xa kufuneka iiHolo zoBukumkani ezintsha, uMbutho unako ukuwanika imizobo eyahlukahlukeneyo esele yenziwe. Ngenxa yoko, kuye kwafuneka amatsha-ntliziyo ambalwa, umsebenzi omninzi uye wancitshiswa, yaye kuye kwakhiwa iiHolo zoBukumkani eziqhelekileyo kodwa ezifanelekileyo kulo lonke elaseBritani.
Asililo Nje Ibali Elimnandi
Ukumanyana kumgudu wokwakha iHolo yoBukumkani nesantya egqitywa ngaso kuye kwaphumela ekunikeleni ubungqina obuhle ebantwini. Amaphephandaba adla ngokunikela ingxelo ngoko kwenziwayo. Ngowe-1990, uVictor Lagden, oyintatheli yephephandaba lasekuhlaleni, iEvening Echo, wafota umsebenzi wokwakhiwa kweholo entsha kwiSiqithi saseCanvey owathabatha iintsuku ezintathu, kwicala elikumntla weThames Estuary. Ukufika kwakhe kweso siza ngoLwesihlanu kusasa, kwakungekho nto ngaphandle kwezinto zokwakha. Kumnyango wendlu erhuqwayo eyayilapho kwakuncanyatheliswe umbhalo othi “Iofisi Yeendaba.” UVictor ukhumbula oku: “Leyo kuphela kwento eyayimile kweso siza ngelo xesha. Kodwa eyona nto yandichukumisayo ngabasebenzi bokwakha—amadoda nabafazi, abaselula nabadala besebenza kunye.” UVictor wathabatha umfanekiso weso siza waza wemka. Wandula ke wacela umhleli wakhe ukuba amane ebuyela kweso siza ngamaxesha ahlukahlukeneyo kuloo mpela-veki ukuze abone enoba ayenyanisile kusini na amaNgqina xa esithi aza kwakha iholo ngeentsuku ezintathu. Yena nezinye iintatheli ezintathu bayifota yonke inkqubela yaloo msebenzi.
NgeCawa, uVictor wayekho kwintlanganiso yokuqala eyaqhutyelwa kuloo holo. Ngenxa yoko, amaphepha amabini ayehombise iphephandaba lakhe enomxholo othi “UYehova Mkhulu!” Kamva, omnye wabadala basekuhlaleni watyelela uVictor. Kwaqaliswa isifundo seBhayibhile naye. UVictor uyabalisa: “Kwiiveki nje ezintathu, ndafunda igama likaThixo, yaye endaweni yokusoloko ndicela xa ndithandaza, ngoku ndandibulela—ndibulela kuYehova.” UVictor ngoku uliNgqina elibhaptiziweyo likaYehova.
‘Ukuphangalala’
Ebudeni beminyaka yee-1970 neyee-1980, kwanikelwa ubungqina obuninzi kubemi basemzini abaseBritani—inkoliso yabo bunikelwa ngamaNgqina nawo awayengabemi basemzini nawayethetha iilwimi ezininzi. Kodwa kwakufuneka uncedo olungakumbi.
Ngowe-1993 babezizigidi ezibini abantu baseAsia ababehlala eBritani, umntu om-1 kwabangama-28 kubemi balapho. Abaninzi babevela kumazwana aseIndiya; abanye, bevela kwiMpuma Afrika. Kwakusele kukho abavakalisi abamalunga nama-500 abathetha isiPunjabi nabamalunga ne-150 abathetha isiGujarati ababenxulumene namabandla esiNgesi, yaye babeqhuba izifundo zeBhayibhile ezingaphezu kwama-500 ngezo lwimi. Kodwa kwakungekho ndlela yokuba bonke abemi basemzini banikwe ithuba lokuva iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo.
Iqonda ukuba umntu othetha isiNgesi kuphela usenokuziva engenzi ngokwaneleyo xa ezama ukunikela ubungqina kubantu beelwimi namasiko awahlukahlukeneyo, iofisi yesebe yabongoza amaNgqina asekuhlaleni ukuba abonakalise uthando olungakumbi ngabantu bazo zonke iintlanga aze abe nomoya onjengokaKristu ekunyamekeleni intlalo-ntle yabanye. Bakhuthazwa ukuba ‘baphangalale.’ (2 Kor. 6:11-13; Fil. 2:1-4) Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani bathi: “Sifuna ukuba abantu abakwintsimi yethu bakuve apha kuthi ukufudumala naloo mdla waboniswa nguYesu Kristu kubulungiseleli bakhe.” KumaNgqina aseBritani kwathiwa: “Intsimi enkulu yokushumayela iye yazizela kuthi!”
Ukubonisa inkathalo ngabo bathetha iilwimi zasemzini, kwakhuthazwa onke amaNgqina aseBritani ukuba alathisele abo basemzini adibana nabo kwintsimi yabo kumabandla afanelekileyo athetha olo lwimi. Ngoko ke, enoba amaNgqina athile anokuthetha olunye ulwimi okanye akunjalo, onke ayenokuba nesabelo ekunyamekeleni loo ntsimi inkulu yobuvangeli basemazweni eyayifudukele eNgilani. Eneneni, amasimi amabandla eelwimi zasemzini ngokuyintloko abunjwe koko kulathiselwa kwabantu abanjalo.
Ngenxa yoku, ngowe-1996, uGrace Li watyelela kwikhaya lelinye inenekazi elalivela eVietnam lihlala eNewcastle upon Tyne, ekumntla-mpuma weNgilani. Eli bhinqa lithetha isiTshayina. UGrace wamkelwa ngokufudumeleyo waza wangeniswa endlwini. Wafumanisa ukuba elo bhinqa lingumphambukeli owabandezeleka ngeyona ndlela kwimfazwe yaseVietnam. Lalisele lihleli eNgilani kangangeminyaka elishumi kodwa kwakusenzima kulo ukuthetha isiNgesi. Lacacisela uGrace ukuba lalisoloko lidandathekile yaye lalingenamntu linokucela kuye uncedo.
Kwakhona laxelela uGrace ukuba kwiminyaka emine edluleyo lafumana incwadi enemifanekiso emininzi emihle kodwa alizange likuqonde oko kubhalwe kuyo kuba lalingakwazi ukufunda isiNgesi. Noko ke, nanini na lidandathekile, lalijonga loo mifanekiso, njengoko yayidambisa ukudandatheka kwalo ize ilinike ithemba. Layothula kwithala leencwadi, laza layinika uGrace, lamcela ukuba alifundele yona khon’ ukuze live oko ikuthethayo. Yayiyincwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni! UGrace walichazela ukuba wayenokwenza into ebhetele ngakumbi kunokulifundela le ncwadi yesiNgesi. UGrace wafaka isandla kwingxowa yakhe waza wakhupha umbhalo waloo ncwadi ngesiTshayina. Kwaba ngathi liyaphupha elo nenekazi. Ekugqibeleni, laliza kukwazi ukufunda isigidimi seBhayibhile! Ngokukhawuleza lavuma ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile.
Njengenxalenye ‘yokuphangalala,’ iofisi yesebe yanikela ingqalelo ekhethekileyo ekuncedeni amaqela eentlanga akhule ngokomoya nangokwentlangano. UColin Seymour nomfazi wakhe, uOlive babesele bekhonze kangangeminyaka engama-20 betyelela amabandla kulo lonke elo laseBritani. Bobabini babonisa umdla wokwenene kwabo babebakhonza, yaye oku kwaye kwabonakala ngokukhethekileyo xa babetyelele amabandla akwiziqithi zaseMalta naseGozo ezikuLwandle iMeditera. Babede bazame nokugqabaza ngesiMalta kwiintlanganiso zebandla, bezenza bathandeke kubazalwana basekuhlaleni.
NgoSeptemba 1994, uColin wamiselwa ukuba abe ngumveleli wesiphaluka kumaqela angathethi siNgesi nakwamanye amabandla athetha iilwimi zasemzini alo lonke elo laseNgilani. Ngenyameko wayenceda iqela ngalinye likhule libe libandla esomeleza amabandla awayesele ekho. Nangona ekuqaleni esi siphaluka sasisesona sincinane—sinamabandla ali-12 anabavakalisi abangama-750 kuphela—kwiminyaka nje emithathu sakhula saba sesona sikhulu, sanabavakalisi abali-1 968 kubo kukho oovulindlela abangama-388. Ukususela ngoko inani leziphaluka zabathetha iilwimi zasemzini liye landa zaba ziziphaluka ezithathu.
Ukufunda Ulwimi Olutsha
Ukuze abelane ngeenyaniso zeBhayibhile ezinik’ ubomi nabemi basemzini abathetha ezinye iilwimi, wambi amaNgqina aseBritani aye abonisa umdla wobuqu ngokuqalisa ukufunda olunye ulwimi. Phakathi kwaba nguElisabeth Emmott, oye washumayela kwiindawo ezahlukeneyo zelo laseNgilani. Ekuqaleni wazama ukufunda isiPunjabi ukuze ancede abantu abakwintsimi yakhe. Wandula ke ngowe-1976, kwisabelo sakhe esitsha waqalisa ukusebenza intsimi yesiUrdu. Elandelayo yaba yeyesiGujarati. Ukuze ancede abo banomdla, ezindibanweni wayekhangela abavakalisi abangamaIndiya nabasePakistan. UClifton noAmanda Banks, bakuqalisa oku ngokuya kwabo kwindibano yaseRashiya ngowe-1993. Ukubuyela kwabo ekhaya, bafunda isiRashiya kumzi wokugcina iincwadi wasekuhlaleni, bafudukela kwindawo enabantu abathetha isiRashiya, baza baqalisa ubuvulindlela khona kwibandla lesiRashiya elilapho. Noko ke, ukufumana ixesha lokufunda olunye ulwimi xa ubani enembopheleleko zomsebenzi nezentsapho, kwanocwangciso oluzeleyo lwemisebenzi yebandla nobulungiseleli basentsimini, akuyondlwan’ iyanetha.
Ngenxa yentswelo ekhethekileyo eNgilani, kwakhuthazwa oovulindlela abafuna ukwandisa ubulungiseleli babo ngale ndlela. Ngaphandle kokuyeka inkonzo yabo yobuvulindlela, bafunda iziseko zolo lwimi. Ukuze bafunde, abanye oovulindlela baqalisa izifundo ezithabatha ixesha elifutshane kwiziseko zolo lwimi lwabo olutsha—baza bafumana imiphumo emihle.
UChristine Flynn, obenguvulindlela kangangeminyaka engama-21, kunye nabanye oovulindlela abasixhenxe bagqiba ekubeni bafunde isiGujarati ngowe-1996/97. Abafundisi-ntsapho babo yayisisibini esitshatileyo esingamaIndiya esothuswa kukubona abafundi abathetha isiNgesi abaninzi ngolo hlobo beqalisa izifundo zabo. UChristine uyacacisa: “Benza iinguqulelo ezininzi kwezi klasi ukuze basincede. Bandinceda ndakwazi ukulungiselela indlela yokunikela intshumayelo kwinkonzo yasentsimini nokuya kwezinye zeentlanganiso zethu.”
Malunga nelo xesha, uChristine waqalisa umsebenzi omtsha wempangelo. Kwindawo awayesebenza kuyo, wadibana nelinye ibhinqa eliselula elithetha isiGujarati. Xa uChristine walibulisa ngesiGujarati, eli bhinqa liselula labonakala limangalisiwe laza lafuna ukwazi isizathu sokuba afunde olo lwimi. UChristine walicacisela waza wanikela ubungqina obuhle, nto leyo eyabangela eli bhinqa lisabele ngokuthi: ‘Alukho olunye unqulo obeluya kukhuthaza amalungu alo ukuba afunde ulwimi olunzima ngolo hlobo. Nimele ukuba ninokuthile okubaluleke ngokwenene enifuna ukusixelela kona.’
UPauline Duncan, naye onguvulindlela, wazibhokoxa ekufundeni isiBengali ngowe-1994. Ekuqaleni wasifumanisa sinzima gqitha. Uyavuma esithi: “Izihlandlo eziliqela, ndandithandaza kuYehova ndineenyembezi, ndimchazela indlela olunzima ngayo olu lwimi yaye ndiziva ndifuna ukunikezela. Kodwa ngomoya oyingcwele kaYehova, umgudu nokuzimisela, ndadlula kwelo nqanaba linzima yaye ndiyavuyiswa kukuba ndingazange ndinikezele kuba ngoku ndiqhuba kakuhle.” UBeverley Crook, omnye uvulindlela, uthi ngokuphathelele umphumo wokufunda kwakhe isiBengali kubantu abatyelelayo: “Okoko ndafunda olu lwimi, kuye kwakho utshintsho ngokupheleleyo kubulungiseleli bam. Abantu abathetha isiBengali bayazi ukuba simele ukuba siyabathanda kuba side sachitha ixesha sifunda ulwimi lwabo.”
UJennifer Charles, uvulindlela kwelinye lamabandla esiFrentshi apho kukho iimbacu ezininzi ezivela kwiDemocratic Republic of Congo, uthi: “Ukufunda ulwimi olutsha kuye kwandinceda ndaqonda indlela abavakalelwa ngayo abo bakwintsimi yam xa besiza kwilizwe ekuthethwa ulwimi abangalwaziyo.”
Kangangeminyaka eliqela, oovulindlela abaninzi, kuquka oodade abangatshatanga abanokukwazi ukukhonza apho kukho intswelo engakumbi khona, bakhuthazwa ukuba bathethe nomveleli wabo wesiphaluka ngokufudukela kumabandla akufutshane ekukho intswelo kuwo. Bambi baye bakhetha ukufunda ulwimi olutsha ukuze bancede kwintsimi yolwimi lwasemzini. Kummandla weGreater London, oodade abangaphezu kwe-100 abangoovulindlela baye bakwenza oku. Ubulungiseleli babo phakathi kwabo bathetha ezinye iilwimi ngaphandle kwesiNgesi buye bavelisa isiqhamo. Ngoncedo lwabo abantu abaninzi baye bafundisisa iBhayibhile baza baya kwiintlanganiso zamaKristu.
Xa Umoya Wobuvangeli Uqhubela Phambili
Ngenxa yezizathu ezahlukeneyo, bambi abavangeli basemazweni bakufumanisa kuyimfuneko ukuba babuyele eBritani. Abaninzi kwaba baye baqhubeka besenza umsebenzi omhle.
Emva kokuba kwinkonzo yobuvangeli basemazweni kangangeminyaka eli-14, uWilfred noGwen Gooch bafuduswa kwisebe laseNigeria basiwa eLondon ngowe-1964. Oku kwakungabangelwa kukunganeliseki kwabo yinkonzo yaseNigeria; babeyithanda. Kunoko, uWilfred wabelwa ukuya kunyamekela umsebenzi wokongamela kwisebe laseBritani. Noko ke, ngenxa yesimo sengqondo sabo esihle, bakhuthaza oovulindlela abaninzi baseNgilani ukuba bazenze bafumanekele inkonzo ngayo nayiphi na indlela uYehova asenokuyalathisa ngentlangano yakhe. UWilfred wayedla ngokuthi: “Uya kufunda okungakumbi ngonyaka omnye xa ungumvangeli wasemazweni kunokuba bekuya kuba njalo kwiminyaka engama-30 unguvulindlela.” Eyona nto wayeyithetha, wayengathi uya kufunda okungakumbi ngeZibhalo, kodwa wayesithi uya kufunda okungakumbi ngesiqu sakho, ngobomi nangendlela yokuqhubana nabazalwana noodade.
UJohn noPat Barker, abaphumelela kwiklasi yama-45 eGiliyadi, babuyela eNgilani xa babesele beza kuba ngabazali. Kodwa bazibhokoxa befunda isiMandarin ukuze banikele ubungqina kumaTshayina aseTaiwan. Xa babuyela eNgilani, baqhubeka nephulo lokufuna amaTshayina abanokwabelana nawo ngeendaba ezilungileyo. Emva kokuba abantwana babo bekhulile baza batshata, baqalisa ubuvulindlela obuthe ngxi yaye ngoku banandipha isiqhamo sobulungiseleli babo kwibandla eliquka iqela elithetha isiMandarin kwisixeko saseMidlands eBirmingham. Abaliqela kwabo bafunde nabo baye babuyela eTshayina beyazi ngokwaneleyo inyaniso.
UDavid Shepherd, owayesakuba ngumvangeli wasemazweni eGhana, ngoku unomfazi nabantwana abathathu. Kodwa uDavid usaqhubeka nenkonzo yexesha elizeleyo. Yintoni emncedileyo? Uyacacisa: “Xa ndabona indlela abaswele ngayo abazalwana baseGhana, oko kwandinceda ndazama ukugcina ubomi bam bulula kangangoko kunokwenzeka.”
Izakhiwo Ezanele Umsebenzi
Ukushicilelwa koncwadi lweBhayibhile kuye kwanendima ebalulekileyo ekusasazeni iindaba ezilungileyo zoBukumkani. Ebutsheni beminyaka yee-1970, isebe laseLondon laphumeza indima ebalulekileyo ekulungiseleleni oko kutya kunika ubomi kwamanye amazwe amaninzi. Oluninzi kulo lwaya kumazwe aseAfrika; olunye, mgama njengaseOstreliya.
Ngokuthe ngcembe, amanye amasebe ashicilelayo athabathela kuwo omnye umsebenzi wokuvelisa amaphephancwadi, ngoxa igumbi lokushicilela laseLondon lalinikele ingqalelo kwawesiNgesi, isiDatshi nawesiSwahili. Sekunjalo, wawusemninzi umsebenzi owawufanele wenziwe ngabo matshini babini baseNgilani bokushicilela bohlobo lweMAN. Ukuze kuhlangatyezwane noko, ngowe-1977 omnye wabo matshini wawusebenza imini nobusuku rhoqo emva kweeveki ezintathu.
Lalifikile ixesha lokwandisa izakhiwo zoMbutho eLondon. KwiWatch Tower House eMill Hill, eyasetyenziswa ukususela ekupheleni kweminyaka yee-1950, kwakungasekho ndawo yaneleyo yokunyamekela wonke umsebenzi wokushicilela owawusenziwa lelo sebe. Imiqathango yokumiwa komhlaba yakuthintela ukwandiswa kwendawo yomzi-mveliso weWatch Tower House, ngoko iQumrhu Elilawulayo lavuma ukuba kukhangelwe indawo yomzi-mveliso, kwangaxeshanye, kwandiswe ikhaya laseBheteli ukuze kulungiselelwe iindawo zokuhlala inani elandayo labazalwana abaza kusebenza apho.
Ekugqibeleni, kwafunyanwa indawo yomzi-mveliso ezizikweri zeemitha ezingama-3 000 eWembley, kumgama weekhilomitha ezili-13 ukusuka apho. Eso sakhiwo sinemigangatho emibini sasinomhlaba owaneleyo wokwandisa umzi-mveliso namanye amagumbi, ikhitshi, indawo yokutyela neyokwamkela iindwendwe. Umsebenzi womzi-mveliso wafuduselwa kule ndawo ngowe-1980, endaweni yaloo matshini wawusetyenziswa kwafakwa omtsha wohlobo lweHarris onamacandelo amahlanu, yaye kwiminyaka nje emibini amaphephancwadi aveliswa ngonyaka afikelela kwizi-38 328 000.
Kwangelo xesha, kwaqaliswa umsebenzi wokwakha kwicala elitsha leWatch Tower House eMill Hill, kusongezelelwa amagumbi okuhlala angama-41 entsapho yaseBheteli, kusandiswa negumbi lokutyela nekhitshi. UJohn Andrews, umveleli wesithili onobuchule bokuyila izakhiwo, wabizelwa eBheteli ukuza kusebenza kwelo qela lalisenza loo msebenzi. AmaNgqina aphuma kwiindawo ezininzi zelo lizwe ayesebenza ngokuzithandela ngeempela-veki. Phezu kwalo nje ikhephu elimhlophe lalapho namaqondo obushushu awayephantsi ngokugqithiseleyo kubusika bowe-1981/82, umsebenzi waqhubeka ngokukhawuleza. Kwaqeshwa amaqela athile abo bangengomaNgqina njengeekontraki ezincinane zisebenza nabazalwana. Kwisithuba nje esingaphezu kweminyaka emibini, elo cala litsha lesakhiwo lalisele lilungele ukusetyenziswa. Oku kwenzeka ngexesha elinye nesinye isiganeko esibalulekileyo.
Ukwenzeka Kwesiganeko Esikhulu
NgoJuni 1982 iQumrhu Elilawulayo lamkela isicelo seKomiti yeSebe sokuba intlanganiso yonyaka yeWatch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania yowe-1983 iqhutyelwe eBritani. Esi siganeko sasiza kubaluleka ngeendlela ezimbini kuba isebe lalicebe ukunikezela izakhiwo ezitsha ezandisiweyo zeBheteli yaseLondon kwakuloo mpela-veki yentlanganiso yonyaka.
UDennis Loft ukhumbula oku: “Malunga nentsimbi yesibhozo ngenye intsasa, ndafumana umnxeba uvela kuPeter Ellis eBheteli. Wandicela ukuba ndiqeshe iHolo iDe Montfort ngomhla kaOktobha 1. Le yindawo ekwaqhutyelwa kuyo indibano esakhumbulekayo ngoSeptemba 2-10, 1941, xa kwakhululwa incwadi ethi Children. Ngelo xesha, kwakuphakathi kanye kwiMfazwe Yehlabathi II xa abazalwana bethu babebambelele ngokuqinileyo kubundilele bamaKristu, uAlbert D. Schroeder, ngoku olilungu leQumrhu Elilawulayo, wayesisicaka sesebe laseBritani. Hayi indlela esasiza kubangela imincili ngayo isihlandlo sale ntlanganiso yonyaka kwabo bakhulileyo basindayo ukuze bavuselele ubuhlobo babo nabanye abakhonzi bakaYehova abathembekileyo ukususela kwimihla yangaphambili!
Intlanganiso yonyaka yowe-1983 yaba yintlanganiso yokuqala enjalo ukuqhutyelwa ngaphandle koMntla Merika. Kwenziwa amalungiselelo okuba ucwangciso oluqhubeka eLeicester luqhagamshelane neHolo yeNdibano yaseDudley ekwiiMidlands. Ngale ndlela abazalwana abangakumbi babeza kunandipha olo cwangciso. Abokuqala ukumenywa ngabo babesele bekhonze uYehova kangangeminyaka engama-40 okanye ngaphezulu. Kwahlatywa ikhwelo kumasebe alo lonke elaseYurophu, kumenywa amalungu eentsapho zaseBheteli kuloo mpela-veki. Yaqondwa ngokukhawuleza into yokuba kwakungayi kubakho ndawo yaneleyo kwiBheteli yaseLondon yazo zonke ezo ndwendwe zaseYurophu. Ngoko ke, kwenziwa amalungiselelo okuba kubekho isebe lamagumbi ukuze alungiselele zonke ezo ndwendwe.
Ngethuba, uMzalwan’ uLoft wayedibana neBhunga lesiXeko saseLeicester, waxelelwa ukuba enye yezona nkampani zinkulu kweso sixeko yayiza kuqhubela isidlo sonyaka kunye nomdaniso apho kanye ngaloo mpela-veki sasifuna ukuyisebenzisa ngayo. Efuna inkcazelo engakumbi, uDennis wafumanisa ukuba eneneni eso siganeko sasiza kuba ngomhla kaSeptemba 30 kodwa ngenxa yokuba kusoloko kukho umsebenzi omninzi wokucoca emva koko, loo holo yayingafumaneki nangosuku olulandelayo. UDennis wabuza: “Ukuba siwuthathela kuthi umsebenzi wokucoca le ndawo, ngaba singayifumana ngo-Oktobha 1?” Umphathi wavuma, yaye kwathi qabu kuDennis, nangona ngelo xesha wayengaluqondi kakuhle uxanduva aluthabathayo.
Ezinzulwini zobusuku ngoSeptemba 30, amaqela alungelelanisiweyo anabaphathi, abazalwana abangama-400 babelwa ukucoca obo butyobo babusele kuloo mdaniso. Bafaka nezitulo ezingama-3 000 endaweni yezo tafile zazilapho belungiselela intlanganiso. Lowo yayingumsebenzi omkhulu gqitha ukuba ugqitywe ngeeyure ezisibhozo nje kuphela. UDennis ukhumbula oku: “Eyona nto ibalaseleyo kukuba babembalwa gqitha kwaba bazalwana ababemenyiwe kuloo ntlanganiso yonyaka, kodwa kwaukuba nesabelo kuyo, nkqu ukuyilungiselela, yinto abasathetha ngayo nanamhlanje.” Abazalwana bondlala ikhaphethi eqongeni baza babeka iintyatyambo emacaleni. Ngeye-8 kusasa, loo holo yayisele ibeth’ umoya. Abasebenzi baloo holo babengakholelwa. Abazalwana babeqonda ukuba le ntlanganiso imele ibe yekhetheke ngeyona ndlela. Abazange baphoxeke.
Intlanganiso Engalibalekiyo
Phakathi kwabangama-3 671 ababekho kweso sidlo sokomoya eLeicester yayiziindwendwe ezingama-693 ezivela kwamanye amasebe angama-37. Abaninzi kwabo babekho yayingabazalwana noodade abathanjisiweyo. UReg Kellond, waseTelford noEmma Burnell, wasePaignton bobabini ababeneminyaka engama-99 ubudala, babezezona ndwendwe zindala zaseBritani. UJanet Tait, waseGlasgow noMary Grant, uEdith Guiver noRobert Warden, ngamnye kubo wayeneminyaka engama-90 okanye eli-100 esidl’ amazimba, babeyifunde inyaniso ngaphambi kweMfazwe Yehlabathi I. Anjani wona amava obomi ngamnye kubo awayenawo enkonzweni kaYehova! Baba nenxaxheba kumsebenzi wokunikela ubungqina njengoko inani labadumisi bakaYehova lalisanda eBritani lisusela kwigcuntswana ukusa kuma-92 320. Babejonge phambili kukhuthazo olwaluza kunikelwa liQumrhu Elilawulayo.
UAlbert D. Schroeder wanikela intetho enomxholo othi “Hlala Uthembele KuYehova, Ukuze Ungadinwa,” eyayisekelwe kuIsaya 40:31. Wadlan’ iindlebe nabanye abazalwana abathembekileyo: uRobert Warden noHarold Rabson, bobabini ababevela eGlasgow ababhaptizwa ngokulandelelana ngowe-1913 nangowe-1914; uRobert Anderson, owayenguvulindlela kangangeminyaka engama-51; noErnie Beavor, owaba ngumveleli wesiphaluka kangeminyaka eli-17 yaye abantwana bakhe babekwinkonzo yobuvangeli basemazweni. Bonke babethetha ngehlombe ngeminyaka yabo emininzi bekwinkonzo kaYehova. UDaniel Sydlik, elinye ilungu leQumrhu Elilawulayo, lanikela intetho enomxholo othi “Okona Kubhetele Kuseza.” Leyo yaba yintetho abasayikhumbula nanamhlanje abazalwana.
Omnye umzalwana wabhala wathi: “Xa sasifumana izimemo zethu, kwathi tha iinkumbulo zaloo ndibano yayimnandi gqitha yexesha lemfazwe kwiHolo yaseDe Montfort ngowe-1941. Ngokuqinisekileyo loo ndibano yaqhutywa ngathi kungommangaliso kwiBritani eyayidlavulwe yimfazwe, yaba yeyona isemagqabini kwezakha zabakho—kodwa ‘eyona ibhetele yayiseza.’ Saphuma kule ntlanganiso iintliziyo ziphuphuma ngumbulelo kuYehova, sizimisele ukuqhubeka sithembekile kuMdali wethu; kuKumkani wakhe, uKristu Yesu; nakwintlangano Yena ayisebenzisa ngokucacileyo.”
Emva koku iindwendwe ezininzi zaya eLondon ukuya kunandipha ucwangciso lokunikezelwa kwezakhiwo ezandisiweyo zeBheteli. Olo cwangciso lwaqhagamshelaniswa ngemfonomfono neHolo yeNdibano yaseNorth London, inika abaninzi abangakumbi ithuba lokuphulaphula intetho yokunikezelwa kaFrederick Franz, owayengumongameli woMbutho ngoko.
Ukufumana Indawo Ebhetele Yokushicilela
Izakhiwo zesebe zazingekanelisi ncam. IWatch Tower House yayikwiMill Hill, kodwa umzi-mveliso ukumgama weekhilomitha ezili-13 ukusuka apho, eWembley. Abazalwana baseBheteli abangama-25 ukusa kuma-30 rhoqo babehamba baye kusebenza apho.
Kwiminyaka engaphambili, uN. H. Knorr, owayengumongameli woMbutho ngoko, waphawula into yokuba isakhiwo senkampani yakwaU.K. Optical ngaphesheya kwendlela ukusuka kwiWatch Tower House sasiya kuba sesona sakhiwo silungele ukushicilela. Noko ke, ngelo xesha sasingafumaneki. Kodwa ngoSeptemba 1986 kwintlanganiso eyalungiselelwa yiPosi, uPhilip Harris, umveleli weSebe lethu Lokuthumela, weva ukuba inkampani yakwaU.K. Optical yayiza kumka kwezo zakhiwo ziseBittacy Hill. Ngokukhawuleza, kwenziwa amalungiselelo okufumana le ndawo iziihektare ezimbini. Kwiinyanga ezimbini kamva yaqosheliswa intengiselwano, kwaza kwangelo xesha linye kwagqitywa ngempumelelo uthethathethwano lokuthengiswa komzi-mveli oseWembley. Kwandula ke, ngesantya esikhulu kwaqaliswa ukwakhiwa komzi-mveliso omtsha.
Kuqala, kwadilizwa izakhiwo ezidala ezingasemva kwisiza saseBittacy Hill kuvulwa indawo ukuze kwakhiwe umzi-mveliso omtsha. Njengoko babeqhubeka nokumba, abazalwana bafumanisa ukuba le ndawo yakha yasetyenziselwa ukulahla inkunkuma yemizi-mveliso. Emva kokuba kususwe yonke loo mfungumfungu, kwacaca ukuba kwakunokongezwa umgangatho ongaphantsi omkhulu kwiiplani zokwakha. Amatsha-ntliziyo angaphezu kwama-5 000, avela eBritani naphesheya kweelwandle achitha iiyure ezingaphezu kwesiqingatha sesigidi kuloo msebenzi. Umphumo woko waba ngumzi-mveliso omhle onegaraji owawuza kusebenza kangangeminyaka esezayo.
Inqanaba lesibini lokwakha laliquka ukudilizwa kwezakhiwo ezidala zeofisi nomzi-mveliso weU.K. Optical ukuze kwakhiwe isakhiwo esitsha seofisi. Ukuze kugcinwe imbonakalo ifana neyezinye izakhiwo zaselumelwaneni abasemagunyeni bacela ukuba sakhe eso sakhiwo sethu sitsha seofisi ngezitena. Oku kwenziwa ngokusebenzisa izitena eziqhekezwe kubini zaza zafakwa kwiindonga zekonkile. Yakhiwa ngokukhawuleza i-IBSA House njengokuba iindonga ezinezitena ezinamacandelo ali-157 zaziphakanyiswa zize zimiswe kwiindawo zazo. Umphathi wenye inkampani owayetyelele apho kweso siza ngokukhawuleza emva koko wabuza inani leengcibi esiziqeshileyo zokubeka isitena. Ecinga wathi: “Ngokuqinisekileyo ubuncinane zingamashumi amahlanu.” Wanikina intloko engakholelwa esakuva ukuba yayingamabhinqa amathandathu namadoda amabini kuphela awenza wonke loo msebenzi!
Ngowe-1993 esi sakhiwo seofisi sitsha nomzi-mveliso simi phezu kweBittacy Hill sasisele silungele ukusetyenziswa. Sanikezelwa xa uAlbert D. Schroeder weQumrhu Elilawulayo wayetyelele apho. Ngelo xesha, babeli-127 395 ababenenxaxheba kwinkonzo yasentsimini kulo lonke elo lizwe—nto leyo ebangela uvuyo ngokwenene!
Uncedo Lwamazwe Ngamazwe
Isebe loMbutho laseJamani lanikela uncedo ngokushicilela amaphephancwadi esiNgesi xa kwakufuduswa umsebenzi wethu wokushicilela usuka eWembley usisiwa kwindawo entsha eIBSA House. Noko ke, kungekudala umsebenzi wokushicilela waqaliswa eLondon, yaye amashumi ezigidi zamaphephancwadi aba ludederhu ukuphuma koomatshini bokushicilela bomzi-mveliso wethu omtsha.
Nangona ikude naseMpuma Afrika, iLondon sele kukudala ishicilela amaphephancwadi aloo mmandla wehlabathi. Zombini iinkupho zamaphephancwadi esiNgesi nawesiSwahili athunyelwa rhoqo apho. Ngokufanayo neziqithi zeCaribbean awazo ziwafumana eBritani. Kangangeminyaka emininzi iinqanawa ezithwele iibhanana ziye zathwala imithwalo zivela eWest Indies ziyisa kunxweme olukwintshona yeBritani. Xa zibuya, ezi nqanawa zibuya nemithwalo eya kwezo ziqithi, yaye ngokuthe rhoqo le mithwalo iquka amaphephancwadi athuthwa ngaphandle kwentlawulo ngenxa yokugqalwa koMbutho njengongenzi ngeniso.
Xa kupakishwa kwizinto ekuthunyelwa ngazo liSebe Lokuthumela, isikhewu esingenanto sisetyenziselwa ukuthumela izinto ezahlukeneyo ezifunwa ngabazalwana abakwiindawo ekunzima kuzo kwezoqoqosho. Izitulo ezongezelelekileyo ezingamashumi amawaka ezivela kwiiHolo zoBukumkani zalo lonke elo lizwe ziye zathunyelwa kumazwe afana neLiberia, iMozambique, iSenegal, iTanzania neZambia. Apho zisetyenziswa ngamabandla aphuphumayo ngoku ngabantu abanomdla abanqwenela ukufunda iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo.
Xa abazalwana bethu baseBosnia babefuna uncedo ngenxa yemfazwe eyayikho ngowe-1994, isebe laseAustria lakuvuyela ukunikela ngokutya, impahla, kwanezinye izinto. Kodwa xa abasemagunyeni eBosnia bamisa umyalelo wokuba izinto ezithunyelwayo kwixesha elizayo zifanele zithunyelwe ngentlangano ebhaliswe ngokusemthethweni, kwacelwa isebe laseBritani. Loo maphepha asemthethweni abhalwa ngesiNgesi nangesiCroatia, angqinisiswa aze athunyelwa ngesidyoli. Ezo nqwelo zazithwele loo mpahla zazisele zimkile eVienna ukufika kwaloo maphepha. Behamba ngenqwelo-mafutha, abazalwana baya kudibana nolo krozo lwazo emdeni baza badlulisela loo maphepha asemthethweni, kanye ngexesha ezazidluliselwa ngalo ezo zinto zithunyelweyo!
NgoAgasti 1998 xa kwakusenziwa amalungiselelo okufudusa umsebenzi wokushicilela eFransi usiya eNgilani, amalungu angama-50 entsapho yaseBheteli eLouviers athunyelwa kwiBheteli yaseLondon ukuze ancedise kuloo msebenzi wongezelelekileyo. Emva kothethathethwano olude, kwenzeka ukuba ngowe-1999 kufuduswe umatshini omkhulu wokushicilela nezinye izixhobo zokushicilela zisuka eLouviers zisiwe eLondon. Ngoxa amalungu eBheteli yaseFransi ayesenza umgudu wokufunda isiNgesi nawaseBritani ezama ukuthetha isiFrentshi, onke ayemanyaniswe kukuthetha “ulwimi olusulungekileyo” lwenyaniso yeBhayibhile, ngaloo ndlela akwazi ukusebenza ngaxhathalinye ukuze afeze loo msebenzi uzukisa uYehova.—Zef. 3:9.
Ukuya Kunceda Eziqithini
Kangangeminyaka isebe laseBritani belinyamekela umsebenzi wokushumayela owenziwa kwiqela leziqithi ezikwiindawo ezahlukeneyo. Ezinye kwezi ziquka iiBritish Isles. I-Isle of Wight, ekude kufuphi nonxweme olusemazantsi, inamabandla asixhenxe aqhuba kakuhle. Kwi-Isle of Man, eIrish Sea, kukho ibandla eliqhuba kakuhle elinabavakalisi abali-190. Kwiziqithi zaseHebrides, kude kufuphi nonxweme olukwintshona yeSkotlani, kukho abavakalisi abangaphezu kwama-60, abanikela ubungqina rhoqo kwiidolophana ezisemagqagaleni. Kwisiqithi saseOrkney nakwesaseShetland, ezikude kufuphi nencam yomntla-ntshona weSkotlani, kukho amabandla akhulayo anikela ubungqina kwabo bakwimimandla ekwanti. Enyanisweni, oovulindlela abakwiShetland Islands bandise intsimi yabo yaya kutsho kwiNorth Sea njengoko betyelela izikhephe zokuloba baze bashumayele kwelo qela loomatiloshe.
Amabandla amabini aseGuernsey, esinye seziqithi zeChannel Islands, anikela ubungqina kwiziqithi ezincinane zaseAlderney nesaseSark. Oku kuye kwafuna umgudu obonakalayo. Ngokomzekelo, kuye kwanikelwa ubungqina rhoqo kubemi baseSark—ngoku abangama-575—ukususela ebutsheni beminyaka yee-1980. Uvulindlela waseGuernsey owayeshumayela eSark wadibana nomfana onomama owayeliNgqina kwenye indawo kwiiBritish Isles. Ekuqaleni lo mfana akazange abonakalise mdla, kodwa emva kweengxubusho ezingakumbi, isibini esingamaNgqina saqalisa ukufunda naye nentombazana athandana nayo—ubukhulu becala eso sifundo sasiqhutywa ngembalelwano. Ibandla laseGuernsey nelaseJersey omabini ancedisana ngeendleko zokuthumela uvulindlela eSark naseAlderney kanye ngenyanga. Ngenxa yolo ncedo lobuqu nezifundo eziqhutywa ngembalelwano, ngokuthe ngcembe lo mfana nentombazana athandana nayo benza inkqubela ngokomoya. Ukuze kunikelwe uncedo olungakumbi, umdala waqhuba isifundo ngomnxeba, esebenzisa incwadi ethi Ukumanyana Ekunquleni Okuphela KoThixo Oyinyaniso. NgoAprili 1994, bobabini lo mfana neli bhinqa liselula, elingumfazi wakhe ngoku, babesele belungele ukubhaptizwa. Okwangoku bangenelwa baze babe nesabelo kwiintlanganiso zebandla ngonxibelelwano lomnxeba xa imozulu ingabavumeli ukuba bawele ulwandle baye eGuernsey. Enyanisweni, kuye kwenziwa umgudu wokwenene ukuze kuncedwe wonk’ ubani angenelwe kwiindaba ezilungileyo.
Kukho amabandla amathathu aqhuba kakuhle kwisiqithi esikufuphi saseJersey. La mabandla atshintshana nalawo aseGuernsey ngokulungiselela indibano yesithili yonyaka eba namaNgqina asekuhlaleni anokuba ngama-500 kunye neendwendwe ezimalunga ne-1 000 ezivela kwezinye iinxalenye zaseBritani. Ukongezelela koko, ekubeni bebaninzi abathetha isiPhuthukezi kwabo bamane besiza kusebenza ngamaxesha athile apho kweso siqithi, bambi abavakalisi balapho baye bafunda isiPhuthukezi ukuze babelane nabo ngesigidimi soBukumkani ngokuphumelela ngakumbi.
Ezona zikude kakhulu ziiFalkland Islands. Uninzi lwabemi bezo ziqithi abangama-2 200 luvela kwiiShetland Islands nakwezinye iindawo zaseSkotlani. Ngowe-1980 uArthur Nutter nomfazi wakhe, ndawonye nabantwana babo, bafudukela kwiiFalkland Islands bevela eNgilani beze kunikela ubungqina. Kwiminyaka emibini kamva, ngenxa yeemeko zehlabathi, kwabonakala kububulumko ukuba isebe laseBritani longamele wonke umsebenzi wokushumayela owenziwa apho. Nangona iiFalkland Islands zimalunga neekhilomitha ezili-13 000 ukusuka eLondon, kwakutyelelwa apho ukuze kukhonzwe elo bandla lincinane. Elo lungiselelo lokongamela kweBritani laqhubeka kangangeminyaka eli-15.
Njengokuba liye lenjenjalo kangangeminyaka engama-50 edluleyo, isebe laseBritani belisongamela nomsebenzi wabantu bakaYehova abaseMalta, ekumbindi woLwandle lweMeditera. EMalta kulapho umpostile uPawulos waphukelwa khona yinqanawa xa wayesinge eRoma malunga nowama-58 C.E. (IZe. 28:1) Kufuphi nalapho kukho iGozo, isiqithi esincinane sezinye zeziqithi zaseMalta. Zozibini, namhlanje zinamabandla aqhuba kakuhle anabantu bakaYehova.
Nangona bekukhe kubekho iingxelo ezithile zokunikela ubungqina eMalta ukususela ngowe-1936, umsebenzi woBukumkani awuzange umiselwe kakuhle phakathi kwabantu baseMalta de kwayiminyaka yee-1970. Ngokuphindaphindiweyo kwenziwa imigudu yokwabelana nabantu balapho ngeendaba ezilungileyo, kodwa iCawa yamaRoma Katolika yayilawula ngamandla eburhulumenteni nakubomi bangasese.
UGesualda Lima wayeyintombazana eneminyaka eli-13 ubudala ukuqala kwakhe ukuva umama wakhe ecacisela intsapho yakhe ngoko wayekuxelelwe ngummelwane wakhe owayeliNgqina likaYehova. Oko kwenzeka ngowe-1970. UGesualda ukhumbula oku: “Xa ndeva igama likaYehova, oko kwaba yinto ekhethekileyo kum.” (INdu. 83:18) Kamva abazali bakhe bakuchasa ukuba nomdla kwakhe kwisigidimi seBhayibhile. Engenakuthintelwa nto, waqhubeka efundisisa iBhayibhile, waqalisa ukuya kwiintlanganiso, wahlulela ubomi bakhe kuYehova waza wabhaptizwa. Ngowe-1981 watshata noIgnazio, umTaliyane omhle nonenzondelelo ngeyona ndlela. Bobabini bafumana ilungelo lokuba ngabalungiseleli bexesha elizeleyo eMalta, yaye bancede abantu abamalunga ne-100 bafunda inyaniso. Inkoliso yabo ngabantu baseMalta.
UJoe Axiak, ngumenzi weewotshi, onentliziyo entle, indoda enobubele yaseMalta eyaqala ukuva ngenyaniso kwintsapho kamalume wayo. Kodwa ekubeni wayezimele ngoko, uJoe walishiya ikhaya waya eOstreliya. Xa waqalisa ukunxulumana namaNgqina kaYehova kwelo, umkhuluwa wakhe wamlumkisa wathi: “Ukuba umama angeva ukuba uza kuba ngomnye wamaNgqina kaYehova, uya kufa, yaye ndiya kuyitshisa loo holo ukuba uphinde waya apho.” Noko ke, ukuzingisa kukaJoe, kwaba nemiphumo emihle. Ngoku yena nabantakwabo noodade wabo abasixhenxe, kuquka nalowo wayegrogrisa, bakhonza uYehova.
Emva kokuba uJoe ebuyele eMalta, watshata, yaye yena nomfazi wakhe uJane bagqiba ekubeni banikele ingqalelo ekhethekileyo kwintsimi ekwisiqithi saseGozo. Rhoqo ngeveki, babedla ngokukhwela iphenyane baye apho. Kodwa emva kokuba unyana wabo uDavid ezelwe, ukuhamba kwaba nzima, ngoko bagqiba ekubeni bahlale eGozo. Hayi indlela abavuya ngayo xa ngowe-1984 kwamiselwa ibandla apho! Ngoku kukho abavakalisi abangama-27 eGozo. Bangenela iintlanganiso kwiHolo yoBukumkani yabo yaye bashumayela iindaba ezilungileyo rhoqo kwabanye.
Ukuba Nje Ibibhalwe NgesiMalta
Bechaza iinyaniso zeBhayibhile ngolwimi lwabo, abantu baseMalta bancede abantu abangakumbi besi siqithi benza inkqubela ekufumaneni ulwazi oluchanileyo lukaYehova neendlela zakhe.—Kol. 1:9, 10.
UHelen Massa, omnye wabo babefunda iBhayibhile noGesualda Lima, ukhumbula ngexesha apho zonke iintlanganiso zaziqhutywa ngesiNgesi. Nangona maxa wambi kwakuba nzima ukuqonda oko kuthethwayo, uHelen uzikhumbula enoxabiso izinto ezazifundiswa apho. Ngokufuthi uthetha ngemfundiso eyayidluliselwa ngomonde ngumzalwana oliNgesi, uNorman Rutherford owayekhonza eMalta ekupheleni kweminyaka yee-1960 nasebutsheni beyee-1970. UNorman nomfazi wakhe, uIsabel abaphumelela kwiklasi ye-11 yaseGiliyadi, babesoloko besebenzisa ubulumko kuba babengabantu basemzini. Babenqwenela ukuhlala ukuze baxhase abazalwana noodade balapho, abayixhathisa ngenkalipho inkcaso yonqulo neyentsapho.
Ebutsheni beminyaka yee-1970, uJoe Micallef intatheli eyayisithetha ngokutyibilikayo isiNgesi, wavuya xa uNorman Rutherford wavuma ukufundisisa naye iBhayibhile. Ukhumbula oku: “Ndandidla ngokubuza umbuzo, yaye ndandivuyiswa nguewe okanye uhayi.” Kodwa uNorman wafumanisa ukuba kwakufuneka okungakumbi ekufundiseni kunokusuka kuphendulwe nje imibuzo. “Wayedla ngokuchaza ngokweenkcukacha, ecacisa isizathu sokuba ibe nguewe okanye esokuba ibe nguhayi.” Oku kwalomeleza ukholo lukaJoe.
Nangona intlanganiso yokuqala awaya kuyo uJoe yayiqhutywa ngesiNgesi, emva kwexesha kwabelwa abanye kwabo babekho ukuba bashwankathele ezona ngongoma ziziintloko kwiziqendu zeMboniselo ngesiMalta. Oko kwakungasoloko kulula. Umninawa kaJoe, uRay wagqiba ekubeni akubhale phantsi oko akushwankatheleyo kodwa wakufumanisa kulula ukusiguqulela sonke eso siqendu. UJoe uhlabela mgama esithi: “Xa uPeter Ellis, owayetyelele iMalta njengomveleli ohambahambayo wabona oko kwakusenzeka, wacebisa ukuba kuthengwe umatshini wokukhuphela.” Ngoko ke, ngowe-1977 kwaveliswa umbhalo wokuqala ochwetheziweyo weMboniselo yesiMalta. Xa abazalwana babefuna uncedo ekwenzeni okanye ekulungiseni elo phepha lichwetheziweyo, akakho umntu ababenokubuza kuye ngaphandle komntu okwaziyo ukushicilela—intatheli uJoe! UJoe wadanduluka wathi: “Khangelani, kufanele kubekho umntu oza kuba nembopheleleko yokwenza lo msebenzi!” Abazalwana baphendula bathi: “Kulungile ke, ucebisa ukuba ibe ngubani?” nalapho uJoe waphendula wathi: “Andazi, kodwa ndikulungele ukuzama.” Ngaloo ndlela waba uyaqala ke uJoe ukungena kumsebenzi wokuguqulela iimpapasho zolwimi lwesiMalta. Kambe ke, namhlanje amalungiselelo okuguqulela iimpapasho enziwa yiKomiti Yokubhala yaye akasuke nje enziwe.
Ngowe-1979 kwaveliswa inkupho yokuqala yeMboniselo eshicilelweyo yesiMalta. Ngokuthe ngcembe kwabakho iqela labaguquleli elenza lo msebenzi, yaye ngoku IMboniselo iphuma kabini ngenyanga aze uVukani! wesiMalta aphume kanye ngenyanga. NgoJanuwari 1998 kwabakho inkqubela engakumbi ebudeni botyelelo lomveleli wecandelo, uDouglas Guest, xa kwakunikezelwa iiofisi zokuguqulela ezintsha, ikhaya labavangeli basemazweni neHolo yoBukumkani ekwi-I.B.S.A. House kwidolophu yaseMosta. Kusuku olulandelayo babengama-631 ababehlanganisene ukuze beve ingxelo ngenkqubela yomsebenzi woBukumkani owenziwa eMalta.
Ukuqeqeshelwa Ukongamela Ngothando
Ebonisa inkxalabo ngabantu bakhe, uYehova waxela kwangaphambili ngomprofeti wakhe uYeremiya wathi: “Ndiza kuvelisa phezu kwazo abalusi abaya kuzalusa.” (Yer. 23:4) Ngoko ke uYehova akabalungiselelanga abadala nje kuphela abantu bakhe kodwa ubanika nolwalathiso noqeqesho ukuze bakwazi ukongamela izimvu zakhe ngendlela afuna ngayo enothando.
Njengakwamanye amazwe, ukususela ngowe-1960 abazalwana abafanelekayo baseBritani baye bafumana uqeqesho kwiSikolo Sobulungiseleli SoBukumkani. Eli lungiselelo laqalisa njengesifundo seeveki ezine, kamva zancitshiswa zaba mbini. Kwamenywa abaveleli abahambahambayo kwanabo bongamela amabandla. Ezo klasi zaziqhutyelwa kwiBheteli yaseLondon. Ukuze olo lwalathiso lufumaneke ngakumbi, eso sikolo saqhutyelwa kwiindawo ngeendawo, nocwangciso lweklasi kwiindawo ezahlukahlukeneyo zelo lizwe. Ngenxa yoko, kwangenelwa amabandla kwanentlangano iphela.
Ebudeni bowe-1977 kwaqhutywa isifundo esingakumbi seeyure ezili-15 sabo bonke abadala. Ukususela ngoko kuye kwaqhutywa ucwangciso olufanayo ngokwahlukahlukeneyo. Kuye kwanikelwa ingqalelo ekhethekileyo kwizifundo ezinjengokuxelisa uYehova njengomalusi onothando kumhlambi wakhe, indlela yokufundisa kwiintlanganiso zebandla, indlela yokunyamekela umsebenzi wokushumayela ebandleni nendlela yokugcina imilinganiselo yobulungisa kaYehova. Kucwangciso lweSikolo Sobulungiseleli SoBukumkani eBritani ngowe-1997, kwamenywa abadala abangama-11 453 nezicaka zolungiselelo ezingama-10 106.
Bazenza Bafumaneke
Ukongezelela kubadala abakhonza emabandleni, amanye amadoda afanelekayo akhonza njengabaveleli abahambahambayo, benyamekela iqela lamabandla enza isiphaluka lize lona iqela leziphaluka lenze isithili. Kungokunje bangama-77 abaveleli abahambahambayo abanjalo benyamekela amabandla ali-1 455 neziphaluka ezingama-70 kulo lonke elo laseBritani. Ukongezelela kwiimfaneleko zokomoya, la ngamadoda enza uhlengahlengiso kubomi bawo ukuze azenze afumanekele inkonzo enjalo.
Emva phayaa ekuqaleni kweminyaka yee-1970, umveleli ohambahambayo wakhuthaza uDavid Hudson ukuba azenzele usukelo lobuthixo. Kodwa ngelo xesha uDavid wayezibophelele nkqi kumsebenzi wakhe wempangelo njengomphathi wenqila kwinkampani evelisa izinto zokukhuphela. Yandula ke ngequbuliso loo nkampani yamlahla kwesinomhlwa. Ngoku waqala wawaqonda amazwi kaLyman Swingle, ilungu leQumrhu Elilawulayo, kwintlanganiso eyayiseCardiff, eWales ngowe-1984. UMzalwan’ uSwingle wafanisa usukelo lwehlabathi ‘nokumenyezelisa ixina kwinqanawa ezikayo.’ UDavid nomfazi wakhe, uEileen baqalisa ukuhlengahlengisa imibandela yabo ukuze baqalise ubuvulindlela. Bancama umzi wabo onobutofo-tofo nezitali namahashe, baza bakhela ubomi babo ngokupheleleyo kulwalamano olungakumbi noYehova. Ukususela ngowe-1994, ephelekwa ngumfazi wakhe uDavid, uye wanyamekela iimbopheleleko njengomveleli wesiphaluka. Bobabini bayavuma ukuba ulonwabo lokukhonza uYehova lungaphezu kwayo nantoni na kwizinto eziphathekayo abazincamayo.
Xa uRay Baldwin wayefunda inyaniso phakathi kwiminyaka yee-1970, weyiseka ngokuqinileyo ukuba ukushunyayelwa kweendaba ezilungileyo kufanele lonke ixesha analo. Ngenxa yoko, kwanangaphambi kokuba abhaptizwe, xa wayenikwa isikhundla esiphezulu kumsebenzi wakhe wengqesho ukuba nje wayeza kuya kwenye idolophu, wala waza wacela umsebenzi wesingxungxo endaweni yoko. Emva kokuba ebhaptiziwe, ngokukhawuleza waba nguvulindlela ongumncedani. Kungekudala emva kokuba etshatile, yena nomfazi wakhe uLinda, baceba ukungenela inkonzo yobuvulindlela obuthe ngxi. Ukuze azenze afumaneke ngakumbi kwimisebenzi yobuthixo, uRay wayeka umsebenzi wakhe kwivenkile enkulu waza wacoca iifestile. Ukususela ngoSeptemba 1997 naye ebekhonza njengomveleli wesiphaluka.
Abanye abazalwana baye bavuma ukwamkela imbopheleleko ephathelele iiKomiti Zokunxibelelana Nezibhedlele, yaye baxhasa ngothando amaNgqina akwiimeko zonyango ezingxamisekileyo. Oku kuye kwabandakanya ixesha beqeqeshwa—yaye eso iba sisiqalo nje kuphela. Ngo-Oktobha 1990 abameli abathathu abavela kwiSebe Lenkcazelo Yezibhedlele laseBrooklyn bafika beze kuqhuba intlanganiso eBirmingham eNgilani. Abazalwana abali-152 ababevela eBelgium, eBritani, eIreland, eMalta, eNetherlands nakwaSirayeli bafundiswa kakuhle ngendlela yokunceda amagosa ezonyango aqonde ukuma kwethu kumbandela wegazi. Ezo ndwendwe zaseBrooklyn zazisabelana ngokuqeqesha abo bameli ukuze bakwazi ukunikela izizathu ngokuma kwethu kumagosa ezibhedlele eLondon nakwamanye amaziko amakhulu.
Emva kwentlanganiso yesibini, eNottingham ngoFebruwari 1991, iiKomiti Zokunxibelelana Nezibhedlele zasebenza kulo lonke elo lizwe. Kunyaka olandelayo kwamiselwa iikomiti ezili-16 ezingakumbi, yaye aba bazalwana bafumana uqeqesho kwintlanganiso eyayiseStoke-on-Trent. Ukuze kubekho intsebenziswano engakumbi phakathi kwamaNgqina namagosa, ngoJuni 1994, kwaqhutywa enye intlanganiso kwiHolo yeNdibano yaseSurrey, kunikelwa uqeqesho ngendlela yokuthetha nejaji, oonontlalo-ntle noogqirha babantwana. Oku kwaba sisiseko esikhulu sokunxibelelana nabezonyango. Emva kokudibana nabo ngokobuqu, kwabakho uludwe loogqirha abangaphezu kwama-3 690 eBritani abavakalisa ukuzimisela kwabo ukuhlonela iimbono zamaNgqina ngegazi nonyango lwezamayeza.
Usihlalo weKomiti Yokunxibelelana Nezibhedlele kummandla waseLuton, kumntla London, uyavuma ukuba xa wayeqala ukusebenza kule komiti, wayengakuqondi konke oko kwakuza kufuneka kuye ngokwasemzimbeni nangokwemvakalelo. Unombulelo ngenkxaso yothando yomfazi wakhe okwanothando olunzulu ngoYehova nangabazalwana noodade bakhe abangamaKristu. Ngokuthe ngcembe, uye waphumelela ukwakha ulwalamano oluhle nabo basebenza kwezonyango nakwiiofisi zezibhedlele ezikhulu ezikuloo mmandla wakhe. Uthi: “Xa abazalwana bethu bejamelene nengxaki yezonyango, sifanele sisoloko sikulungele ukunikela uncedo.” Indlela eyenziwa ngayo le nkonzo iye yavula indlela yokunikela ubungqina obuhle kwizihlandlo ezininzi.
Ukuqalisa Inkonzo Kwikomkhulu Lehlabathi
Phakathi kwabazalwana abaqalisa usukelo lwabo lobuthixo eBritani, abanye baye bamenyelwa ukuya kukhonza eBrooklyn, eNew York, kwikomkhulu lehlabathi lamaNgqina kaYehova.
UJohn E. Barr, owazalelwa eSkotlani ngowe-1913, wafunda inyaniso kubazali bakhe. Nangona ukuba neentloni kwakhe xa wayesekwishumi elivisayo kwakubangela kube nzima kuye ukuba athethe nabantu emakhayeni abo kumsebenzi wendlu ngendlu, ngenxa yoncedo lukaYehova wawoyisa loo mqobo. Ngowe-1939 wamkela isicelo sokuya kukhonza kwiBheteli yaseLondon. Ebudeni bexesha elinzima leMfazwe Yehlabathi II, kangangeminyaka eliqela wayekhonza njengomveleli ohambahambayo de wacelwa ukuba abuyele eBheteli eLondon ngowe-1946. Kwiminyaka engama-21 emva kokuqalisa ukuba lilungu lentsapho yaseBheteli, watshata noMildred Willett, udade onenzondelelo owaphumelela kwiklasi ye-11 yeSikolo SaseGiliyadi nowathi emva koko wamthelela kwinkonzo yaseBheteli. Ngowe-1977 wamenyelwa ukuba lilungu leQumrhu Elilawulayo. Xa wayexelela uMildred, kuqala wacinga ukuba uyadlala, kodwa kwakungenjalo. Yaye ke ngoko kunyaka olandelayo bobabini bathunyelwa kwikomkhulu lehlabathi eBrooklyn, eNew York. Basaqhubeka bekhonza apho ngovuyo.
Bakho nabanye abamenyelwa ukuya kusebenza kwikomkhulu. Phakathi kwabo yaba nguAllan Boyle, owazalelwa eLiverpool waza waqalisa inkonzo yaseBheteli eLondon. Ukuze abusebenzise ngokuzeleyo ubuchule bakhe njengomzobi, uMbutho wammemela ukuba athunyelwe eBrooklyn ngowe-1979. UEric Beveridge wayehlala eBirmingham ukubhaptizwa kwakhe ngowe-1949. Emva kweminyaka engama-21 ekwinkonzo yobuvangeli basemazweni ePortugal naseSpeyin, yena nomfazi wakhe, uHazel, baba ngamalungu entsapho yaseBheteli eBrooklyn ngowe-1981. URobert Pevy, owazalelwa eSandwich, eKent kumazantsi eNgilani, wakhonza eIreland kangangeminyaka esithoba waza emva koko waba kwinkonzo yobuvangeli basemazweni nomfazi wakhe uPatricia kwiPhilippines kangangeminye iminyaka esithoba xa baqalisa ukukhonza kwikomkhulu lehlabathi ngowe-1981.
Iinguqulelo Kwindlela Yokonganyelwa Kwesebe
Ukutyhubela iminyaka iqela lamadoda afanelekayo ngokomoya aye akhokela ekuthwaleni imbopheleleko yokunyamekela isebe laseBritani. Emva kokuba uAlbert D. Schroeder kwanyanzeleka ukuba ayinikele umva iNgilani ebudeni beMfazwe Yehlabathi II, uA. Pryce Hughes wamiselwa njengomveleli welo sebe—yaye ngelo xesha wayevalelwe entolongweni ngenxa yobundilele bakhe bobuKristu! Ukubambelela nkqi kukaMzalwan’ uHughes kumgaqo wokungathabath’ icala kwamaKristu kwavavanywa ngokupheleleyo. Wavalelwa entolongweni ngalo mbandela kwiMfazwe Yehlabathi I waphinda wavalelwa izihlandlo ezibini kwiMfazwe Yehlabathi II. Ngenxa yoxabiso lokwenene ngolwalathiso lukaYehova ngentlangano Yakhe, uMzalwan’ uHughes waqhubeka enyamekela umsebenzi wokongamela kwelo sebe iminyaka engaphezu kwama-20. Abo babesebenza naye basakhumbula ubuntu bakhe kwanokuba phezu kwazo nje iimbopheleleko awayenazo, uthando lwakhe ngobulungiseleli basentsimini lwahlala lomelele.
Ngowe-1976 xa kwasungulwa ilungiselelo lokuba kubekho ikomiti—endaweni yomntu omnye—eyongamela umsebenzi kwisebe ngalinye, uWilfred Gooch wamiselwa njengomlungelelanisi, yaye ababekunye naye yayinguJohn Barr, uPryce Hughes, uPhilip Rees noJohn Wynn. Abaninzi kwelo qela lokuqala bafa. Kuye kongezelelwa abanye abazalwana abangakumbi kwiKomiti yeSebe, ekhoyo ngoku iquka uJohn Andrews, uJack Dowson, uRon Drage, uDennis Dutton, uPeter Ellis, uStephen Hardy, uBevan Vigo noJohn Wynn.
Uvuyo Lweendibano Zezizwe Ngezizwe
AmaNgqina kaYehova abubuzalwana bomhlaba wonke. Ngaloo ndlela, athi akukwazi ukuhlanganisana onke ngokukhululekileyo kumazwe aseMpuma Yurophu emva kwamashumi eminyaka yengcinezelo eqatha, kwabakho uvuyo kumaNgqina ehlabathini lonke. Hayi indlela elalifaneleke ngayo elo xesha lokuqhuba iindibano zezizwe ngezizwe kumazwe apho oku bekungenzeki kangangethuba elide! Oku kwakuza kuphumela ekwakhiweni ngokomoya nasekunikeleni ubungqina obuhle ebantwini. AmaNgqina kaYehova aseBritani aye avuyiswa kukuba nesabelo koku.
Ngowe-1989, xa kwalungiselwa iiNdibano ‘Zokuhlonela UThixo’ ezintathu ezinkulu ePoland, iindwendwe ezivela kumazwe angama-37 ubuncinane zahlanganisana kunye kwezo zihlandlo ziyimbali. Phakathi kwazo kwakukho ezingama-721 ezivela eBritani. Ngokuphathelele umoya owaboniswa kwindibano esePoznan, ePoland, uDavid noLynne Sibrey bekhumbula bathi: “Yayikhethekile!” Bongezelela besithi: “Asizange sikhe sibe kwimeko enjalo. Hayi indlela esavuya ngayo kukuba phakathi kwamawaka abazalwana bethu abavela eRashiya nakwiMpuma Yurophu ngokukhululekileyo, ababekade behlanganisana bengamaqela amancinane ngaphambili! Safumanisa nento yokuba, abanye bazile apha nangona oko kubeka ubomi babo emngciphekweni. Le ndibano yayikhetheke gqitha kubo—nakuthi!” Kunyaka olandelayo, emva kokuba kupheliswe umda phakathi kweMpuma neNtshona Jamani, phakathi kwezo zihlwele zazinehlombe kwindibano yaseBerlin eyayingumbhiyozo woloyiso, abangama-584 babevela eBritani. Ngowe-1991, xa abantu abangama-74 587 babethontelene eStrahov Staduim ePrague, kuloo ndawo ngoku eyiRiphabliki yaseCzech, abangama-299 ababevela eBritani babekunandipha ukuba lapho. Kwakuloo nyaka mnye, iBritani yayimelwe kakuhle phakathi kwamaNgqina awayevela kumazwe angama-35 awayehlanganisene eBudapest, eHungary. Ngowe-1993, kwindibano yaseMoscow, eRashiya zazingama-770 iindwendwe ezazivela eBritani yaye ezaziye eKiev, eUkraine zazingama-283. Zonke ezo yaba zizihlandlo eziyimbali ezingenakuze zilibaleke.
Ezinye iindibano zezizwe ngezizwe ezazikho kuzo iindwendwe zaseBritani beziqhutyelwa eAfrika, kuMbindi Merika, eMntla Merika, naseMpuma. Njengoko amaNgqina enandipha ubudlelane ngezihlandlo ezinjalo, amaqhina othando lobuKristu ayomelela. Obu bubungqina obubonakalayo bokuba njengoko kwaxelwa kwangaphambili kwiLizwi likaThixo, baphuma “kuzo zonke iintlanga nezizwe nezizwana neelwimi.”—ISityhi. 7:9, 10.
Aneemvelaphi Ezahlukeneyo
Abo baye basabela kwisigidimi seBhayibhile baza baba ngamaNgqina kaYehova kwiiBritish Isles baneemvelaphi ezahlukeneyo. Ngenxa yothando lwabo ngoYehova, abaninzi baye benza iinguqulelo ezinkulu kubomi babo ukuze bamkhonze ngokuzeleyo.
UDonald Davies, umbethi wamagubu omculo wejazz ovunyiweyo owazalelwa eJamaica, wafika eNgilani ngowe-1960. Nangona wafumana uncwadi oluthile lweBhayibhile ngowe-1969, akazange enze nto ngako oku de kwaba kwiminyaka eli-13 kamva, xa esinye isibini samaNgqina sathetha naye ngokubaluleka kwegama likaThixo, ukuze abe nomdla wokwenene eBhayibhileni. (Hez. 38:23; Yow. 2:32) Kamva kuloo nyaka yena nomnye umhlobo wakhe oyimvumi baya kwindibano yesithili ekufuphi. Kungekudala waqalisa ukukusebenzisa oko wayekufunda. Ngaphandle kokuxubusha lo mbandela naye nabani na, uDonald waqonda ukuba kwakuza kuba nzima ukuqhubeka nosukelo lwakhe lomculo kwangaxeshanye akhonze uYehova. Ngoko wazithengisa izixhobo zakhe zomculo waza waqalisa ubuvulindlela ngowe-1984, elo lilungelo asalinandipha nangoku.
UTony Langmead wayeligosa kwiRoyal Air Force xa umfazi wakhe waqalisa ukufundisisa iBhayibhile namaNgqina kaYehova. Ihambo yakhe xa waba ngumKristu yeyisela indoda yakhe “ngaphandle kwelizwi.” (1 Pet. 3:1, 2) Yawushiya umkhosi womoya ukuze isukele ubomi boxolo njengomkhonzi kaYehova.—Isa. 2:3, 4.
UFrank Cowell wakhuliselwa eTshetshi, kodwa ekuhambeni kwexesha waqalisa iphulo lokufuna inyaniso kwenye indawo. Ukutyelela kwakhe kwiHolo yoBukumkani kwakhokelela kwisifundo seBhayibhile namaNgqina kaYehova. Ngoku ungunjingalwazi wezoqoqosho eLondon, kodwa xa ucwangciso lweentlanganiso zenkampani yakhe lungengokuhlwa yeentlanganiso zebandla, izigqibo azenzayo zibonisa ukuba phezu kwayo nantoni na uliNgqina likaYehova.
USusannah wayelilungu leRoyal Ballet xa wathi ngebhaqo wadibana nowayengumhlobo wakhe esikolweni kwaza oko kwakhokelela kwisifundo seBhayibhile. NjengeNgqina elibhaptiziweyo, wagqiba ekubeni anciphise amathuba akhe emidaniso yasesidlangalaleni aze afundise ukudanisa ukuze azithengele ixesha losukelo lwakhe olutsha lokuba nguvulindlela, ngaloo ndlela esakhela ubomi bakhe kubulungiseleli bakhe. Ngoku utshatile, yena nomyeni wakhe, uKevin Gow bafunda isiMandarin ukuze babelane ngeendaba ezilungileyo nenani elikhulayo lamaTshayina eLiverpool.
Udade boRene uChristina wayeliNgqina, kodwa uRene wayecinga ukuba unqulo alubalulekanga nganto, ngoko ke akazange afune ukuphulaphula. Noko ke, kamva xa wayesebenza eLondon, wayesoloko etyelela iMyuziyam yaseBritani. Kolunye utyelelo lwakhe wachulumanciswa yinkcazelo yalowo wayebakhenkethisa ephathelele iBhayibhile nezinto ezahlukahlukeneyo eziboniswe kuloo myuziyam. Wakhumbula ezinye zezinto udade wabo awayezama ukumxelela zona. Kungekudala naye uRene Deerfield waba liNgqina.
UAndrew Meredith wayesentolongweni xa waqalisa ukufunda iBhayibhile. Oku kwakhokelela kwiinguqulelo ezinkulu kwindlela awayephila ngayo. Emva kokukhululwa kwakhe, watshata neNgqina elithetha isiPunjabi, yaye kunye baxakekile kubulungiseleli phakathi kwabantu abathetha isiPunjabi kwimpuma yeLondon.
UDaksha Patel wazalelwa eKenya ngabazali abangamaHindu, yaye yena ngokwakhe wayengumHindu ozinikeleyo. Kodwa xa wayefundisisa iBhayibhile namaNgqina eWolverhampton, eNgilani waqonda ukuba ufunda inyaniso. Xa waba mdala ngokwaneleyo ukuba angazenzela izigqibo kubomi bakhe, wabhaptizwa waza waba nguvulindlela. Yena nomyeni wakhe, uAshok, ngoku bakhonza njengamalungu entsapho yaseBheteli eLondon. Ngokuphathelele loo nkonzo, baye baya eIndiya, eNepal nasePakistan ukuze bancedise ekuguqulelweni koncwadi lweBhayibhile.
Ayaqhubeka Enikela Ubungqina
AmaNgqina kaYehova avuyiswa kukubona abantu abangakumbi besamkela unqulo lukaYehova nyaka ngamnye. Ukususela ngowe-1972, inani lamaNgqina akhutheleyo eBritani liphantse laphindeka kabini, ngoku afikelela kwali-126 535.
Ngaba abo babonisa umdla kwisigidimi seBhayibhile ngoku ngabantu abangazange khe badibane namaNgqina kaYehova ngaphambili? Kunjalo ngabambalwa, yaye bafumaneka njengoko amaNgqina esandisa ubulungiseleli bawo kwiindawo zamashishini nasezitratweni. Elinye iNgqina, elalishumayela okokuqala kwintsimi yamashishini, lathetha nomamkeli zindwendwe wenye inkampani owabonisa umdla omkhulu. Ukubuyela kwalo kwiintsuku ezimbini kamva kwangoko kwakhokelela kwisifundo seBhayibhile, nto leyo eyanika loo mamkeli-zindwendwe ithuba lokuzenzela isigqibo enoba wayeza kuhamba ngendlela kaYehova. Eli bhinqa lalingazange lidibane namaNgqina kaYehova ngaphambili kuba lalisebenza yonke iveki yaye ngokuqhelekileyo lalingabikho ekhaya ngempela-veki.
Ngokufuthi, abo baphulaphulayo ngabantu eziye zaguquka iimeko zabo ebomini—mhlawumbi ngenxa yokutshata, ukuba nabantwana, ukukhula okanye ukugula ngesiquphe. Ngoku bafuna iimpendulo kwimibuzo ababekade bengazikhathazi ngayo.
Ngoko ke, ngoAgasti 1995 ibhinqa elineminyaka engama-85 ubudala elakhuliswa njengoMbhaptizi layamkela ngomdla incwadana ethi Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele? Lalisoloko liwubuza loo mbuzo kodwa alizange lifumane mpendulo yanelisayo. Lavuma ukufundisisa iBhayibhile. Njengoko lafunda izinto ezifunwa nguThixo laza lachukunyiswa yinyameko yothando lwakhe, laqonda ukuba lifanele lenze iinguqulelo kubomi balo. Layeka ukutshaya—umkhwa weminyaka enokuba ngama-60. Laqalisa ukuya kwiintlanganiso zebandla lasekuhlaleni, yaye ngoSeptemba 1997, uCatherine May wayelungele ubhaptizo lwamaKristu. Ngoxa wayelungele ukungena emanzini kuloo ndibano yesiphaluka, wabona omnye owayeza kubhaptizwa, ibhinqa elikhulileyo njengaye. Hayi indlela awothuka ngayo! Yayingudade wabo ncam, uEvelyn owayehlala kwenye idolophu. Akukho wayesazi ukuba omnye kwelinye icala uyafundisisa. Zehla iinyembezi zovuyo njengoko ezi ntandane zikhulileyo, zimanyaniswa kukuzahlulela kuYehova, ngoku zisiba ngoodade bokomoya.
Abanye abamkela amaNgqina baye baphazanyiswa ngokunzulu zizinto ezenzeka ezicaweni zabo kutshanje. UMaurice Haskins wafumana uncwadi kumaNgqina kaYehova okokuqala ngowe-1939. Kodwa wayengumxhasi othembekileyo weCawa yaseTshetshi yaye elilungu lebhunga lecawa yasekuhlaleni. Kwiminyaka emalunga nama-56 kamva, iNgqina elalikwindlu ngendlu lathetha nenkosikazi yomkhuluwa kaMaurice. Wacela ukuba elo Ngqina liphinde libuye ukuze lidibane noMaurice, ngokutsho kwakhe owayenemibuzo malunga neBhayibhile. Xa watyelelwayo, ngokukhawuleza uMaurice wacela elo Ngqina ukuba limbonise izibhalo ezicacisa imbono yeBhayibhile ngobufanasini nokumiselwa kwabafazi njengabafundisi. Kamva wavuma ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile kusetyenziswa incwadi ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade. Akazange enze nguqulelo ngokukhawuleza. Kodwa kamva, kwintlanganiso eyayiqhutywa nobhishophu, oko wakufundayo kwamshukumisela ukuba awulwele ngokuqinileyo umbandela wokumiselwa kwebhinqa njengomfundisi. (1 Tim. 2:12) Kungekudala warhoxa kwiCawa yaseTshetshi, waqalisa ukuya kwiintlanganiso kwiHolo yoBukumkani, yaye kubudala beminyaka engama-84, wayelungele ukubhaptizwa.
Abanye abantu baye bancedwa ngamaNgqina abonakalisa ukuqonda nokuzingisa. Xa elinye ibhinqa lazichaza ‘njengelingakholelwayo kubukho bukaThixo nelisisazinzulu ngezentlalo,’ ngokuzolileyo uJacqueline Gamble walibuza into elalikholelwa kuyo. Laphendula lathi: “Kubantu nakubomi.” Eli bhinqa lalixakekile, ngoko ke lo dade wethu walishiyela iphecana waza wathembisa ukubuya. Ehamba nomyeni wakhe uMartyn, uJacqueline watyelela elo khaya kwakhona waza wabuyela kuloo magqabaza aphathelele ‘abantu nobomi.’ Xa bafumanisa ukuba umyeni walo mninimzi, uGus wayenembono efanayo yaye wayengunontlalo-ntle, balungiselela ukudibana naye. UChristine, umfazi waqalisa ukufundisisa iBhayibhile waza wenza inkqubela ukusa kwinqanaba lokubhaptizwa. Kodwa uGus akazange avume ukutyelela iHolo yoBukumkani. Noko ke, waphawula ukuba ukususela oko uChristine waqalisa ukufundisisa namaNgqina, abantwana bakhe babesiba nentlonelo ngakumbi, ngendlela engaqhelekanga kwabanye abaselula abaninzi.
Izinto zaguquka kuGus ngowe-1978. Ebudeni bendibano yezizwe ngezizwe e-Edinburgh, eSkotlani, ngomoya wokubuk’ iindwendwe umfazi wenzela ikofu iqela labavakalisi ababenikela ubungqina kummandla wakhe. Phakathi kwabo kwakukho amalungu athile eQumrhu Elilawulayo. Ngaphambi kokuba bemke kuloo ndlu, bahlamba ezo zitya babezisebenzisa. Ukufika kukaGus ekhaya ngaloo ngokuhlwa, echukumisekile uChristine wamxelela ngeendwendwe zakhe ezazingalindelekanga. UGus wathi: “Andinambono wekhadinali isityelela ize ihlambe izitya!” Kungekudala emva koko, xa babekwikhefu eFransi, uGus waya nentsapho yakhe kwiHolo yoBukumkani. Wachukunyiswa yindlela abamkelwa ngayo nothando abaluboniswayo. Kwangoko waqonda ukuba olo thando unokulufumana kuphela kubafundi bokwenyaniso bakaKristu Yesu. (Yoh. 13:35) Kungekudala ebuyele e-Edinburgh, waqalisa ukufunda, wafumana iimpendulo ezanelisayo kwimibuzo awayesoloko eziqhekeza intloko ngayo, waza wahlulela ubomi bakhe kuYehova.
Kakade ke, kwintsimi enabantu abanomdla omncinane okanye abangenawo, kufuneka amaNgqina kaYehova anyamezele yaye abe nesimo sengqondo esihle ukuze aqhubeke ebatyelela. Bekuya kuba lula ukudimazeka emva kokuchitha iiyure ugxekwa yaye ungakhathalelwanga. AmaNgqina ayisingatha njani le meko? UEric Hickling waseLouth eLincolnshire uyavuma esithi: “Ukungakhathalelwa kunzima yaye kulucelomngeni.” Ukucamngca ngemizekelo yexesha elidluleyo kumnceda akwazi ukuzingisa. “Ndithandaza ngokunyaniseka yaye ngokufuthi. Ndiye ndicinge ngoMoses, uYeremiya, uPawulos phofu ke nangoYesu.”
Ukunyamezela ngokunyaniseka nentsikelelo kaYehova ngabona thunywashe babalulekileyo abafaka isandla kulwando oluye lwenzeka. Kwiminyaka engama-39 eyadlulayo, uFrank noRose Macgregor babelwa kwidolophu enabantu abanenzondelelo ngonqulo yaye bengawamkeli amaNgqina kaYehova. Basijonga njani eso sabelo? UFrank ukhumbula oku: “Ndandineentloni yaye ndiziva ndingafanelekanga kwaphela. Kodwa mna nomfazi wam sasijonga njengesabelo esivela kuYehova.” Oku kwabanceda balondoloza isimo sengqondo esihle. “Sathandazela ukuba abantu balapho bayamkele inyaniso.” Ngenxa yaloo nkonzo yokunyaniseka, ngoku kukho ibandla elinabavakalisi abangama-74 apho, kubo ababini kwabathathu bayifunde kanye kuloo dolophu inyaniso. AbakwaMacgregor abazingombi izifuba ngoku; kuphela nje banombulelo kuba besetyenziswe nguYehova.—2 Kor. 4:7.
UGeoff Young, onexesha elide eliNgqina osaqhubeka etyelela amabandla, ucacisa esithi: “Ndisoloko ndibabuza abazalwana indlela abaye baqhuba ngayo kubulungiseleli babo ngaloo mini.” Ukuba abanye bathi bahambe kakubi, ubaxelela ukuba bacinge ngezinto ezininzi ezintle abaye bazifeza. Ubakhumbuza athi: “Siye sema ngakwicala likaYehova. Siphile ngokuvisisana nozahlulelo lwethu. Sisebenze kunye ‘nengelosi ephaphazela esazulwini.’ Sibe nenxaxheba ekukhuthazeni abanye ukuba bazi uYehova. Sinikele ubungqina njengesilumkiso.” Wandula ke aqiqe nabo athi ukuba baye bafeza konke oku, banokutsho njani ukuthi bahambe kakubi? UGeoff uhlabela mgama aze athi: “Abantu basabela ngokweemeko abakuzo noko kusezintliziyweni zabo. Okona kubalulekileyo kukuthembeka kwethu ekunikeleni ubungqina sivakalisa iindaba ezilungileyo.”—ISityhi. 14:6; 1 Kor. 4:2.
Ukuvuyiswa ‘Yintsikelelo KaYehova’
Abaninzi eBritani bebengamaNgqina kaYehova akhutheleyo kangangeminyaka engama-20, 40, 50 okanye ngaphezulu. Bavakalelwa njani ngoko bakwenzayo? KwiMizekeliso 10:22, iBhayibhile ithi: “Intsikelelo kaYehova—yiyo etyebisayo, yaye akongezi ntlungu kuyo.” Amashumi amawaka amaNgqina kaYehova aseBritani ngokobuqu anokunikela ubungqina ngobunyani baloo mazwi.
“Lelona lungelo likhulu liphathiswe abantu.” Leyo yindlela uCornelius Hope waseBasingstoke, ngoku ophakathi kwiminyaka yakhe yama-70 ubudala abuchaza ngayo ubulungiseleli bamaKristu emva kokuba nesabelo kubo kangangesiqingatha senkulungwane. UAnne Gillam, owabhaptizwa phantse kwiminyaka engama-50 eyadlulayo onomyeni ongumveleli wesiphaluka, uthetha ngobulungiseleli bakhe ‘njengendlela yokubonisa uthando ngoYehova nangoNyana wakhe.’
UDennis Matthews, owabhaptizwa ngowe-1942, uyacacisa: “Ubulungiseleli ndibufanisa nokutya—buyandomeleza ngokomoya. Kukho ulwaneliseko ekwenzeni ukuthanda kukaThixo enoba abantu bayaphulaphula okanye akunjalo.” Umfazi wakhe uMavis, wongezelela athi: “Ekubeni ndikhonze uYehova ukususela ebutsheni, ndivakalelwa kukuba abukho ubomi obulunge ngaphezu kobo.”
Abo bebengamaNgqina ixesha elide bavakalelwa njani ngabantu nendlela abasabela ngayo? Emva kweminyaka engaphezu kwengama-40 ekwinkonzo kaYehova, uMuriel Tavener uthi: “Abantu basifuna ngaphezulu kunanini na ngaphambili kuba abalufumani ncedo lokomoya lokwenyaniso kuwo nawuphi na omnye umthombo.” Yaye kwenzeka ntoni xa belwamkela olo ncedo? Umyeni wakhe, uAnthony ukuchaza oku ngale ndlela: “Ukubona abantu besamkela inyaniso baze benze iinguqulelo kubomi babo kukubukela ummangaliso njengoko umoya kaYehova utsala abantu ukuze bamnqule.”
Kukho ulwaneliseko ekwabelaneni nabanye ngethemba elinokunikelwa kuphela liLizwi likaThixo. Xa uFred James, umveleli wesixeko sasePlymouth, eDevon nomfazi wakhe bekhangela ngasemva kwiminyaka yabo yenkonzo, bancede abantu abangaphezu kwe-100 benza inkqubela baze babhaptizwa. Abaninzi kubo ngoku bakhonza njengabadala, izicaka zolungiselelo noovulindlela. Bobathathu oonyana babo baba ngoovulindlela ukuphuma kwabo esikolweni yaye ngoku bakhonza njengabadala. Omnye wabo, uDavid, owaphumelela eGiliyadi, ukhonza njengomvangeli wasemazweni nanjengelungu leKomiti yeSebe lasePakistan. Hayi indlela obuye basikelelwa ngayo ubomi bukaMzalwana noDade James!
Iminyaka emininzi yenkonzo yokuthembeka iye yabangela amaNgqina amaninzi aseBritani ukuba abone imiphumo emihle yobulungiseleli bawo. URichard noHazel Jessop babekhonza uYehova kangangesiqingatha senkulungwane okanye ngaphezulu, inkoliso yelo xesha bekwinkonzo yexesha elizeleyo. Baye banceda abantu abaninzi babona ukubaluleka kokuzahlulela kuYehova, bantu abo baxabiseke bonke kwabakwaJessop. Noko ke, isifundo sabo noJack noLyn Dowson sisakhumbuleka ngokukhethekileyo. Baqalisa ngotyelelo lobuhlobo lwabantu abangabakhaya. (uHazel noJack bobabini bavela kumntla-mpuma weNgilani.) Kungekudala olo tyelelo lwaba sisifundo seBhayibhile. Noko ke, ngaxa lithile uJack wathi bafanele bakhe bathi xha ngeso sifundo. URichard waphendula wathi: “Hayi, aninakuyenza loo nto. Nimele niyigqibe le ncwadi kuqala, nandule niyeke ukuba ninqwenela ukwenjenjalo.” Ngoko, abazange ‘bayeke.’ Kunoko, bazahlulela kuYehova, baqalisa umsebenzi wobuvulindlela baza baba ngamalungu entsapho yaseBheteli. Ngoku uJack ukhonza kwiKomiti yeSebe.
Indlela abanye abaselula abaye basabela ngayo kwinyaniso yeBhayibhile iye yabangela umdla okhethekileyo kwabanye. URobina Owler nomyeni wakhe uSydney abangoovulindlela kummandla waseDundee eSkotlani, bavuyiswa gqitha yinkqubela eyenziwa nguPaul Kearns owaqalisa ukuza kwikhaya labo kwizifundo zeBhayibhile xa wayeneminyaka eli-12 ubudala. Ngokukhawuleza inyaniso yafikelela entliziyweni yakhe, kodwa uyise wamalela ukuba aqhubeke efunda, uPaul walinda de wamdala waya kwanokholeji eAberdeen ngaphambi kokuba aqhubeke nesifundo sakhe seBhayibhile. Wenza inkqubela ngokukhawuleza. Emva kokuba ebhaptiziwe wazibekela usukelo lokuba nguvulindlela. Ngowe-1992 waya kwiSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli. Ngoxa wayekhonza njengomdala eSheffield, wazibhokoxa ekufundeni iSpanish, yaye ngowe-1998 wafumana isabelo senkonzo yobuvangeli basemazweni ePanama.
Bangaphezu kwama-10 000 eBritani abakwinkonzo yobuvulindlela. Bazixabisa ngokwenene iintsikelelo ezifumaneka kule nkonzo. Ngokomzekelo, uBill noJune Thompstone babesele beneminyaka engaphezu kwesibhozo betshatile yaye babengoovulindlela ukufumana kwabo umntwana wabo wokuqala. Ekuhambeni kwexesha, baba namantombazana amathathu. Bazimisela ukugcina inkonzo yobuvulindlela kwindawo yokuqala kubomi bentsapho yabo. Ucwangciso lwabo lwaluxakekile, kodwa ukwenza kwabo izinto kunye njengentsapho kwabanceda baphumelela. UBill uchaza athi: “Sasisoloko sizipha ixesha namantombazana. Ngoxa babefika kwishumi elivisayo, izinto zazisenjalo. Xa befuna ukuya kutyibiliza emkhenkceni, kwibhola eqengqwayo, ukudada okanye ukudlala ibhola, sasihamba nabo.” Ngoku la mantombazana mathathu atshatile yaye akhonza njengoovulindlela abathe ngxi. Onke anandipha oko uBill akubiza ngokuba “yeyona ndlela ilungileyo yokuphila.”
Namhlanje, bangama-77 abazalwana abakhonza njengabaveleli abahambahambayo eBritani (inkoliso yabo etshatileyo). Obu bubomi obuquka ucwangciso oluxakekileyo, iveki ngeveki, unyaka nonyaka. UGeoff Young waba kule nkonzo de kwafuneka enze uhlengahlengiso ngenxa yeengxaki zokwaluphala nempilo. Yena nomfazi wakhe uVee, babengoonothwali-mpahlana yaye behlala kumakhaya ahlukeneyo veki nganye. Uvakalelwa njani uVee ngolo hlobo lobomi? Uphendula ngokuthi: “Kwakungekho nzima kangako kuba sasisongezwa kwintsapho yethu yamaKristu isihlandlo ngasinye xa sityelele ibandla. Sasisiva ukufudumala kobuzalwana naphi na apho siya khona. Nasiphi na isabelo uYehova asinika sona sasinceda thina kubomi bethu.” Ngoxa benandipha iintsikelelo zangoku, bajonge phambili koko bakufunjathelwe likamva. UGeoff uyacacisa: “Le nkqubo iphelile ngoku. Iphele ngokwenene. Emva koko siya kuba nethemba elimangalisayo lokuba nenxaxheba ekubuyiselweni kwalo mhlaba kwimeko yeparadesi. Kuya kuqaliswa izifundo zeBhayibhile ezininzi lwakuba luqalisile uvuko lwabafileyo—hayi indlela omkhulu ngayo umsebenzi ofanele wenziwe!” Umfazi wakhe wongezelela athi: “Kubangel’ imincili ukwazi ukuba akukho nto inokuba ngumqobo kuYehova.”
Ukukhuthaza “Ukuphila Ngendlela KaThixo”
Yaba sisihlandlo esichulumancisayo, ngoJulayi 1998, xa kwaqhutywa iindibano zezizwe ngezizwe ezisithoba ezinomxholo obalaseleyo othi “Ukuphila Ngendlela KaThixo” ngaxeshanye eBritani—e-Edinburgh, eLeeds, eManchester, eWolverhampton, eDudley, eNorwich, eLondon, eBristol nasePlymouth. Kwakukho iindwendwe ezivela kumazwe angaphezu kwama-60. Ucwangciso olupheleleyo lwalungaqhutywa ngesiNgesi nje kuphela kodwa nangesiFrentshi, iSpanish nesiPunjabi. Kwimpela-veki elandelayo indibano yaqhutywa ngesiGrike.
Amalungu amane eQumrhu Elilawulayo—uJohn Barr, uTheodore Jaracz, uAlbert D. Schroeder noDaniel Sydlik—ayekho kwiindibano zaseBritani, yaye xa ethetha, zonke iindawo ezinendibano zaziqhagamshelaniswa ngobugcisa be-elekroniki. Okunye okwabangel’ imincili yayikukubakho kwabavangeli basemazweni abakhonza kumasimi amanye amazwe. Kuloo makhulu aseBritani aye athunyelwa kwinkonzo yobuvangeli basemazweni, babeli-110 ababekho kwezi ndibano. Inzondelelo nomoya wabo wokuzincama wawuchukumisa kubo bonke abo babephulaphule udliwano-ndlebe olwenziwa kunye kucwangciso.
Oko kwakubonwa yaye kuviwa kwezi ndibano kwazichukumisa ngokunzulu iintliziyo zababekho, kuquka nabaselula. Isigqibo esathatyathwayo xa kwakuqosheliswa ucwangciso lwendibano sabethelela kakuhle ukuphila ngendlela kaThixo nabathi bonke ababelapho bazimisela ukuhamba ngayo. Emva kocwangciso, unyana oneminyaka emine ubudala wesinye isibini esingamaNgqina saseDarlington wathi: “Mama, ndimthanda ngokwenene uYehova. Ndinithanda gqitha wena noTata, kodwa uYehova ndimthanda ngokugqithiseleyo.” Xa wabuzwa isizathu sokuba atsho, wachaza into yokuba uYehova wasinika ithemba leParadesi waza wathumela uNyana wakhe ukuze asifele, “ngoko ndimele ndimthande ngokugqithiseleyo.”
Ekuqukunjelweni kocwangciso e-Edinburgh naseLondon, iindwendwe ezivela kumazwe ahlukeneyo zatshangatshangisa iitshefu zaza zandula ke zatsho ngentswahla yezandla. Kwanasemva kokuba ucwangciso luphelile, abaninzi baqhubeka becula iingoma zoBukumkani, ngaloo ndlela benikela indumiso esuka entliziyweni kuYehova.
Ubungqina Obuye Banikelwa
Kuye kwanikelwa ubungqina obuninzi eBritani. Kwaqaliswa ngowe-1881 xa kwasasazwa amakhulu amawaka amaphecana eBhayibhile kwizixeko ezikhulu kwithutyana nje leeveki ezimbalwa. Enye yembewu eyatyalwa ngoko yaqalisa ukuthwala isiqhamo. Kwithutyana leenyanga ezintandathu ngowe-1914, i-“Photo-Drama of Creation” yaboniswa kwizixeko ezingama-98 kubantu abasisi-1 226 650. Ukuqhambuka kweMfazwe Yehlabathi I, kwakukho amabandla ali-182 eBritani. Ebudeni beminyaka yee-1920 neyee-1930, kwakusenziwa unako nako wokunikela ubungqina njengoko amanani akhulayo abo babenxulumene namabandla ayesiba nesabelo kubulungiseleli bendlu ngendlu, enikela ubungqina ngokobuqu kubaninimzi. Ukususela ngeMfazwe Yehlabathi II, kuye kwanikelwa iiyure ezizi-650 746 716 ezingakumbi kubulungiseleli eBritani, amabuyelo azizi-297 294 732 kutyelelwa abantu abanomdla kwahanjiswa iincwadi neencwadana ezizi-74 105 130 ukongezelela kumaphephancwadi azizi-567 471 431 aye ahanjiswa ebantwini. Ngokomlinganiselo, amaNgqina kaYehova eBritani athetha nabantu kumakhaya abo izihlandlo ezibini ukusa kwezithathu ngonyaka.
AmaNgqina kaYehova aziwa ngeyona ndlela ngokushumayela kwawo kwindlu ngendlu kangangokuba xa bevula iminyango yabo baze babone abantu abanxibe kakuhle, abaninimzi abaninzi ngokukhawuleza babuza bathi: “NingamaNgqina kaYehova?”
Umhlaba Ozaliswe Lulwazi NgoYehova
Ngowe-1891 njengoko uC. T. Russell wayeqwalasela intsimi yaseBritani, wayibona ‘njengelungele ukuvunwa.’ Kucacile ukuba oku kuvunwa kwenziwa ebudeni bokuqosheliswa kwale nkqubo yezinto sele kuza kuphela. Yaye hayi indlela esibe sikhulu ngayo esi sivuno! Ngonyaka we-1900, kwakukho aBafundi beBhayibhile (njengoko amaNgqina kaYehova ayebizwa njalo ngoko) abali-138 nje kuphela eBritani, inkoliso yabo bengamaKristu athanjiswe ngokomoya. Ngoku elo nani liphindaphindwe izihlandlo ezingama-910. Ngelo xesha ummeli osemthethweni owayesetyenziswa ngaBafundi beBhayibhile wawuvula isebe lakhe lokuqala ngaphandle kwaseUnited States. Ngoku kukho amasebe ali-109 ehlabathini lonke. Kumazwe amakhulu aseMerika, kukho amasebe angama-24. Amanye angama-25 aseYurophu. Kukho ali-19 akwilizwekazi laseAfrika. EAsia nakwiziqithi ezikwiindawo ezahlukahlukeneyo zomhlaba, kukho amanye amasebe angama-41. Esebenzisana ngaxhatha linye nawo, amaNgqina azizigidi ezi-5,9 anenxaxheba ekuzukisweni kwegama likaYehova nasekwaziseni iindaba ezilungileyo zoBukumkani bakhe phantsi kukaYesu Kristu. Yaye azimisele ukuqhubeka enikela ubungqina de uThixo athi kwanele.
Amanzi anika ubomi sele equkuqela ephuma kwitrone yasezulwini kaYehova uThixo neyoNyana wakhe, uYesu Kristu. Ngeyona ndlela ibalaseleyo esi simemo siyadluliselwa: “Lowo unxaniweyo makeze; lowo uthandayo makawathabathe amanzi obomi ngesisa.” (ISityhi. 22:1, 17) Ebudeni boLawulo Lweminyaka Eliwaka lukaYesu Kristu xa kuvuswa abafileyo, akuthandabuzeki ukuba izigidi zamawaka ezingakumbi ziya kuba nethuba lokuxhamla kweli lungiselelo lothando, elinokuzenza zifumane ubomi obungunaphakade. Ucwangciso lwemfundo yobuthixo eye yaphunyezwa ukuza kuthi ga ngoku sisiqalo nje. Ngaphambi kwethu, kwinkqubo entsha kaThixo yezinto, kuza ixesha xa ngomlinganiselo opheleleyo “umhlaba ngokuqinisekileyo uya kuzaliswa kukwazi uYehova njengamanzi egubungele ulwandle.”—Isa. 11:9.
[Maps/Pictures on page 86, 87]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
ENGLAND
IiHolo zeNdibano ngokufanelekileyo zikho kulo lonke elo lizwe: (1) Manchester, (2) North London, (3) Dudley, (4) Surrey, (5) East Pennine, (6) Bristol, (7) Edgware
[Imifanekiso]
East Pennine
Edgware
Surrey
Manchester
Bristol
[Umfanekiso ozalise iphepha, kwiphepha 66]
[Imifanekiso ekwiphepha 70]
UTom Hart
[Umfanekiso okwiphepha 72]
Iofisi yesebe yokuqala yoMbutho
[Imifanekiso ekwiphepha 72]
Izakhiwo ezisetyenziswayo ngoku
[Imifanekiso ekwiphepha 74, 75]
Bafuduka baya kukhonza kwintsimi yabemi basemzini: (1) UClaude Goodman, (2) URobert Nisbet, (3) UEdwin Skinner, (4) UJohn Cooke, (5) UEric Cooke, (6) UGeorge Phillips, (7) UGeorge Nisbet. Ngasemva: Ii“colporteurs” zisiya eMpuma Afrika
[Umfanekiso okwiphepha 79]
UFranziska Harris ubonisa umdla okhethekileyo kwizicakakazi
[Umfanekiso okwiphepha 90]
UVera Bull, ukhonza eKholombiya
[Umfanekiso okwiphepha 90]
UBarry noJeanette Rushby—‘babesoloko befuna ukwenza okungakumbi’
[Umfanekiso okwiphepha 92]
ISikolo Senkonzo Yobuvulindlela kwiHolo yeNdibano eDudley
[Umfanekiso okwiphepha 95]
Intsapho yeBheteli yaseBritani kunqulo lwakusasa
[Umfanekiso okwiphepha 96]
Abaphumelele kwiklasi yokuqala yeSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli eBritani
[Umfanekiso okwiphepha 102]
IHolo yoBukumkani yokuqala eyakhiwe ngesiquphe eBritani (eWeston Favell, eNorthampton)
[Umfanekiso okwiphepha 107]
UMichael noJean Harvey
[Umfanekiso okwiphepha 108, 109]
Oovulindlela abakhetha ukukhonza kumabandla athetha iilwimi zasemzini
[Umfanekiso okwiphepha 116, 117]
UA. D. Schroeder edlan’ iindlebe namagqala kwintlanganiso yonyaka eLeicester ngowe-1983
[Umfanekiso okwiphepha 123]
Oovulindlela baseShetlands besiya kwisikhephe sokuloba kwintsimi yabo eselunxwemeni
[Umfanekiso okwiphepha 131]
UJohn noMildred Barr
[Umfanekiso okwiphepha 133]
IKomiti YeSebe (ukusuka ngasekhohlo ukusa ngasekunene). Abahleli phantsi: Peter Ellis, John Wynn. Abemiyo: Bevan Vigo, Stephen Hardy, John Andrews, Ron Drage, Jack Dowson, Dennis Dutton
[Imifanekiso ekwiphepha 138, 139]
Umsebenzi wokunikela ubungqina awukagqitywa
[Imifanekiso ekwiphepha 140, 141]
Abanye kwabo bakhangela emva kwiminyaka emininzi bekwinkonzo ngokuthembeka: (1) USydney noRobina Owler, (2) UAnthony noMuriel Tavener, (3) URichard noAnne Gillam, (4) UGeoff noVee Young, (5) UFred noRose James, (6) UCornelius noRiky Hope, (7) UDennis noMavis Matthews, (8) URichard noHazel Jessop